Ileta KaYakobi 3:1-18

  • Ukwenza ulwimi luzole (1-12)

    • Abaninzi akufuneki babe ngabafundisi (1)

  • Ubulumko obuvela emazulwini (13-18)

3  Bazalwana bam, abaninzi kuni abamelanga babe ngabafundisi, kuba thina bafundisayo siza kufumana umgwebo ongaphezu kowabanye abantu.+  Sonke sihlala sizenza iimpazamo.*+ Ukuba kukho ongenzi mpazamo xa ethetha, loo mntu ufezekile, ibe uyakwazi ukuwulawula ngomkhala wonke umzimba wakhe.  Ihashe silifaka umkhala ukuze lisilulamele, sitsho sikwazi ukulilawula ngokupheleleyo.  Khanicinge nangenqanawa: Nangona inkulu kangako ibe iqhutywa nayimimoya enamandla, umqhubi uyilawula ngephini elincinci kakhulu ukuze ayise apho afuna iye khona.  Lunjalo ke nolwimi; lulilungu lomzimba elincinci, kodwa ndlela le luqhayisa ngayo. Andithi nehlathi elikhulu litshiswa yintlantsi nje yomlilo?  Nolwimi lungumlilo.+ Lolona lugcwele ububi kuwo onke amalungu ethu omzimba, kuba luyawungcolisa umzimba,+ yaye lunokubutshabalalisa ubomi bomntu ngendlela iGehena* etshabalalisa ngayo.  Kaloku zonke iintlobo zezilwanyana zasendle, iintaka, izilwanyana ezirhubuluzayo nezaselwandle ziyakwazi ukwenziwa zizole, ibe kudala abantu beyenza loo nto.  Kodwa lona ulwimi, akukho nomnye umntu onokukwazi ukulwenza luzole. Alulawuleki, luyonzakalisa ibe lugcwele ityhefu ebulalayo.+  Ngalo sidumisa uTata wethu uYehova,* kodwa siphinde kwangalo sishwabulele abantu abenziwe “ngokufana noThixo.”+ 10  Umlomo uyasikelela, uze kwawona uphinde uqalekise. Bazalwana bam, izinto azimele zenzeke ngale ndlela.+ 11  Kungenzeka na ukuba umthombo omnye ukhuphe amanzi amnandi, uze kwawona ukhuphe akrakra ngexesha elinye? 12  Bazalwana bam, andithi umthi wamafiya* soze uvelise iminquma, ungasoze nomthi weediliya uvelise amafiya?+ Soze ke nomthombo wamanzi anetyiwa ukhuphe amanzi amnandi. 13  Ukuba ukho umntu osisilumko noyisebenzisayo ingqondo phakathi kwenu, loo nto mayicace kwindlela entle aziphethe ngayo ebonisa ukuba uzolile kwaye usisilumko. 14  Kodwa ukuba niyabamonela abanye abantu+ ibe nithanda ukuxabana,*+ sanukuqhayisa+ nithi nizizilumko, kuba niza kube niyaxoka. 15  Obu ayibobulumko buvela emazulwini, kodwa bobehlabathi,+ bobobulwanyana, ibe buqhutywa ziidemon. 16  Naphi na apho kukho umona nokuxabana,* kusoloko kukho isiphithiphithi nezinto ezimbi.+ 17  Kodwa ubulumko obuvela emazulwini, okokuqala bumsulwa,+ budala uxolo,+ bubhetyebhetye,+ bulungele ukuthobela, buhlala bunenceba ibe buvelisa iziqhamo ezihle,+ abukhethi buso+ kwaye abuhanahanisi.*+ 18  Kwakhona, isiqhamo sobulungisa sityalwa xa kukho uxolo,+ kusenzelwa abo badala uxolo.*+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “sihlala sikhubeka.”
Okanye “wamakhiwane.”
Okanye kusenokwenzeka, “nicinezela abanye, kuba nifuna ukuphumelela.”
Okanye kusenokwenzeka, “ukucinezelwa kwabanye, kuba kukho abafuna ukuphumelela.”
Oko kukuthi, umntu ozenza ilungisa engelilo.
Okanye kusenokwenzeka, “ngabo badala uxolo.”