IiNdumiso 34:1-22

  • UYehova uyabasindisa abakhonzi bakhe

    • “Masiliphakamise kunye igama lakhe” (3)

    • Ingelosi kaYehova iyakhusela (7)

    • “Ziveleni, nizibonele ukuba uYehova ulungile” (8)

    • ‘Akukho nalinye ithambo lakhe elaphuliweyo’ (20)

EkaDavide, xa wazenza igeza+ phambi koAbhimeleki owamgxothayo, waza wemka. א [Aleph] 34  Ndiza kumdumisa uYehova ngalo lonke ixesha;Imilebe yam iza kuhlala imdumisa. ב [Beth]   Ndiza kuqhayisa ngoYehova;+Abalulamileyo baza kuva baze bavuye. ג [Gimel]   Menzeni mkhulu uYehova kunye nam;+Masiliphakamise kunye igama lakhe. ד [Daleth]   Ndabuza kuYehova, waza wandiphendula.+ Wandisindisa kuzo zonke izinto endizoyikayo.+ ה [He]   Abo babejonge kuye bakhazimla;Ubuso babo babungenakuhlazeka. ז [Zayin]   Olihlwempu wacela uncedo, uYehova weva. Wamsindisa kuzo zonke iintlungu zakhe.+ ח [Heth]   Ingelosi kaYehova ikhusela abo bamoyikayo,+Ize ibasindise.+ ט [Teth]   Ziveleni, nizibonele ukuba uYehova ulungile;+Iyavuya indoda ebalekela kuye. י [Yod]   Moyikeni uYehova, nonke nina bantu bakhe bangcwele,Kuba abadingi nto abo bamoyikayo.+ כ [Kaph] 10  Kwaneengonyama ezinamandla zilambile,Kodwa abo bafuna uYehova, akukho nto ilungileyo baza kuyidinga.+ ל [Lamed] 11  Yizani bonyana bam, ndimameleni;Ndiza kunifundisa ukoyika uYehova.+ מ [Mem] 12  Ngubani kuni obuthandayo ubomi,Ongathanda ukonwaba nokuphila ixesha elide?+ נ [Nun] 13  Ngoko makalugade ulwimi lwakhe lungathethi izinto ezimbi,+Nemilebe yakhe ingathethi izinto ezilahlekisayo.+ ס [Samekh] 14  Makasuke kwizinto ezimbi, enze ezilungileyo;+Afune uxolo, asebenzele ukulufumana.+ ע [Ayin] 15  Amehlo kaYehova ajonge kumalungisa,+Neendlebe zakhe zimamele ukukhalela kwawo uncedo.+ פ [Pe] 16  Kodwa uYehova uyabacaphukela abo benza izinto ezimbi,Ibe uza kubenza bangaphindi bakhunjulwe mntu emhlabeni.+ צ [Tsade] 17  Bakhala, uYehova wabeva;+Wabasindisa kuzo zonke iintlungu zabo.+ ק [Qoph] 18  UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo;+Uyabasindisa abo batyumkileyo emoyeni.*+ ר [Resh] 19  Zininzi iingxaki* zelungisa,+Kodwa uYehova ulisindisa kuzo zonke.+ ש [Shin] 20  Ugada onke amathambo alo;Akukho nalinye elaphuliweyo.+ ת [Taw] 21  Umenzi-bubi uza kubulawa yintlekele;Abo balicaphukelayo ilungisa baza kufunyaniswa benetyala. 22  UYehova uyabusindisa ubomi babakhonzi bakhe;Akukho namnye kwabo babalekela kuye oza kufunyaniswa enetyala.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “batyhafileyo.”
Okanye “iintlekele.”