Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Izilwanyana

Izilwanyana

Izilwanyana zinegalelo ebomini bethu, enoba kungayiphi na indlela. Ngaba siza kuphenduliswa ngendlela esiziphatha ngayo?

Abantu bamele baziphathe njani izilwanyana?

OKUTHETHWA NGABANTU

Abanye abantu bakholelwa ukuba bangenza unothanda ngezilwanyana. Kanti abanye bakholelwa ukuba zimele ziphathwe njengabantu.

  • Enye indoda elwela amalungelo ezilwanyana yathi, kumele kumiswe umthetho “okhusela izilwanyana ukuba zingaphathwa njengento nje yokwenz’ imali.” Yongezelela yathi: “Simele siyeke ukuphatha izilwanyana njengempahla yethu.”

  • Abaninzi bayibona iyinto ebaxekileyo into eyenziwa sesinye isityebi esinguLeona Helmsley esashiyela inja yaso ilifa le-R129 600 000, saza sayolela ukuba ingcwatywe ecaleni kwaso xa ifile.

Khawucinge ngoku: Uvakalelwa kukuba zimele ziphathwe njani izilwanyana?

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

UMdali wobomi uYehova uThixo waxelela abantu ukuba babe “nobukhosi kwiintlanzi zolwandle nakwizidalwa eziphaphazelayo emazulwini nakuzo zonke izidalwa eziphilayo ezinambuzelayo emhlabeni.” (Genesis 1:28) Ngoko, kufanelekile ukugqiba kwelokuba, kuThixo abantu bangaphezulu kunezilwanyana.

Ivesi engaphambi kwale sisandul’ ukuyicaphula ibethelela kwainto efanayo. Ithi: “UThixo wamdala umntu ngokomfanekiso wakhe, wamdala ngokomfanekiso kaThixo; wadala indoda nebhinqa.”—Genesis 1:27.

Ekubeni sidalwe “ngokomfanekiso kaThixo” sineempawu ezinjengobulumko, ubulungisa, nothando ezisenza sahluke. Kwakhona sizalwa siyazi indlela yokuziphatha ibe sinomnqweno wokukhonza uThixo. Izilwanyana azikwazi ukuzenza ezo zinto kuba azidalwanga “ngokomfanekiso kaThixo.” Zingaphantsi kwabantu kwaye azidalelwanga ukuba ziphathwe njengabo.

Ngaba ke loo nto ithetha ukuba abantu banelungelo lokuziphatha kakubi izilwanyana? Hayi.

  • KuMthetho wakhe awawunika amaSirayeli, uThixo waqinisekisa ukuba izilwanyana ziyaphumla, zinikwa ukutya, ziyancedwa xa zisengxakini zize zikhuselwe zingenzakali.—Eksodus 23:4, 5; Duteronomi 22:10; 25:4.

“Uze uwenze umsebenzi wakho imihla emithandathu; kodwa uze uwuyeke ngomhla wesixhenxe, ukuze iphumle inkunzi yakho yenkomo ne-esile lakho.”Eksodus 23:12.

Ngaba kuphosakele ukubulala izilwanyana?

OKUTHETHWA NGABANTU

Abanye abazingeli nabalobi babulala izilwanyana ngenjongo yokuzonwabisa. Kanti abanye bavumelana nombhali waseRashiya uLeo Tolstoy owathi ukubulala nokutya izilwanyana “yinkohlakalo.”

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

UThixo uyakuvumela ukubulawa kwezilwanyana xa kukhuselwa ubomi babantu okanye kusenziwa impahla. (Eksodus 21:28; Marko 1:6) Kwakhona iBhayibhile ithi izilwanyana zingabulawa ukuze sifumane ukutya. IGenesis 9:3 ithi: “Zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukutya kuni.” NoYesu wabanceda abafundi bakhe babambisa iintlanzi ukuze batye.—Yohane 21:4-13.

Nangona kunjalo, iBhayibhile ithi uThixo “umthiyile ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo.” (INdumiso 11:5) Ngoko izicacele into yokuba uThixo akafuni sixhaphaze okanye sibulale izilwanyana kuba nje sifuna ukuzonwabisa.

IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo ubuxabise gqitha ubomi besilwanyana.

  • IBhayibhile ithi xa wayedala, “uThixo wawenza amarhamncwa omhlaba ngohlobo lwawo nezilwanyana zasekhaya ngohlobo lwazo nazo zonke izinambuzane emhlabeni ngohlobo lwazo. Waza uThixo wabona ukuba kulungile.”Genesis 1:25.

  • IBhayibhile ithi ngoYehova: “Unika izilo ukutya.” (INdumiso 147:9) UThixo udale utyani ukuze izilwanyana zifumane ukutya okwaneleyo kunye nekhusi.

  • UKumkani uDavide wakwaSirayeli wathi kumthandazo wakhe: “Usindisa umntu nerhamncwa, Yehova.” (INdumiso 36:6) Ngokomzekelo, uYehova wasindisa abantu abasibhozo nazo zonke iintlobo zezilwanyana xa watshabalalisa abantu abangendawo ngoMkhukula kaNowa.—Genesis 6:19.

Izicacele ke into yokuba uYehova uyazithanda izilwanyana, ibe ulindele ukuba siziphathe kakuhle.

“Ilungisa liyawunyamekela umphefumlo wesilwanyana sasekhaya.”IMizekeliso 12:10.