Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Izinto Onokuzenza Xa Unexhala

Izinto Onokuzenza Xa Unexhala

 Ukuba nexhala kakhulu kusenokukwenza ugule kuze kutshintshe nendlela oziva ngayo. Kusenokude kukwenze ube nezinye iingxaki ezingaphezu kwale ubunayo kwasekuqaleni.

Amacebiso Anokukunceda Ungabi Naxhala Kakhulu

  •  Nciphisa indlela ozibukela, ozimamela nozifunda ngayo iindaba ezibuhlungu. Akunyanzelekanga ukuba wazi yonk’ into ngeengxaki ezenzekayo. Ukuba usoloko umamela, ubukela, okanye ufunda iindaba ezibuhlungu ezininzi uza koyika kakhulu uze uphelelwe nalithemba.

     Umgaqo weBhayibhile: “Umoya ophantsi utheza amandla.”—IMizekeliso 17:22.

     “Kulula ukuvele uzibone sele umane usiya kwi-intanethi qho uyojonga ukuba ziintoni ezothusayo ezenzekileyo nezintsha. Kodwa ke loo nto ayincedi. Ixhala liyehla xa ungamameli okanye ubukele iindaba kakhulu.”—UJohn.

     Khawucinge ngale nto: Ukudinga kangakanani ukusoloko usazi izinto ezisand’ ukwenzeka ezintsha ezindabeni?

  •  Yiba nezinto ozenza qho. Khawukhe uzame ukuvuka, utye, wenze izinto zakho uze uyolala ngexesha elifanayo yonke imihla. Ukuba izinto usoloko uzenza ngexesha elifanayo, uza kude uziqhele, ibe loo nto iza kukunceda ukuba ungabi naxhala kakhulu.

     Umgaqo weBhayibhile: “Amacebo omntu okhutheleyo aza kumenza aphumelele ngokuqinisekileyo.”—IMizekeliso 21:5.

     “Ngoku kwakuqala ikhorona, ndayeka ukwenza izinto endandiqhele ukuzenza ndaza ndasoloko ndihoye ukuzonwabisa. Ndandifuna ukulisebenzisa kakuhle ixesha lam, ngoko ndabhala phantsi izinto endandiza kuzenza suku ngalunye.”—UJoseph.

     Khawucinge ngale nto: Ngaba kwizinto ozenza qho, ikhona ekwenza uzive ukuba wenze into ebalulekileyo xa kuphela usuku?

  •  Hoya izinto ezintle ebomini bakho. Uza kuba nexhala kakhulu ukuba usoloko ucinga ngezinto ezidlulileyo obunokuzenza ngenye indlela, okanye ngezinto ezimbi ezisenokwenzeka. Endaweni yokwenza loo nto, khawucinge ngezinto ezimbini okanye ezintathu onombulelo ngazo.

     Umgaqo weBhayibhile: “Hlalani nibulela.”—Kolose 3:15.

     “Ukufunda iBhayibhile kundinceda ndicinge ngezinto ezintle. Le nto indinceda nyhani ndingacingi ngezinto ezimbi. Isenokubonakala ngathi yinto elula njee le, kodwa iyasebenza!”—ULisa.

     Khawucinge ngale nto: Ngaba usoloko ucinga ngezinto ezimbi ezenzeka ebomini bakho uze ungacingi tu ngezintle?

  •  Cinga ngabanye. Xa unexhala, kusenokwenzeka ukuba uye uthande ukuhlala wedwa. Kodwa khawuzame ukucinga ngendlela onokubanceda ngayo abanye abadinga uncedo.

     Umgaqo weBhayibhile: “Ningacingeli kuphela iziqu zenu, kodwa nibacingele nabanye.”—Filipi 2:4.

     “Kuyandivuyisa ukwenzela abanye izinto. Kaloku xa ndibenzela izinto, nabo batsho bonwabe. Nakum libe ngathi liyehla noko ixhala. Phofu kuba ndixakeka kukunceda abanye, andibinalo nelo xesha lokucinga izinto ezindenza ixhala.”—UMaria.

     Khawucinge ngale nto: Ngoobani abadinga uncedo kubantu obaziyo ibe ungabanceda njani?

  •  Hlala usempilweni. Jima uze ulale ngokwaneleyo. Yitya ukutya okusempilweni. Ukuhoya umzimba nempilo yakho kunokukunceda ungabi naxhala uze ube nethemba.

     Umgaqo weBhayibhile: ‘Ukujima kuyanceda.’—1 Timoti 4:8, umbhalo osemazantsi.

     “Mna nonyana wam asisoloko sikwazi ukuphuma siyojima. Ngoko enye yezinto esizenzayo endlini, kukujima qho. Le nto isincede sonwaba saza savana nakakhulu.”—UCatherine.

     Khawucinge ngale nto: Ngaba udinga ukutshintsha indlela otya nojima ngayo ukuze ube sempilweni?

 Emva kokusebenzisa la macebiso anceda abantu bangabi naxhala kakhulu, abaninzi baye bancedakala kukufunda izithembiso zekamva elibhetele eziseBhayibhileni. Funda inqaku elithi, “Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo?