Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | Izizathu Ezithathu Zokungazibulali

Izinto Zinokutshintsha

Izinto Zinokutshintsha

“Siyabandezelwa ngandlela zonke, kodwa asixineki ngokokude singabi nakushukuma; siyathingaza, kodwa kungekhona ngokokude singabi nayo kwaphela indlela yokuphuma.”2 KORINTE 4:8.

Ukuzibulala kuchazwa “njengesicombululo sikanaphakade kwingxaki nje yokwexeshana.” Nokuba sekunzima kangakanani na, iimeko—nkqu nezo zibonakala zingenakulungiseka—zingatshintsha ungacinganga.—Funda ibhokisi ethi  “Iimeko Zabo Zatshintsha.”

Nokuba iimeko azide zitshintshe, kuhle ukuzilungisa kancinci kancinci iingxaki zakho. UYesu wathi: “Musani ukuxhalela ingomso, kuba ingomso liya kuba namaxhala alo. Imini nganye inobayo ububi obuyilingeneyo.”—Mateyu 6:34.

Kodwa kuthekani ukuba ingxaki yakho ayinakulungiseka? Ngokomzekelo, masithi unesifo esinganyangekiyo; ushiywe liqabane lomtshato okanye waswelekelwa ngumntu omthandayo.

Kwiimeko ezinjalo, ikho into onokuyitshintsha: unokutshintsha indlela oyijonga ngayo ingxaki okuyo. Ukuba uyakwamkela oko ungenakukutshintsha, utsho ukwazi ukuzibona ngeny’ indlela izinto. (IMizekeliso 15:15) Uya kukwazi ukuzinyamezela iingxaki onazo kunokuba uzame ukuziphelisa ngokuzibulala. Ngaloo ndlela, awusayi koyiswa ziingxaki, kodwa ziya koyiswa nguwe.—Yobhi 2:10.

KHUMBULA OKU: Awunakukwazi ukwenza umtsi omnye ukuya kutsho encotsheni yentaba; kodwa ukuba uyithela chu uza kude uyiqabele. Ngoko ke yenza okufanayo nakwiingxaki zakho, enoba zibonakala zingumnqantsa njengentaba.

OKO UNOKUKWENZA NAMHLANJE: Thetha nomntu othile ngengxaki yakho—mhlawumbi umhlobo okanye ilungu lentsapho. Loo mntu usenokukunceda.—IMizekeliso 11:14.