Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Zigcine Ungumqabaqaba

Zigcine Ungumqabaqaba

Ukuzigcina ungumqabaqaba kunokukunceda uphucule kwizifundo zakho—singasathethi ke kwindlela ophila ngayo.

YINTO efanelekileyo ukuwunyamekela lo mzimba uwuphiwe nguThixo. (INdumiso 139:14) Umzekelo: Masithi unemoto, kodwa akukhe uziphe ixesha lokuyinyamekela. Akunakuba kudala ingonakali. Kunjalo ke nangomzimba wakho. Kufuneka ntoni ukuze “uwunyamekele”?

Phumla.

Ukungalali ngokwaneleyo kungakushiya unembonakalo exazalala ucubhukile, ingqondo ibhadula yaye uxinezelekile. Kwelinye icala, ukulala ngokwaneleyo kukukwenza ube nodlamko. Kuphinda kukuncede nasekukhuleni, kuphucule amandla engqondo nawokuzikhusela komzimba, kuze kukuncede ukwazi ukujamelana neengxaki. Khawufan’ ucinge, into encinane kangaka nje—ukulala, kodwa ikunceda kwizinto ezininzi!

Icebiso: Ukuba kunokwenzeka, ziqhelise ukulala ngexesha elifanayo mihla le.

Ukutya okunesondlo.

Abantwana abakwishumi elivisayo bakhula ngokukhawuleza. Xa beneminyaka eli-10 neli-17 ubudala, ngakumbi amakhwenkwe bayiphinda kabini loo mizimba yabo icekeceke. Nawo amantombazana akhula ngokuphanyaza kweso. Imizimba esakhulayo ifuna izinto ezininzi zokuyikhulisa namandla. Qinisekisa ukuba umzimba wakho uyazifumana izondlo ozifunayo.

Icebiso: Sukuphoswa sisidlo sakusasa. ‘Ukufumana isixhaso’ ngaphambi kokuba uye esikolweni kunokunceda ukwazi ukunikel’ ingqalelo ixesha elide.

Ukuzilolonga.

IBhayibhile iyavuma ukuba ‘ingqeqesho yomzimba iluncedo.’ (1 Timoti 4:8, iBhayibhile YesiXhosa) Ukuzilolonga kunokuzomeleza izihlunu namathambo akho, ubenamandla okunyamezela, ungatyebi ngokugqithiseleyo, kulole ingqondo, umzimba ube namandla okuzikhusela angakumbi, kuphelise ukucinezeleka utsho udlamke. Kakade ke, ukuzilolonga kunokuba yinto yokuzonwabisa, kuba umntu unokuzilolonga ngendlela ayithandayo!

Undoqo: Ukulala ngokwaneleyo, ukutya okunezondlo, ukuzilolonga ngendlela efanelekileyo kuya kukunceda ugcine umzimba wakho uphilile. Loo nto iya kukunceda uphucule eklasini. *

Kutheni ungaqalisi kwangoku? Yiba nexesha elifanelekileyo lokuzilolonga yaye ubambelele kulo. Bhala phantsi ixesha olala ngalo nendlela otya ngayo kangangenyanga, uze emva koko uphawule iinkalo ekufuneka uphucule kuzo.

“Xa ndiye ndenza umthambo ngokuhamba, ndiye ndifumane amandla angakumbi—kwanokuba bendidiniwe ukuqala kwam.”—UJason, eNew Zealand.

“Ndiye ndizixelele ukuba, uThixo usenzele ukutya ukuze imizimba yethu ibe namandla, ngoko umzimba wam ndiwunika loo mandla uwafunayo!”—UJill, eUnited States.

“Ndibaleka izihlandlo ezithathu ngeveki, ndize ndizilolonge ngebhayisekile okanye ngokuhambahamba kabini ngeveki. Ukuzilolonga kundinika amandla angakumbi kuze kuphelise uxinzeleko.”—UGrace, eOstreliya.

^ isiqe. 9 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokuphathelele impilo yakho, funda isahluko 10 sencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.