Isaya 45:1-25

  • Kukhethwa uKoreshi ukuba ahlasele iBhabhiloni (1-8)

  • Udongwe alunakuxabana noMbumbi walo (9-13)

  • Ezinye iintlanga zihlonipha amaSirayeli (14-17)

  • UThixo unokuthenjwa kuba wadala yaye akafihli nto (18-25)

    • Umhlaba udalelwe ukuba kuhlalwe kuwo (18)

45  Uthi uYehova kuKoreshi,+ umthanjiswa wakhe,Lowo ndiye ndambamba ngesandla sasekunene+Ukuze ndoyise iintlanga phambi kwakhe,+Ukuze ndiboxuthe izixhobo ookumkani;*Ukuze ndivule phambi kwakhe iingcango ezivulwa ngambini,Ukuze iigeyithi zingavalwa:   “Ndiza kuhamba phambi kwakho,+Ibe iinduli ndiza kuzenza zithi tyaba. Iingcango zekopolo ndiza kuziqhekeza zibe ziingceba,Nemivalo yentsimbi ndiza kuyisika.+   Ndiza kukunika ubutyebi ebumnyameniNobutyebi obufihlwe kwiindawo ezifihlakeleyo,+Ukuze wazi ukuba ndinguYehova,UThixo kaSirayeli, Lowo ukubize ngegama.+   Ukuze kulungelwe umkhonzi wam uYakobi noSirayeli, lowo ndimnyulileyo,Ndikubiza ngegama. Ndikunika igama lembeko, nangona ubungandazi.   NdinguYehova, ibe akakho omnye uThixo. Ndim ndedwa uThixo.+ Ndiza kukomeleza,* nangona ubungandazi,   Ukuze abantu baziUkususela empuma ukuya kutsho entshona*Ukuba akakho omnye ngaphandle kwam.+ NdinguYehova, akakho omnye uThixo.+   Ndidala ukukhanya+ ndize ndidale nobumnyama,+Ndidala uxolo+ ndize ndenze nentlekele;+Zenziwa ndim, mna Yehova, zonke ezi zinto.   Nina mazulu nethisani ubulungisa oku kwemvula;+Namafu mawathulule izantyalantyala zobulungisa. Umhlaba mawuvuleke, uze uchume lusindiso,Mawenze nobulungisa buntshule kwangaxeshanye.+ Mna Yehova, ndiyidalile loo nto.”   Uza kuthi shu lowo uxabana* naLowo Umenzileyo,*Kuba uyingceba nje yengqayi yodongwePhakathi kwezinye iingceba ezisasazeke phantsi! Lungatsho na udongwe kuMbumbi* walo ukuba: “Wenza ntoni?”+ Okanye umsebenzi wezandla zakho uthi: “Akanazandla ke lowo”?* 10  Uza kuthi shu lowo uthi kutata wakhe: “Ungutata wantoni?” Nothi kumama wakhe: “Yintoni le uyizalayo?”* 11  Uthi uYehova, Lowo Ungcwele kaSirayeli,+ Lowo wambumbayo: “Undibuza njani ngezinto ezisezayo,Khona, undiyalela ngabuni ukuba mandenze ntoni ngoonyana bam,+ umsebenzi wezandla zam. 12  Ndenza umhlaba,+ ndaza ndadala nomntu okuwo.+ Amazulu ndawaneka ngezi zam izandla,+Ikwandim noyalela umkhosi wawo wonke.”+ 13  “Kuba ndililungisa, ndiye ndaphakamisa indoda ethile,+Ibe ndiza kuzenza zithi tyaba zonke iindlela zayo. Siza kwakhiwa yiyo isixeko sam,+Ikhulule nabantu bam abathinjiweyo+ ingakhange ikhuphe ntlawulo nasinyobo,”+ utsho uYehova wemikhosi. 14  Uthi uYehova: “Inzuzo yaseYiputa* nezinto ezithengiswa ngamaTiyopiya namaShebha* ziza kuba zezakho. La madoda athe ncothu ngesithomo, amaTiyopiya namaShebha,Aza kuza kuwe, abe ngawakho. Aza kuhamba emva kwakho ebotshelelwe ngamatsheyini. Aza kuza, aqubude kuwe.+ Aza kuza kuwe aze athandaze athi, ‘Ngokuqinisekileyo, uThixo unawe,+Kwaye akakho omnye; akakho omnye uThixo.’” 15  Nyhani unguThixo ozifihlayo,Yhini Thixo kaSirayeli, Msindisi.+ 16  Baza kuhlaziswa baze bathotywe xa bebonke;Bonke abantu abenza izithixo baza kuhamba bethe nyoxo lihlazo.+ 17  Ke yena uSirayeli uza kusindiswa nguYehova ngonaphakade.+ Anizukuhlaziswa, ningazukuphoxeka ngonaphakade.+ 18  Kuba uthi uYehova,UMdali wezulu,+ uThixo wokwenene,Lowo wadala umhlaba, noMenzi wawo, owawenza wazinza,+Ongawudalelanga ukuba uhlale nje,* kodwa owudalele ukuba kuhlalwe kuwo:+ “NdinguYehova, akakho omnye uThixo. 19  Andithethanga ndisendaweni efihlakeleyo,+ endaweni yesithokothoko sobumnyama;Andikhange ndithi kwinzala* kaYakobi,‘Ndifuneni, kodwa imizamo yenu iza kuba yinkcitha-xesha.’ NdinguYehova, ibe ndithetha izinto ezibubulungisa, ndithetha izinto ezilungileyo.+ 20  Qokelelanani, nize. Sondelani nonke nina basinde ezintlangeni.+ Abazi nowathwethwa abo bahlala bephethe imifanekiso eqingqiweyoBaze bathandaze kuthixo ongakwazi nokubasindisa.+ 21  Masive ingxelo yenu, zithetheleleni sive. Ewe, mabathethe bemanyene. Ngubani na owayithetha kwakudala le nto?Ngubani na owakuxelelayo ukususela kanye kwelo xesha? Ayindim na, mna Yehova, ekungekho Thixo ungomnye ngaphandle kwam;uThixo olilungisa noMsindisi,+ ekubeni engekho omnye ngaphandle kwam?+ 22  Balekelani kum ukuze nisindiswe+ nina nonke bantu basemhlabeni,Kuba ndim uThixo, akakho omnye.+ 23  Ndifunge ngam siqu;Ilizwi eliphume emlonyeni wam lithembekile,Ibe alizukujika+ Onke amadolo aza kuguqa kum,Zonke iilwimi ziza kufunga ukuba ziza kundilandela,+ 24  Zithi, ‘Ngokuqinisekileyo uYehova nguThixo wobona bulungisa namandla. Bonke abo balwa naye baza kuza kuye behlazekile. 25  Yonke inzala* kaSirayeli iza kubona ukuba yenze kakuhle ngokuthembela ngoYehova+Ibe iza kuqhayisa ngezinto ayenzele zona.’”

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “ndikhulule imibhinqo ezinqeni zookumkani.”
Ngokoqobo, “Ndiza kukubhinqisa ndikuqinise.”
Okanye “ekuphumeni kwelanga ukuya kutsho ekutshoneni kwalo.”
Okanye “uphikisana.”
Okanye “naLowo Umenzileyo.”
Okanye “kuMenzi.”
Okanye kusenokwenzeka, “Okanye udongwe luthi: ‘Into oyenzileyo ayinamiqheba’?”
Okanye “Yintoni le ikwenza ube nenimba?”
Okanye kusenokwenzeka, “Abasebenzi baseYiputa.”
Okanye kusenokwenzeka, “noosomashishini baseTiyopiya naseShebha.”
Okanye kusenokwenzeka, “ungabi nanto.”
Ngokoqobo, “kwimbewu.”
Ngokoqobo, “imbewu.”