IZINTO ONOKUPHANDA NGAZO
Fundisisa Ngendlela Eza Kukunceda Uhlale Uthe Qwa
Funda uDaniyeli 9:1-19 ukuze ubone indlela ekubaluleke ngayo ukufundisisa.
Zama Ukuyiqonda Le Nto Kuthethwa Ngayo. Ziintoni ezazisand’ ukwenzeka? Zamenza waziva njani uDaniyeli? (Dan. 5:29–6:5) Ukuba wawunguye wawuza kuziva njani?
Phanda. Inoba wafunda eziphi “iincwadi ezingcwele” uDaniyeli? (Dan. 9:2, umbhalo osemazantsi; w11 1/1 22 ¶2) Kwakutheni ukuze uDaniyeli avume izono zakhe nezohlanga lwamaSirayeli? (Lev. 26:39-42; 1 Kum. 8:46-50; dp 182-184) Umthandazo kaDaniyeli wabonisa njani ukuba wayelifundisisa iLizwi LikaThixo?—Dan. 9:11-13.
Likufundisa ntoni eli bali? Zibuze:
-
“Ndingakuphepha njani ukuphazanyiswa zizinto ezenzeka ehlabathini?” (Mika 7:7)
-
“Kuza kundinceda njani ukulifundisisa njengoDaniyeli iLizwi LikaThixo?” (w04 8/1 12 ¶17)
-
“Zeziphi izinto endinokuphanda ngazo eziza kundinceda ‘ndihlale ndithe qwa’?” (Mat. 24:42, 44; w12 8/15 5 ¶7-8)