IMizekeliso 3:1-35

  • Yiba sisilumko uze uthembele ngoYehova (1-12)

    • Mnike imbeko uYehova ngezinto zakho ezixabisekileyo (9)

  • Ubulumko buzisa ulonwabo (13-18)

  • Ubulumko buyakhusela (19-26)

  • Indlela efanelekileyo yokuphatha abantu (27-35)

    • Benzele izinto ezintle abanye xa ukwazi (27)

3  Nyana wam, ungayilibali imfundiso yam,*Kwanga intliziyo yakho ingayigcina imiyalelo yam,   Kuba iya kukongezela imihla emininziNeminyaka yobomi noxolo.+   Ungaze wahlukane nothando olungagungqiyo nokuthembeka.*+Zibophelele entanyeni yakho;Zibhale entliziyweni yakho;+   Uza kutsho wamkeleke uze ube ngumntu onobulumkoEmehlweni kaThixo nawabantu.+   Thembela ngoYehova+ ngayo yonke intliziyo yakho,Ungathembeli* kwindlela oziqonda ngayo izinto.+   Uze umkhumbule ezindleleni zakho zonke,+Ibe uza kuyenza iphumelele indlela yakho.+   Uze ungabi sisilumko kwawakho amehlo.+ Yoyika uYehova, usuke ebubini.   Loo nto iza kuwuphilisa umzimba wakho,*Iwahlaziye namathambo akho.   Mnike imbeko uYehova ngezinto zakho ezixabisekileyo,+Ngesivuno sokuqala semveliso* yakho yonke;+ 10  Baza kutsho bagcwale qhu oovimba bakho,+Neefatyi* zakho ziphuphume yiwayini entsha. 11  Nyana wam, uze ungayilahli ingqeqesho kaYehova,+Ungasenyanyi isohlwayo sakhe,+ 12  Kuba uYehova uyamohlwaya umntu amthandayo,+Kanye njengokuba notata emohlwaya unyana amthandayo.+ 13  Wonwabile umntu ofumene ubulumko+Nomntu ozuze ukuqonda; 14  Ukufumana ubulumko kubhetele kunokufumana isilivere,Nenzuzo yabo ibhetele kunokuba negolide.+ 15  Buxabiseke ngaphezu kweekorale;*Akukho nanye into oyinqwenelayo enokulinganiswa nabo. 16  Esandleni sabo sasekunene bubomi obude;Esandleni sabo sasekhohlo bubutyebi nozuko. 17  Iindlela zabo ziyathandeka,Zonke iindlela zabo zezoxolo.+ 18  Bungumthi wobomi kwabo babambelela kubo;Abo babambelela nkqi kubo kuya kuthiwa bonwabile.+ 19  UYehova wawuseka ngobulumko umhlaba.+ Wawazinzisa amazulu ngokuqonda.+ 20  Ngolwazi lwakhe wahlukanisa amanzi anzuluAza amafu asesibhakabhakeni avuza umbethe.+ 21  Nyana wam, ezi zinto* mazingasitheli emehlweni akho.Bukhusele ubulumko namandla okucinga; 22  Ziya kukunika ubomi,Zibe sisihombo sentamo yakho; 23  Ngoko uza kuhamba ukhuselekile,Nonyawo lwakho soze lukhubeke.*+ 24  Xa ulala, awuzukoyika;+Buza kwehla ubuthongo, ulale yoyi.+ 25  Awuzukoyika nayiphi na intlekele equbulayo+Nesaqhwithi esiza kufikela abenzi-bubi.+ 26  Kuba uYehova uza kuhlala elithemba lakho;+Soze aluyeke unyawo lwakho lungene emgibeni.+ 27  Sukwala ukubenzela izinto ezilungileyo abo bazidingayo*+Xa unamandla okubanceda.+ 28  Sukuthi kummelwane wakho, “Hamba; uze uphinde ubuye! Ndiza kukunika ngomso,” Ube ukwazi ukumnika ngoku. 29  Sukumenzela iyelenqe ummelwane wakho+Xa ecinga ukuba ukhuselekile kuwe. 30  Sukuxabana nomntu ngaphandle kwesizathu+Engakwenzanga nto.+ 31  Sukummonela umntu okhohlakeleyo+Okanye ukhethe nayiphi na kwiindlela zakhe, 32  Kuba uYehova uyamenyanya umntu onamaqhinga,+Kodwa ungumhlobo osenyongweni walowo wenza izinto ezintle.+ 33  UYehova uyayiqalekisa indlu yabenzi-bubi,+Kodwa uyayisikelela indlu yamalungisa.+ 34  Uhlekisa ngabo abo bagxekayo,+Kodwa uyabathanda abo balulamileyo.+ 35  Izilumko ziza kufumana imbeko njengelifa,Kodwa zona izidenge ziza kwambatha ihlazo.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ungawulibali umthetho wam.”
Okanye “nenyaniso.”
Ngokoqobo, “Ungayami.”
Ngokoqobo, “iza kuyiphilisa inkaba yakho.”
Okanye “Ngesona sixa sikhulu sengeniso.”
Okanye “Nezixovulelo.”
Kubonakala ukuba kubhekiselwa kwiimpawu zikaThixo ekuthethwe ngazo kwiivesi ezingaphambili.
Okanye “lubetheke naphi na.”
Okanye “banelungelo lokuzifumana.”