Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UDavide ucingisisa ngesivumelwano uYehova asenze naye

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

UYehova Uthembisa UDavide

UYehova Uthembisa UDavide

UYehova wathembisa uDavide ukuba kuza kuphuma ubukumkani kwinzala yakhe (2Sa 7:11, 12, umbhalo osemazantsi; w10 4/1 20 ¶3; jonga umfanekiso ongaphandle)

Ezinye izinto uYehova awazithembisa uDavide zaye zenzeka kuMesiya (2Sa 7:13, 14; Heb 1:5; w10 4/1 20 ¶4)

Izinto ezintle eziza kwenzeka ngenxa yolawulo lukaMesiya ziza kubakho ngonaphakade (2Sa 7:15, 16; Heb 1:8; w14 10/15 10 ¶14)

Ilanga nenyanga zisikhumbuza ukuba ulawulo lukaMesiya luza kuhlala ngonaphakade. (Nd 89:35-37) Xa uzijongile, cinga ngendlela uYehova athembise ukuba uza kunisikelela ngayo wena nentsapho yakho esebenzisa uBukumkani Bakhe.