Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UDLIWANO-NDLEBE | NOCÉLINE GRANOLLERAS

Ugqirha Wezintso Uchaza Isizathu Sokuba Abe Nokholo

Ugqirha Wezintso Uchaza Isizathu Sokuba Abe Nokholo

UGqr. Céline Granolleras uyinkunkqele ekunyangeni izifo zezintso eFransi. Emva kweminyaka engaphezu kweyi-20 engugqirha, uye wavuma ukuba kukho uMdali osithandayo. UVukani! uye wambuza ngomsebenzi nangokholo lwakhe.

Khawusibalisele ngokukhula kwakho.

Ekhaya safudukela eFransi sisuka eSpeyin xa ndandineminyaka esithoba. Abazali bam babengamaKatolika, kodwa ke xa ndandineminyaka eyi-16 ndayeka ukukholelwa kuThixo. Ndandisithi unqulo alunanto yakwenza nobomi. Xa ndibuzwa ukuba ubomi babakho njani xa kungekho Thixo, ndandisithi, “Okwangoku, izazinzulu azikakwazi ukuwuphendula lo mbuzo, kodwa ngenye imini ziza kukwazi.”

Kwakutheni ukuze ufunde ngezifo zezintso?

Ndandifundela ukuba ngugqirha kwisikolo esasikwidolophu yaseMontpellier eFransi. Omnye unjingalwazi owayefundisa apho wandicebisa ukuba ndisebenze kwisebe lezamayeza eliphanda ngezintso. Sasiphanda siphinde sinyamekele nezigulana. Yiloo nto kanye endandiyifuna. Ngo-1990 ndaqalisa ukufak’ isandla kuphando lokusetyenziswa kwechiza ekuthiwa yi-EPO, elilawula ukuveliswa kweeseli zegazi ezibomvu emathanjeni ethu. Ngelo xesha, abantu babesaqala ukwenza uphando ngalo mba.

Yintoni eyakwenza wacinga ngoThixo?

Ngo-1979 umyeni wam uFloréal waqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Kodwa ke mna ndandingenamsebenzi naloo nto. Kaloku into enecawa phakathi yandidika ndisengumntwana. Noko ke, umyeni nabantwana bam baba ngamaNgqina, yaye kungekudala phantse bonke abahlobo bethu baba ngamaNgqina. Omnye wabo ekwakusithiwa nguPatricia wandicebisa ukuba ndiqalise ukuthandaza. Wathi: “Ukuba akukho mntu ezulwini, awuzukulahlekelwa nayipeni le emdaka. Kodwa ukuba  ukho, uza kubona.” Emva kweminyaka eliqela ndaqalisa ukuzibuza ukuba siphilela ntoni yaye ndakhumbula amazwi kaPatricia. Ndaqalisa ukuthandaza ndicela uThixo ukuba andincede ndifumane impendulo.

Yintoni eyakwenza wazibuza ngenjongo yobomi?

Ukuhlasela kwabagrogrisi eWorld Trade Center kwisixeko saseNew York kwandenza ndazibuza ukuba kutheni abantu besenza izinto ezimbi kangaka. Ndathi: ‘Abantu abathanda icawa ngendlela engenangqondo bayingozi kuthi. Nakuba kunjalo, mna ndiphahlwe ngamaNgqina kaYehova athanda uxolo. Akatshiseki ngendlela egqith’ emgceni. Athobela iBhayibhile. Ingathi kuza kufuneka khe ndiyifunde.’ Ngoko ke ndaqalisa ukuyifunda.

Ekubeni ungugqirha, ngaba kwakunzima ukuba ukholelwe kuMdali?

Tu kanti. Ndandiyithanda gqitha indlela entsonkothe ngayo imizimba yethu. Ngokomzekelo, iyamangalisa indlela ezikwazi ngayo izintso ukulawula iiseli ezibomvu kwigazi lethu.

Khawunabe!

Kwathi tha kum ukuba nguThixo kuphela onokukwazi ukwenza into entsonkothe ngolu hlobo

Njengoko usazi, iiseli ezibomvu zithwala ioksijini. Ukuba wopha kakhulu okanye unyukela kwindawo ephezulu, umzimba wakho awubi naoksijini yaneleyo. Izintso zethu ziyakwazi ukuva xa ioksijini iphela. Xa zisiva ukuba ioksijini iyaphela egazini, ziyalela umzimba ukuba ukhuphe i-EPO, kwaye ubungakanani be-EPO egazini bunokunyuka ngokuphindaphindwe kaliwaka. I-EPO le yenza ukuba umongo ukhuphe iiseli ezibomvu ezingakumbi, zize zona zithwale ioksijini engakumbi. Ngummangaliso lo! Into engumnqa kukuba le nto ndayifunda iminyaka elishumi ngaphambi kokuba kuthi tha kum ukuba nguThixo kuphela onokukwazi ukwenza into entsonkothe ngolu hlobo.

Wawucinga ntoni ngeBhayibhile?

Ndandifunde inqwaba yeencwadi zembali nezamabali, kodwa ndaqonda ngoko nangoko ukuba iBhayibhile ayifani tu nazo. Indlela eliluncedo ngayo icebiso layo iyenza icace ukuba ivela kumntu okrelekrele ngaphezu kwabantu. Ukufunda ngohlobo lomntu awayelulo uYesu kwanditsho ndee khamnqa. Ndatsho ndabona ukuba wayengumntu wokwenene. Wayeneemvakalelo kunye nabahlobo. Ekubeni ndandingafuni ukufunda iincwadi zamaNgqina kaYehova, ndandidla ngokuphanda kwiincwadi ezibhalwe ngabantu abakrelekrele beli hlabathi xa ndinemibuzo.

Wawuphanda ngantoni?

Ndafunda iincwadi zembali . . .Ekugqibeleni ndavuma ukuba isiprofeto seBhayibhile sasizaliseke ngexesha elililo

Enye yezinto eyaprofeta ngazo iBhayibhile ngunyaka awayeza kubhaptizwa ngawo uYesu. Ichaza ixesha elaliza kugqitha phakathi konyaka we-20 wokulawula kukakumkani uArtashashta wasePersi nonyaka awayeza kuziveza ngawo ukuba unguMesiya uYesu. * Ndikuqhelile ukwenza uphando—kukutya kwam oko. Ngoko ndaphanda kwiincwadi zembali ukuze ndibone ukuba wayelawula nini uArtashashta kunye nexesha awayeshumayela ngalo emhlabeni uYesu. Ekugqibeleni ndavuma ukuba isiprofeto seBhayibhile sasizaliseke ngexesha elililo yaye ifanele ukuba iphefumlelwe nguThixo.

^ isiqe. 19 Funda kwiphepha 197-199 lencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.