Kubalisa UMateyu 7:1-29

  • INTSHUMAYELO YASENTABENI (1-27)

    • Yekani ukugweba (1-6)

    • Qhubekani nicela, nifuna, ninkqonkqoza (7-11)

    • Phatha abanye ngendlela ofuna ukuphathwa ngayo (12)

    • Igeyithi encinci (13, 14)

    • Babonwa ngeziqhamo zabo (15-23)

    • Indlu ephezu kolwalwa nendlu ephezu kwesanti (24-27)

  • Abantu bamangaliswa yindlela afundisa ngayo uYesu (28, 29)

7  “Yekani ukugweba+ ­ukuze nani ningagwetywa;  kuba indlela enigweba ngayo, niza kugwetywa kwangayo nani,+ nendlela enibaphatha ngayo abanye, baza kuniphatha ngayo nani.*+  Kutheni ke ujonga udiza olukwilihlo lomzalwana wakho, ube ungaliboni iplanga elikwelakho ilihlo?+  Okanye ungatsho njani kumzalwana wakho ukuthi, ‘Yiza ndikhuphe udiza elihlweni lakho,’ ube wena uneplanga kwelakho ilihlo?  Mhanahanisindini!* Khawuqale ukhuphe elo planga likwelakho ilihlo ukuze ubone kakuhle, ngaphambi kokuba ukhuphe udiza kwilihlo lomzalwana wakho.  “Sanukunika izinja izinto ezingcwele, okanye ninike iihagu iiperile zenu,+ hleze zizinyathele zize zijike zinihlasele.  “Qhubekani nicela, niza kuphiwa;+ qhubekani nifuna, niza kufumana; qhubekani ninkqonkqoza, niza kuvulelwa;+  kuba wonke umntu ocelayo uyaphiwa,+ wonke umntu ofunayo uyafumana, yaye wonke umntu onkqonkqozayo uza kuvulelwa.  Ngubani ke nyhani apha kuni, onokuthi xa unyana wakhe ecela isonka, suke amnike ilitye? 10  Okanye athi ecela intlanzi, suke amnike inyoka? 11  Ngoko ke, ukuba nina, nakubeni ningaboni, niyakwazi ukupha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uTata wenu osemazulwini ukubapha izinto ezilungileyo+ abo bamcelayo!+ 12  “Ngoko ke, baphatheni abanye abantu ngendlela nani enifuna ukuphathwa ngayo.+ Le yeyona nto uyifundisayo uMthetho nabaProfeti.+ 13  “Ngenani ngegeyithi encinci,+ kuba inkulu igeyithi, ivulekile nendlela eya entshabalalweni, yaye baninzi abantu abangena ngayo. 14  Kodwa incinci igeyithi, incinci nendlela eya ebomini, yaye bambalwa abayifumanayo.+ 15  “Balumkeleni abaprofeti bobuxoki+ abeza kuni bembethe ufele lwegusha,+ kodwa ngaphakathi beziingcuka ezinyolukileyo.+ 16  Niza kubabona ngeziqhamo zabo. Abantu abakhi iidiliya okanye amafiya* emithini yameva, andithi?+ 17  Ngokufanayo, imithi emihle ivelisa iziqhamo ezihle, kodwa yona imithi ebolileyo ivelisa iziqhamo ezibolileyo.+ 18  Imithi emihle ayinakuvelisa iziqhamo ezibolileyo, nemithi ebolileyo ayinakuvelisa iziqhamo ezihle.+ 19  Yonke imithi engavelisi ziqhamo zihle iza kugawulwa iphoswe emlilweni.+ 20  Ngokuqinisekileyo, niza kubabona ngeziqhamo zabo abo baprofeti.+ 21  “Ayingabo bonke abathi kum, ‘Nkosi, Nkosi,’ abaza kungena eBukumkanini bamazulu, kodwa kuza kungena kuphela lowo wenza ukuthanda kukaTata osemazulwini.+ 22  Ngaloo mini, abaninzi baza kuthi kum: ‘Nkosi, Nkosi,+ asizange siprofete egameni lakho na, sakhupha iidemon egameni lakho, senza nemimangaliso emininzi egameni lakho?’+ 23  Kodwa mna ndiza kuthi kubo: ‘Andinazi nokuba ningoobani! Hamban’ apha, nina zaphuli-mthetho!’+ 24  “Ngoko ke, wonke umntu ozivayo ezi zinto ndizithethayo aze azenze, uza kufana nesilumko esakha indlu phezu kolwalwa.+ 25  Kuthi xa kunetha kakhulu, kusibakho izikhukula, kuvuthuza nomoya, ubethe kuloo ndlu, ingadiliki, kuba yakhelwe phezu kolwalwa. 26  Ngaphezu koko, wonke umntu ozivayo ezi zinto ndizithethayo aze angazenzi, ufana nesidenge esakha indlu phezu kwesanti.+ 27  Kuthi xa kunetha kakhulu, kusibakho izikhukula, kuvuthuza nomoya, ubethe kuloo ndlu,+ idilike, iwe yonke.” 28  Wathi uYesu egqiba ukuthetha, babe bonke abo bantu bemangalisiwe yindlela afundisa ngayo,+ 29  kuba wayefundisa njengomntu onegunya,+ engafundisi njengababhali babo.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “nesikali enisisebenzisa kwabanye, siza kusetyenziswa kuni.”
Oko kukuthi, umntu ozenza ilungisa engelilo.
Okanye “amakhiwane.”