Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

1 Unokuziphepha Njani Iingxaki?

1 Unokuziphepha Njani Iingxaki?

IBhayibhile ithi icebiso layo liphefumlelwe kwaye ‘liyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto.’ (2 Timoti 3:16) Yinyaniso leyo? Makhe sifunde indlela ubulumko obuseBhayibhileni obubancede ngayo abantu bakwazi ukuzibaleka iingxaki zingekabaxaki.

UKUSELA KAKHULU

UDelphine ekuthethwe ngaye kwinqaku elingaphambili uthi amaxhala awayenawo ayemenza asele kakhulu. IBhayibhile ayithi masingaseli, kodwa ithi: “Musa ukuba phakathi kwabasela iwayini kakhulu.” (IMizekeliso 23:20) Ukusela kakhulu kuyagulisa, kwenza imitshato ibe neengxaki ibe kubangela ukuba abantu abaninzi bafe ngokukhawuleza. Uninzi lwezi ngxaki belunokuphepheka ukuba abantu bebelandela icebiso leBhayibhile.

UDelphine wayenza le nto. Ngoku uthi: “Ndaqonda ukuba utywala babungaziphelisi iingxaki endinazo. Ndasebenzisa icebiso elikwabaseFilipi 4:6, 7, elithi: ‘Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa zaziseni izibongozo zenu kuThixo.’ Busuku ngabunye xa ndicinga kakhulu kwaye ndikhathazeka, ndandithandaza kuYehova. Ndandimxelela ukuba ndinomsindo, ndikhathazekile kwaye andisenathemba, ndize ndimcele andincede ndingaziva ngolu hlobo. Ekuseni, ndandizama ukuba ndingacingi ngezinto ezindikhathazayo. Umthandazo wandinceda andazikhathaza ngezinto endingenazo kodwa ndajonga kwezo ndinazo. Ndazixelela ukuba soze ndiphinde ndisele tywala. Ndandonwabe kakhulu, ndingasafuni ukubuy’ umva.”

UKUZIPHATHA OKUBI

Ukuziphatha okubi yenye yezona zinto zibangela intlungu nosizi. Kodwa iBhayibhile iyasinceda siphephe izinto ezibangela ukuziphatha okubi, njengokuncwasa nokubukela iphonografi. Omnye umfana onguSamuel uthi: “Kwakulula kum ukuncwasa. Ngamanye amaxesha ndandibona ukuba intombi iyandithanda, ndibe mna ndingayithandi tu, kwakuba mnandi ke ukudlala ngayo.” USamuel wafumanisa ukuba usoloko etyholwa ngokuncwasa nokuba ibingezonjongo zakhe ezo, kangangokuba wagqiba ekubeni makaqhubeke nalo mkhwa. Kodwa le nto yamhlupha. Ngoku uthi: “Wawumosha kakhulu lo mkhwa kuba wawubangela ukuba ndenze izinto ezibonisa ukuba andibacingeli abanye.”

USamuel wafunda inqaku elibhalelwe abantu abasebatsha elikwiwebhsayithi u-jw.org/xh. Wacinga ngeMizekeliso 20:11 ethi: “Kwangoqheliselo lwayo inkwenkwe izenza iqondwe enoba usulungekile na yaye uthe tye na umsebenzi wayo.” Imncede njani loo nto? Waqonda ukuba umntu oncwasayo ungcolile. Ngoku uthi: “Ndafunda nokuba umntu osemtsha odlala ngamantombazana uba neempawu ezibangela ukuba enze izinto ezingalunganga xa etshatile. Ndacinga nokuba umntu oza kuba ngumfazi wam angathini xa endibona ndincwasa elinye ibhinqa. Loo nto yandenza ndaqonda ukuba lo mkhwa uyingozi. Kulula ukuba nawo, kodwa awulunganga.” USamuel watshintsha. Ukuyeka ukudlala ngamantombazana kwamnceda akaziphatha kakubi.

UAntonio wayesengozini yokuziphatha okubi kuba wayethanda iphonografi. Wayemthanda kakhulu umfazi wakhe, kodwa wayesoloko ebukela iphonografi. Uthi eyona nto yamncedayo kukucinga ngeyoku-1 kaPetros 5:8. Ithi: “Hlalani nithe qwa, nilindile. Utshaba lwenu, uMtyholi, luhambahamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani engamqwengayo.” UAntonio uthi: “Kweli hlabathi sijikelezwe yimifanekiso yephonografi, kwaye le mifanekiso iyahlala ezingqondweni. Le vesi yandinceda ndacinga ukuba ngubani obangela ezi zilingo. Kwafuneka ndikhawuleze ndicinge ukuba le mifanekiso yekaMtyholi. Ngoku ndiyazi ukuba nguYehova kuphela onokundinceda ‘ndihlale ndithe qwa, ndilindile’ ukuze ndixhathise umlo osengqondweni, entliziyweni nasemtshatweni wam.” UAntonio walufumana uncedo waza ekugqibeleni wakwazi ukuwoyisa lo mkhwa. Loo nto iye yamnceda wakwazi ukuphepha nezinzima iingxaki.

Kucacile ukuba iBhayibhile inamacebiso anokusinceda siphephe iingxaki ezinzima. Kuthekani ngeengxaki ongakwaziyo ukuphuma kuzo neziqhubekayo? Makhe sibone ukuba iLizwi likaThixo lingasinceda njani sikwazi ukuzilungisa.

IBhayibhile ingasinceda sikwazi ukuziphepha ezinye iingxaki