Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Ukunxibelelana Nabafi

Ukunxibelelana Nabafi

Ngaba kuphosakele ukuzama ukunxibelelana nabafi?

“Musani ukuphethukela kwabaneshologu . . . ukuze nizenze abangahlambulukanga ngabo.” —Levitikus 19:31.

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Ngokuqhelekileyo, abantu bafuna ukwazi ukuba izalamane nabahlobo babo abafileyo abeva zintlungu. Ngoko baye bathi: “Kutheni singayi egqirheni ukuze sinxibelelane naye? Mhlawumbi liya kusichazela okuthile ngaye, sitsho sixole.”

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile iyangqala xa kufikelelwa kumba wokunxibelelana nabafi—owawuxhaphakile mandulo. Ngokomzekelo, uMthetho uYehova uThixo awawunika uSirayeli wawusithi: “Maze kungafunyanwa namnye kuwe . . . obuza koneshologu . . . nobuzisa kwabafileyo. Kuba uYehova uyamcekisa wonke ubani ozenzayo ezi zinto.” (Duteronomi 18:10-12) IBhayibhile iphinda ithi bonke abo banxibelelana nabakwelemimoya nangayiphi na indlela, “abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” —Galati 5:19-21.

 Ngaba abafileyo banegalelo kubomi babaphilayo?

“Abaphilayo bayazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo, abazi nto konke konke.” INtshumayeli 9:5.

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Abantu abaninzi bakholelwa ukuba abafi bayaphila ngandlel’ ithile. Yiyo loo nto bezama ukuthetha nabantu abafileyo kuba befuna ukwazi okuthile okanye befuna ukubaxolisa ukuze bangabahluphi.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

“Kuba abaphilayo bayazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo, abazi nto konke konke . . . Uthando lwabo, intiyo yabo nekhwele labo [zinto ezo bebenazo ngoxa bebesaphila] sele latshabalala.” (INtshumayeli 9:5, 6) IBhayibhile itsho phandle ukuba abafileyo bafile! Akukho nto bayicingayo nabayenzayo, ibe abanako ukunqula uThixo. INdumiso 115:17 ithi: “Abafileyo abamdumisi [uThixo], bengenjinjalo nabo behlayo baye kwelokuthula.”

Abakhe bathethe inyani na abavumisi?

“Kufanele kucelwe kubantu abafileyo na ngenxa yabantu abaphilayo?” Isaya 8:19.

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Abanye abantu bathi abavumisi banokuchaza izinto ezaziwa ngabafi, izalamane kunye nabahlobo babo kuphela.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Isahluko 28 sencwadi yoku-1 kaSamuweli sisixelela ngoKumkani uSawule ongathembekanga owaphula umthetho kaThixo ngokuya kumfazi ovumisayo. Waya kumfazi ovumisayo, ekwabonakala ngathi umnxibelelanisa noSamuweli, indoda yakwaThixo eyayisele ifile! Ngaba yayinguSamuweli nyhani lowo? Akunjalo! Lo mfazi wayethetha nomkhohlisi owayezenza uSamuweli owayefile.

Loo mkhohlisi yayiyidemon esebenza “noyise wabo ubuxoki”—uSathana. (Yohane 8:44) Kutheni iidemon zisenza ngathi abafileyo bayaphila? Kuba zifuna ukunyelisa uThixo nokwenza abantu bangalithembi iLizwi lakhe iBhayibhile.—2 Timoti 3:16.

Ngaba ke oko kuthetha ukuba abantu abafileyo akukho themba ngabo? Hayi akunjalo! IBhayibhile ithembisa ukuba abo ‘balele’ emangcwabeni baza kuvuka. * (Yohane 11:11-13; IZenzo 24:15) Oko kuyasiqinisekisa ukuba izalamane zethu ezifileyo aziva zintlungu.

^ isiqe. 16 Isahluko 7 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? sinomxholo othi, “Ithemba Lokwenene Ngabantu Obathandayo Abafileyo.”