Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | INDLELA ONOKUNYAMEZELA NGAYO XA KUSEHLA IINTLEKELE

Ukulahlekelwa Ngumntu Wakho Omthandayo

Ukulahlekelwa Ngumntu Wakho Omthandayo

URonaldo, waseBrazil, wafumana ingozi yemoto eyabulala amalungu amahlanu entsapho yakhe, kuquka umama notata wakhe. Uthi: “Ndandisesibhedlele kangangeenyanga ezimbini ngaphambi kokuba ndive ngokufa kwabo kuloo ngozi yemoto.”

“Ekuqaleni ndandicinga ukuba kuyaxokwa xa kusithiwa bafile. Ndazibuza, bangafa njani bonke? Xa ndaqondayo ukuba le yinyani, ndothuka. Zange ndaba kwintlungu enje. Njengoko ixesha lihamba, ndavakalelwa kukuba ubomi abonwabisi ngaphandle kwabo. Ndandikhala ntsuku zonke kangangeenyanga! Ndazicaphukela ngenxa yokuvumela omnye umntu aqhube la moto, kuba ukuba kwakuqhuba mna, mhlawumbi ngebesaphila.”

“Sekudlule iminyaka elishumi elinesithandathu, yaye ndiye ndabuyela esiqhelweni. Noko ke intlungu yokufa kwabo indishiye ndinenxeba elinzulu entliziyweni.”

UKUNYAMEZELA INTLUNGU

Lila xa usentlungwini. IBhayibhile ithi, “kukho ixesha lokulila.” (INtshumayeli 3:1, 4) URonaldo uthi: “Xa ndifuna ukulila ndandilila. Ukubamba iinyembezi akuncedi, kunoko xa ulila kutsho kuthi qabu.” Kakade ke, asilili ngendlela efanayo. Ukuba ulilela ngaphakathi sukuzinyanzela iinyembezi xa zingezi kuba loo nto ayithethi kuthi uyazibamba iimvakalelo zakho.

Kulumkele ukuzikhetha. (IMizekeliso 18:1) URonaldo uthi: “Ndazama ukungazikhethi ebantwini. Xa bendityelela ndandibamkela. Yaye imbilini yam ndandiyiphalaza kumfazi wam nakubahlobo abasondeleyo.”

Zola xa kukho umntu othetha into ekukhathazayo. Isenokuba ngamazwi anjengathi “oku kwenzeke ngenjongo.” URonaldo uthi, “Amanye amazwi entuthuzelo endawafumanayo andenza ndakhathazeka.” Kunokusoloko ucinga ngamazwi akhathazayo, landela eli cebiso leBhayibhile: “Musa ukuyinikela intliziyo yakho kuwo onke amazwi abawathethayo abantu.”—INtshumayeli 7:21.

Funda inyaniso ngemeko yabafi. URonaldo uthi: “KwiNtshumayeli 9:5, iBhayibhile ibonisa ukuba abafileyo abeva zintlungu, yaye loo nto indenza ndixole. IBhayibhile ikwafundisa nokuba kuza kubakho uvuko yaye abafileyo baza kubuyela ebomini. Ngoko ndiye ndicinge ngabafileyo bam endaphulukana nabo ngenxa yokufa ngokungathi kukho apho bathe tsi khona.”—IZenzo 24:15.

Ngaba ubusazi? IBhayibhile ithembisa ixesha apho uThixo ‘eya kuginya ukufa ngonaphakade.’ *Isaya 25:8.

^ isiqe. 11 Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi, funda isahluko 7 sencwadi ethi: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Iyafumaneka nakwi-www.mt711.com/xh.