Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IZINTO ONOKUPHANDA NGAZO

Fundisisa Ngendlela Eza Kukunceda Uhlale Uthe Qwa

Fundisisa Ngendlela Eza Kukunceda Uhlale Uthe Qwa

Funda uDaniyeli 9:​1-19 ukuze ubone indlela ekubaluleke ngayo ukufundisisa.

Zama Ukuyiqonda Le Nto Kuthethwa Ngayo. Ziintoni ezazisand’ ukwenzeka? Zamenza waziva njani uDaniyeli? (Dan. 5:29–6:5) Ukuba wawunguye wawuza kuziva njani?

Phanda. Inoba wafunda eziphi “iincwadi ezingcwele” uDaniyeli? (Dan. 9:​2, umbhalo osemazantsi; w11 1/1 22 ¶2) Kwakutheni ukuze uDaniyeli avume izono zakhe nezohlanga lwamaSirayeli? (Lev. 26:​39-42; 1 Kum. 8:​46-50; dp 182-184) Umthandazo kaDaniyeli wabonisa njani ukuba wayelifundisisa iLizwi LikaThixo?​—Dan. 9:​11-13.

Likufundisa ntoni eli bali? Zibuze:

  • “Ndingakuphepha njani ukuphazanyiswa zizinto ezenzeka ehlabathini?” (Mika 7:7)

  • “Kuza kundinceda njani ukulifundisisa njengoDaniyeli iLizwi LikaThixo?” (w04 8/1 12 ¶17)

  • “Zeziphi izinto endinokuphanda ngazo eziza kundinceda ‘ndihlale ndithe qwa’?” (Mat. 24:​42, 44; w12 8/15 5 ¶7-8)