Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ungayilawula Njani Indlela Obusela Ngayo Utywala?

Ungayilawula Njani Indlela Obusela Ngayo Utywala?

 Abanye abantu babusela kakhulu utywala xa benestres, beziva bebodwa, okanye benesithukuthezi. Wena, usela kakhulu ngoku kunakuqala? Ukuba uyavuma, ungenza ntoni ukuze uqiniseke ukuba awude unxile xa usela okanye uxhomekeke etywaleni? Nazi izinto ezinokukunceda ulawule indlela obusela ngayo utywala.

 Yeyiphi indlela yokusela eyamkelekileyo?

 Into Ethethwa YiBhayibhile: “Sukuba phakathi kwabantu abasela kakhulu.”—IMizekeliso 23:20.

 Cinga ngale nto: IBhayibhile ayithi kurongo ukusetyenziswa kotywala ngendlela eyamkelekileyo. (INtshumayeli 9:7) Kodwa iyawuchaza umahluko okhoyo phakathi kokusela ngendlela eyamkelekileyo, ukusela kakhulu nokunxila. (Luka 21:34; Efese 5:18; Tito 2:3) Nokuba awudanga wanxila, kodwa ukusela kakhulu utywala, kungakwenza ungazenzi kakuhle izigqibo, ugule, okanye ungabi nobuhlobo obuhle nabanye.—IMizekeliso 23:29, 30.

 Abasemagunyeni bayawazi umahluko okhoyo phakathi kokusela utywala ngendlela eyamkelekileyo nokubusela kakhulu. Baye babale ukuba umntu ubusele kangaphi utywala ngemini nokuba zingaphi iintsuku abusele ngazo ngeveki. a Kodwa ke, utywala abubaphathi ngendlela efanayo bonke abantu ibe ngamanye amaxesha kuye kube ngcono babuyeke. IWorld Health Organization ithi:

 “Kwezinye iimeko, nokusela isiselo sibe sinye okanye eziyi-2 ingakukusela kakhulu—ngokomzekelo:

  •   Xa uqhuba okanye usebenzisa umatshini.

  •   Xa ukhulelwe okanye uncancisa.

  •   Xa unamayeza okanye iipilisi ozisebenzisayo.

  •   Xa unesigulo esithile.

  •   Xa ungakwazi ukuyilawula indlela osela ngayo.”

 Indlela yokubona ukuba ubusebenzisa kakubi utywala

 Into Ethethwa YiBhayibhile: “Makhe sizikhangele yaye sihlole iindlela zethu.”—IZililo 3:40.

 Cinga ngale nto: Ungakwazi ukuzikhusela kwiingxaki ezibangelwa butywala, ujonga indlela obusebenzisa ngayo, uze uyitshintshe xa kuyimfuneko. Nazi izinto onokubona ngazo ukuba ubusebenzisa kakubi utywala.

  •   Ukuze wonwabe, uxhomekeke etywaleni. Ubona ngathi ukuze uphole, uncokole nabantu okanye wonwabe ufanele usele. Uyasela ukuze umelane neengxaki zakho.

  •   Usela ngaphezu kwendlela obuqhele ukusela ngayo. Usela kakhulu. Usela utywala obustrongo ibe kuye kufuneke usele kakhulu ukuze uzive ngale ndlela obuqhele ukuziva ngayo kuqala.

  •   Ukusela kukwenza ube neengxaki ekhaya nasemsebenzini. Ngokomzekelo uchitha imali eninzi etywaleni.

  •   Wenza izigqibo ezinokukufaka engxakini emva kokuba uselile, ezinjengokuqhuba, ukuqubha nokusebenzisa umatshini.

  •   Ibenzela ixhala abanye le nto yokusela kwakho. Xa bekuxelela, uyazithethelela. Uyazifihla xa usela kwabanye okanye ubaxokise ngendlela osela ngayo.

  •   Awukwazi ukubuyeka utywala. Uzamile ukusela kancinci okanye uyeke kwaukusela, kodwa akwalunga.

 Izinto eziyi-5 ezinokukunceda ulawule indlela osela ngayo

 1. Yenza icebo.

 Into Ethethwa YiBhayibhile: “Amacebo omntu okhutheleyo aza kumenza aphumelele ngokuqinisekileyo.”—IMizekeliso 21:5.

 Khawuzame le nto: Khetha iintsuku evekini, oza kusela ngazo. Gqiba ukuba uza kusela kangakanani ngezo ntsuku. Emva koko khetha iintsuku ezimbini ngeveki ongazukusela ngazo.

 Umbutho waseU.K onceda abantu babusebenzise kakuhle utywala uthi “Xa umane uphumla ekuseleni utywala, loo nto ikunceda ungaxhomekeki kubo.”

 2. Lisebenzise icebo lakho.

 Into Ethethwa YiBhayibhile: ‘Wugqibe umsebenzi owuqalileyo.’—2 Korinte 8:11.

 Khawuzame le nto: Funda ukuba bungakanani utywala ofanele ubusele ukuze uzozibala kakuhle iziselo zakho. Khangela iziselo ozithandayo ezingenabo utywala, uhlale unazo.

 INational Institute on Alcohol Abuse and Alcoholism yaseMerika ithi, “Utshintsho oluncinci lungakunceda unciphise iingxaki eziza nokusela utywala.”

 3. Ungajiki kwizigqibo ozenzileyo.

 Into Ethethwa YiBhayibhile: ‘“UEwe” wakho makabe nguewe, “noHayi” abe nguhayi.’—Yakobi 5:12.

 Khawuzame le nto: Kulungele ukuthi “Hayi” ngobubele ukuba umntu ukunika isiselo esiza kuphazamisana necebo lakho.

 INational Institute on Alcohol Abuse and Alcoholism yaseMerika ithi “Ukuba ukhawuleza uthi hayi xa unikwa ezi ziselo, akuzukuba lula ukunikezela.”

 4. Hlala ucinga ngendlela eziza kukunceda ngayo izigqibo ozenzileyo.

 Into Ethethwa YiBhayibhile: “Kubhetele ukuphela kwento kunokuqalwa kwayo.”—INtshumayeli 7:8.

 Khawuzame le nto: Bhala phantsi izizathu ezibangela ufune ukulawula indlela obusela ngayo utywala. Faka nezinto ezifana nokuphucula ixesha olilalayo, impilo, iimeko zemali, nobuhlobo bakho nabanye. Ukuba uncokola nabanye ngezigqibo zakho, thetha ngendlela oncedakala ngayo kunokuthetha ngeengxaki.

 5. Cela uThixo akuncede.

 Into Ethethwa YiBhayibhile: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undinika amandla.”—Filipi 4:13.

 Khawuzame le nto: Ukuba iyakukhathaza indlela osela ngayo, thandaza kuThixo ucele akuncede. Mcele akunike amandla ukwazi ukuzibamba. b Kwaye funda ukuba iLizwi lakhe iBhayibhile lingakunceda njani. Angakunceda ukwazi ukulawula indlela osebenzisa ngayo utywala.

a IDepartment of Health and Human Services eMerika ithi, “ukuba ibhinqa lisela iziselo eziyi-4 ngemini, okanye eziyi-8 ngeveki ize indoda isele eziyi-5 ngemini okanye eziyi-15 ngeveki, loo nto ithetha ukuthi basela kakhulu.” Indlela eyamkelekileyo yokusela utywala iyahluka ngokwamazwe, ngoko buza kwabezempilo ukuze wazi ukuba yeyiphi indlela eyamkelekileyo ofanele usele ngayo wena.

b Ukuba awukwazi kulawula indlela osela ngayo, cela uncedo kwabo baqeqeshelwe ukunceda abantu abanengxaki yotywala.