Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iminenga Ifikile!

Iminenga Ifikile!

Unyaka nonyaka, ukususela ngoJulayi, kufika amathokazi eminenga ebizwa ngokuba ziiright whales kunxweme olusemzantsi weSanta Catarina, eBrazil. Le minenga iza ivela kude kakhulu, kummandla osemntla weAntartic, ukuze izale ize incancise amathole ayo kumanzi angekho nzulu kakhulu. Abahlali nabakhenkethi bakuvuyela gqitha ukubukela le minenga, oonina namathole bephumle okanye bejubalaza emanzini! *

Izilwanyana Ezikhulu Zasemanzini

Ithokazi lalo mnenga liyakwazi ukukhula libe nobude obuziimitha eziyi-16, ubude beebhasi ezimbini, neetoni eziyi-80 ubunzima! Ngokuqhelekileyo le minenga iba mnyama, ize ibe namabala amhlophe esiswini. Inentloko enkulu kakhulu, engaphantsi nje kancinci kwisiqingatha sobude bomzimba wayo. Inomlomo omde. Olu hlobo lomnenga alufani ncam neminye iminenga kuba lona alunamaphiko emqolo. Xa udada uwuhlisa uwunyusa umsila wawo omkhulu omile ngathi ngu-v, kunokuba uwuse emacaleni njengokuba zisenza iintlanzi. Xa ujika usebenzisa amaphikwana awo, kanye njengenqwelo-moya.

Eyona nto ibangel’ umdla ngalo mnenga kukuba nakuba unomzimba omkhulu, uyakwazi ukwenza izinto ezininzi ngawo. Ngamany’ amaxesha ukhe uwubone udada emanzini umsila uwuphakamisile, uphind’ uwubone uphaxula ngawo emanzini ngamandla, kanti ngamany’ amaxesha unokuwubona ukude uxhuma emanzini uze ubuye uthi dyumpu kwakhona.

Indlela Owenziwe Ngayo Ewenza Wahluke

Intloko ijikelezwe ngamaqoqo abumhlopherha okanye abuqandarha agqunywe ziigrogro zaselwandle ezibizwa ngokuba ziintwala zomnenga. UKarina Groch, osebenza kwiBrazilian Right Whale Project, uthi: “Njengokuba neminwe yabantu ingafani, namaqoqo omnenga ngamnye awafani, nto leyo eyenza kube lula ukuyahlula. Sidla ngokuyifota iminenga xa ize kunxweme lwethu, size ezo foto sizigcine ezincwadini zethu.”

Izazi zebhayoloji zithi xa lo mnenga ufile kunzima ukwazi ukuba ubuneminyaka emingaphi kuba awunamazinyo. Ziqikelela ukuba ezi zidalwa ziphila iminyaka emalunga neyi-65. *

Indlela Otya Ngayo

Lo mnenga utya iigrogro ezincinane zaselwandle. Kumacala omabini omhlathi ongasentla kukho imiqolo emibini yezinto ezifana nebhrashi. Njengoko udada, uvula umlomo ukuze kungene amanzi, zize iigrogro ezikuloo manzi zibambeke kwezo zinto zifana nebhrashi ohluza ngazo. Ngale ndlela, umnenga omnye unokutya iigrogro ezimalunga neetoni ezimbini ngosuku.

Iminenga ehlala kwimimandla esemazantsi ichitha ixesha lasehlotyeni (uJanuwari/uFebruwari) kuLwandle lweAntarctic, apho ifika ityebe. La manqatha ayenza ifudumale xa ikumanzi abandayo aze abe kukutya xa ifudukela kolunye ulwandle.

Yalifumana Njani Eli Gama?

Ukususela kwiminyaka yoo-1700 ukubheka phambili, abalobi balo mnenga babewuloba kakhulu kuMzantsi weIkhweyitha. Babesithi ngowona mnenga ufanele ulotywe. Ngoba? Kaloku xa udada awukwazi kubaleka, ngoko kwakulula ukuwubambisa. Kwanabalobi abakwisikhephe esenziwe ngamaplanga ababeloba ngemikhonto babewufumana lula. Ngaphezu koko, lo mnenga awufani neminye, kuba wona undanda ngaphezu kwamanzi xa ufile ngenxa yamanqatha amaninzi onawo. Ngenxa yoko kwakulula ukuba abalobi bawurhuqele elunxwemeni.

Enye into, amanqatha awo nezinto ezikwimihlathi yawo zazithengwa kakhulu ngaloo maxesha. Amanqatha ayesetyenziswa ekwenzeni ioli yezibane zasestratweni negrisi. Zona izinto ezikwimihlathi zazisenza iipitikoti, izabhokhwe neentsimbi zeambrela. Phofu ezinye zezinto ezafumaneka komnye umnenga zinokunceda ekuhlawuleni zonke iindleko zabakhenkethi!

Ekuqaleni kweminyaka yoo-1900, le minenga yancipha ngenxa yokuba yayilotywa kakhulu, nto leyo eyabangela ukuba ishishini lokuyiloba lingabi nangeniso ingako. EBrazil, indawo yokugqibela ekwakuhlinzwa kuyo iminenga yavalwa ngo-1973. Ngoxa eminye yale minenga iye yalondolozwa, eminye isesengozini enkulu.

Lo mnenga ungumzekelo ocacileyo wendlela entsokothe ngayo indalo esemhlabeni. Ukwabubungqina obucacileyo bokuba ulumkile kwaye unamandla lowo wayidalayo, uYehova uThixo.—INdumiso 148:7.

^ isiqe. 2 Ezinye iindawo ezalela kuzo le minenga lunxweme lwaseArgentina, eMzantsi Afrika, eOstreliya, eUruguay nakwiziqithi zaseNew Zealand.

^ isiqe. 8 Oososayensi bathi zintathu iintlobo zalo mnenga. Ukongezelela kwiEubalaena australis yaseMzantsi weIkhweyitha kukho iEubalaena glacialis neEubalaena japonica ekuMntla weIkhweyitha.