Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

NGABA YADALWA?

Ukupheqa Kweencam Zamaphiko Eentaka Xa Zibhabha

Ukupheqa Kweencam Zamaphiko Eentaka Xa Zibhabha

XA INQWELO-MOYA ibhabha, iincam zamaphiko ayo zibangela umoya onamandla. Lo moya wenza ukuba inqwelo-moya isebenzise amafutha amaninzi. Uphinda wenze kube nzima ukubhabha kwiinqwelo-moya ezilandela emva kwayo. Ngenxa yoko, xa iinqwelo-moya zisuka kwisikhululo esinye, zimele zilindane ukuze lo moya uthothe.

Iinjineli zeenqwelo-moya ziye zeza necebo lokulungisa ezi ngxaki. Ziye zakopa iincam ezipheqileyo zamaphiko eentaka ezibhabhela phezulu njengesangxa, ukhozi nengwamza.

Khawucinge ngoku: Xa ezi ntaka zinkulu zibhabha, iincam zamaphiko azo zijonga phezulu. Oku kwenza kube lula ukuthwala loo mizimba mikhulu ngamaphiko nje angekho makhulu kangako zize zibhabhe ngesantya esiphezulu. Iinjineli ziye zenza amaphiko eenqwelo-moya amile ngale ndlela. Emva kokwenza uhlolisiso, iinjineli zafumanisa ukuba, ukuba iincam zamaphiko eenqwelo-moya zinokugotywa zijonge phezulu, iinqwelo-moya zinokubhabha ngcono ngakumbi. Yintoni eyenza lo mahluko? IEncyclopedia of Flight ithi, iincam zamaphiko zithothisa lo moya unamandla. Ngaphezu koko la maphiko enza umoya owenza inqwelo-moya ibe namandla “ukuze imelane nazo naziphi ezinye izinto ezinokuyiphazamisa xa ibhabha.”

Ezi ncam zamaphiko zinceda inqwelo-moya ibhabhele phezulu, ithwale umthwalo omkhulu nangona inamaphiko amafutshane. La maphiko ayinceda ingasokoli xa iza kuma ize iphinde yonge namafutha. Ngokomzekelo ingxelo yeNASA ithi ngo-2010, iinkampani zeenqwelo-moya “zonga iilitha eziyi-7 600 zezigidi zamafutha eenqwelo-moya ehlabathini lonke” ibe oko kwanciphisa nomsi okhutshwa ziinqwelo-moya.

Ucinga ntoni? Ngaba iincam ezijonge phezulu zamaphiko eentaka ezibhabhela phezulu zazivelela? Okanye zadalwa?