Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBULUMKO BAMANDULO OBUSEBENZA KULE MIHLA

Ningaxhaleli Nto

Ningaxhaleli Nto

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Musani ukuxhalela imiphefumlo yenu.”—Mateyu 6:25.

Kuthetha ukuthini oku? UYesu wawathetha la mazwi kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni. Ngokutsho kwesinye isichazi-magama seBhayibhile, isenzi sesiGrike esiguqulelwe ngokuthi “ukuxhala” sinokubhekisela “kwinto eqhelekileyo eyenzekayo emntwini xa ehlupheka, elambile okanye enezinye iingxaki zobomi bemihla ngemihla.” Ixhala lidla ngokubangelwa nakukukhathazwa zizinto ezinokwenzeka. Yinto eqhelekileyo nefanelekileyo ukuxhalatyiswa zizinto esizidingayo nayintlalo-ntle yezihlobo zethu. (Filipi 2:20) Xa uYesu wayesithi, “musani ukuxhala,” wayecebisa abalandeli bakhe ukuba bakuphephe ukuba nexhala naxa kungeyomfuneko—ukuzoyika kakhulu izinto eziza kwenzeka ngomso, nto leyo enokubangela ukuba umntu angonwabi.—Mateyu 6:31, 34.

Ngaba kuyasebenza namhlanje? Senza kakuhle xa sithobela icebiso likaYesu. Kutheni sisitsho? Ezinye iincwadi zithi xa abantu besoloko benexhala, imithambo-luvo yabo isebenza kakhulu, nto leyo ebangela “izigulo ezifana nezilonda ezisemathunjini, isifo sentliziyo nephika.”

UYesu wasichaza isizathu esivakalayo sokukuphepha ukuxhalaba naxa kungeyomfuneko. Wathi akuncedi nganto. Wabuza: “Ngubani na kuni onokuthi ngokuba nexhala ongeze ikubhite enye kubude bobomi bakhe?” (Mateyu 6:27) Ukusoloko sicinga ngezinto ezisikhathazayo akuyi kusenza siphile ubomi obude okanye siphucule ubomi bethu. Ngapha koko, zidla ngokungenzeki nezo zinto bezisingcungcuthekisa. Omnye umphengululi uyibeka ngolu hlobo le nto: “Ukuzikhathaza ngezinto eziza kwenzeka kwixa elizayo kukuchitha nje ixesha, kuba izinto zidla ngokuba bhetele kunokuba ubucinga.”

Sinokuwaphepha njani amaxhala? Okokuqala, ngokuthembela kuThixo. Ukuba uThixo unika iintaka ukutya aze ahombise iintyatyambo, ucinga ukuba akanakukwazi ukunika abantu abamnqula ngokunyanisekileyo izinto eziyimfuneko ebomini? (Mateyu 6:25, 26, 28-30) Okwesibini, sukuzixhalabisa ngento eza kwenzeka ngomso. UYesu wathi: “Musani ukuxhalela ingomso, kuba ingomso liya kuba namaxhala alo.” Akuvumi na ukuba “imini nganye inobayo ububi obuyilingeneyo”?—Mateyu 6:34.

Xa sithobela icebiso lobulumko likaYesu, sizisindisa ekuguleni. Ngapha koko, siyazola engqondweni—sifumane oko iBhayibhile ikubiza ngokuba ‘luxolo lukaThixo.’—Filipi 4:6, 7.