Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

NGABA YADALWA?

Iintsholongwane Ezitya Ioli

Iintsholongwane Ezitya Ioli

NGO-2010 kwachitheka malunga neelitha eziyi-800 miliyoni zeoli kuNxweme lwaseMexico emva kokudubula nokuzika komatshini wokuyimpompa. Kodwa loo oli yanyamalala emva nje kwenyanga ezimbalwa. Yenzeka njani loo nto?

Khawucinge ngoku: Uphando olwenziwe ngoososayensi luye lwabonisa ukuba kukho iintsholongwane ezitya ioli. UProfesa uTerry Hazen osisazi sebhayoloji uzibiza ezi ntsholongwane ngokuthi “yimijukujelwa enxanelwe ioli.” Ziintsholongwane ezinjengezi ezacoca uNxweme lwaseMexico ekuthethwe ngalo ekuqaleni kweli nqaku.

Inqaku elipapashwe lijelo leendaba iBBC lithi: “Ayisothusi into yokuba kubekho iintsholongwane ezinxanelwe ioli elwandle kuba ulwandle belukhupha ioli” kangangezigidigidi zeminyaka.

Ziyancomeka iinzame zabantu zokucoca ulwandle emva kokuchitheka kweoli, kodwa nokuba sebezame kangakanani na, basenokwenza umonakalo ongakumbi kunokuba belungisa. Amachiza abawasebenzisayo aphazamisana nenkqubo yendalo yokutya ioli. Ukongezelela koko, imichiza enjalo ingawungcolisa ixesha elide umhlaba. Kodwa indlela yendalo yokucoca ioli efana nezi ntsholongwane zinxanelwe ioli inceda ulwandle luzicoce ngokwalo, ngaphandle kokuzonakalisa.  *

Ucinga ntoni? Ngaba iintsholongwane ezitya ioli elwandle zazivelela? Okanye zadalwa?

^ isiqe. 6 Kusekutsha gqitha ukuba singaqikelela ukuba lo monakalo uza kuzichaphazela ixesha elide kangakanani izinto eziphila kolu nxweme.