Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Isiphelo Sehlabathi

Isiphelo Sehlabathi

Eyoku-1 kaYohane 2:17 ithi: “Ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo,” Leliphi elo ‘hlabathi’? Lidlula nini, njani?

Leliphi eli ‘hlabathi’ liza kuphela?

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

Ngenxa yokuba eli hlabathi ‘linenkanuko’ ezingqubana nokuthanda kukaThixo, icacile eyokuba akuthethwa ngomhlaba wokoqobo. Kunoko, kuthethwa ngabantu abasehlabathini abangamthobeliyo uThixo, ngaloo ndlela bezenza iintshaba zakhe. (Yakobi 4:4) Abo bantu abayinxalenye yelo hlabathi “baya kuva isohlwayo sesigwebo sentshabalalo engunaphakade.” (2 Tesalonika 1:7-9) Kwelinye icala, abantu abahlala ‘bengeyonxalenye yehlabathi’ bethobela uYesu Kristu, banethemba lobomi obungunaphakade.—Yohane 15:19.

Kakade ke, eyoku-1 kaYohane 2:17 igqibezela ngokuthi: “Lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” Ewe, lowo unethemba lobomi obungunaphakade apha emhlabeni, njengoko isitsho iNdumiso 37:29: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”

“Musani ukulithanda ihlabathi nezinto ezisehlabathini. Nabani na olithandayo ihlabathi, uthando lukaBawo alukho kuye.”1 Yohane 2:15.

Liya kuphela njani ihlabathi?

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

Isiphelo siza kuza ngeendlela ezimbini. Okokuqala, uThixo uza kutshabalalisa unqulo lobuxoki, olubonakaliswa njengehenyukazi elibizwa ngokuthi “IBhabhiloni Enkulu.” (ISityhilelo 17:1-5; 18:8) Ngoxa lisithi lithembekile kuThixo, lihambisana neenkokeli zezopolitiko zeli hlabathi. Ezi nkokeli, ziya kulijikela ihenyukazi. “Baya kulithiya ihenyukazi, baliphanzise, balihlube libe ze, bazidle iinxalenye zenyama yalo baze balitshise ngokupheleleyo ngomlilo.”—ISityhilelo 17:16

Okulandelayo, uThixo uya kunikela ingqalelo kwiinkokeli zezopolitiko—“izikumkani zehlabathi.” Kunye nabantu abangendawo, baya kutshatyalaliswa “kwimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla,” ebizwa ngokuba ‘yiArmagedon.’—ISityhilelo 16:14, 16.

“Funani uYehova, nonke balulamileyo bomhlaba . . . Funani ubulungisa, funani ululamo. Mhlawumbi niya kufihlwa ngemini yomsindo kaYehova.”Zefaniya 2:3.

Liza kupheliswa nini ihlabathi?

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

Isiphelo siya kufika emva kokuba abantu bexelelwe ngoBukumkani bukaThixo—ubukumkani obuya kuthabathela indawo ulawulo lwabantu. (Daniyeli 7:13, 14) UYesu Kristu wathi: “Kwaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14) Lo msebenzi wokushumayela, ubonisa ubulungisa nenceba kaThixo, inxalenye yalo mqondiso ubonisa ixesha lokufika kwesiphelo. Lo mqondiso uquka iimfazwe, iinyikima, indlala kunye nezigulo.—Mateyu 24:3; Luka 21:10, 11.

Nangaphandle kokuprofeta ngeziganeko zehlabathi, iBhayibhile ikwasixelela nangesimo sengqondo sabantu “bexesha lesiphelo.” Sifunda oku: “Kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, . . . abangathobeli bazali, . . . abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangathandi kulunga, . . .  abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.” *2 Timoti 3:1-5.

Eli hlabathi siphila kulo liza ‘kudlula.’—1 Yohane 2:17.

Zonke ezi ziganeko zibonisa imbali ethile eyaqala malunga neMfazwe Yokuqala Yehlabathi ngo-1914. Ngaphezu koko, ukususela ngaloo nyaka, UBukumkani BukaThixo bavakaliswa ehlabathini lonke, yaye Amangqina KaYehova awugqala lo msebenzi njengelungelo. Kungenxa yoko, IMboniselo yabo yaba nomxholo othi, IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova.

“Ngoko ke, hlalani nilindile, ngenxa yokuba ningayazi imini okanye ilixa.”Mateyu 25:13.

^ isiqe. 14 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, jonga isahluko 9 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Epapashwe ngamaNgqina kaYehova. Iyafumaneka naku-www.mt711.com/xh.