Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Vuyela Iinzuzo Zokupha

Vuyela Iinzuzo Zokupha

“IBHASI ingahamba, lo mfana weTshayina uyasala!” UAlexandra weva loo mazwi ehleli ebhasini eyayiza kuwela umda ophakathi kwamazwe amabini oMzantsi Merika. Wehla efuna ukubona ukuba kwenzeka ntoni, waza wabona umfana weTshayina owayezama ukuxelela unogada ingxaki anayo ngeSpanish esingavakaliyo. UAlexandra wayengena kwibandla lamaNgqina KaYehova elisebenzisa isiTshayina, ngoko wacela ukutolika.

Lo mfana wayesithi ngummi walapho kodwa wohluthelwe iimpepha-mvume nemali. Ekuqaleni lo nogada wayecinga ukuba uyaxoka, esithi noAlexandra lowo ukwishishini lokuthengisa abantu. Ekugqibeleni wamkholelwa lo mfana, kodwa wathi makabhatale imali yokungabi neempepha-mvume. Ekubeni imali yakhe yayohluthiwe, uAlexandra wamnika i-$20 (i-R280). Aphel’ emlonyeni amazwi okubulela waza wathi uza kumbuyisela imali engaphezu kwe-$20. UAlexandra wathi ebengafuni ayibuyise; yena ebenceda nje kuba ebona umntu ofuna ukuncedwa. Wamnika incwadi ethetha ngeBhayibhile waza wamcela ukuba afunde iBhayibhile namaNgqina.

Kuyavuyisa ukuva ngabantu abapha abantu abangabaziyo, yaye ngokuqinisekileyo loo nto yenziwa ngabantu abakhonzayo nabangakhonziyo. Ngaba wena ubuza kukuvuyela ukupha ungalindelanga kubuyekezwa? Lo mbuzo ubangel’ umdla kuba uYesu wathi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Nabezesayensi baye banomdla kwimpendulo yalo mbuzo kangangokuba abaphengululi bafumanise ukuba ukupha kunceda nawe mntu uphayo. Makhe sibone ukuba ngaziphi iindlela.

“UMPHI OCHWAYITILEYO”

Amava abantu abonisa ukuba ukupha nokuba noyolo okanye ukuvuya zihamba kunye. Umpostile uPawulos wathi “uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.” Wayethetha ngamaKristu awayenikela ngokuzithandela ukuze kuncedwe amanye amaKristu aneengxaki. (2 Korinte 8:4; 9:7) Wayengathi ayesipha kuba ayevuya. Kunoko, wayesithi ayevuya kuba ayesipha.

Olunye uhlolisiso luthi, ukupha “kubangela umntu avuye, akhululeke ebantwini aze abathembe, emva koko azive anelisekile.” Ukanti olunye luthi “eyona nto ivuyisayo kukupha umntu imali kunokuyichitha kwizinto zakho.”

Ngaba wakha wavakalelwa kukuba iimeko zakho zikwenza ungakwazi ukupha ngohlobo obufuna ngalo? Inyaniso kukuba wonke umntu unokulufumana uvuyo lokuba ‘ngumphi ochwayitileyo.’ Xa usipha umntu imali ngentliziyo ekhululekileyo, akalindeli nto ininzi. Elinye iNgqina LikaYehova lathumela lo myalezo owawuhamba nomnikelo kubapapashi bale magazini: “Kuyo yonke le minyaka bendinikela ngemali encinane kwiHolo YoBukumkani.” Lathi: “UYehova uThixo uye wandipha okungaphezu koko bendikunikela. . . . Ndiyambulela ngokundinika eli thuba lokuba ndithumele esi sipho, sindenza ndithuthuzeleke.”

Kakade ke, asiyomali yodwa onokuyipha umntu. Zikho nezinye iindlela onokupha ngazo.

UKUPHA KUYANCEDA EMPILWENI

Ukupha kuvuyisa wena nabantu obaphayo

IBhayibhile ithi: “Umntu onobubele bothando uqhubana ngokunomvuzo nomphefumlo wakhe, kodwa umntu okhohlakeleyo uyizisela ishwangusha inyama yakhe.” (IMizekeliso 11:17) Abantu abanobubele bayapha, bayakuvuyela ukunikela ngexesha namandla abo, ukukhathalela abanye nokubenzela ezinye izinto. Le nto ibanceda ngeendlela ezahlukeneyo. Enye yezinto ebanceda kuzo, yimpilo.

Uhlolisiso lubonisa ukuba abantu abazinikela ekuncedeni abanye ababi nazintlungu zingako, ababi nayo nedepression. Lilonke, baba sempilweni. Nabantu abagula zizifo ezinganyangekiyo ezinjengemultiple sclerosis okanye iHIV, baziva bhetele xa besipha bechwayitile. Olu hlolisiso luthi nabantu abazama ukuyeka ukuba ngamakhoboka otywala, abazixakekisa ngokunceda abanye ziyancipha iimpawu zedepression yaye bayakwazi ukuwabaleka amathuba okuphinda babe ngamakhoboka otywala.

Kuthiwa le nto ibangelwa kukuba, “ukuba nobubele, ukwenzela abanye okuhle nokupha ungalindelanga kubuyekezwa kwenza ungazisizeli.” Ukupha kunokunciphisa istres neblood pressure. Zincipha ngokukhawuleza iimpawu zedepression nakubantu abaswelekelwe ngabantu abatshate nabo ukuba bazinikela ekuncedeni abanye.

Ngokuqinisekileyo, ukupha kuyamnceda lowo uphayo.

UKUPHA KUYOSULELA

UYesu wathi kubalandeli bakhe: “Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha. Baya kugalela kumasondo eengubo zenu umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlukuhliweyo nophuphumayo. Kuba ngomlinganiselo enilinganisela ngawo, baya kunilinganisela kwangawo nani.” (Luka 6:38) Xa usipha, abantu bayabulela baze nabo bafune ukupha. Ngoko ukupha kwenza abantu bancedane futhi babe ngabahlobo.

Ukupha kwenza abantu bancedane futhi babe ngabahlobo

Abaphengululi abafunda ngendlela yokusebenzisana nabantu bafumanise ukuba “abantu abasoloko besipha bengalindelanga kubuyekezwa bakhuthaza nabanye ukuba benjenjalo.” Phofu, “xa abantu befunda ngobubele obenzelwe abanye, baye bakufune ngakumbi ukwenzela abanye ububele.” Olunye uhlolisiso luthi loo nto inokubangela ukuba “mntu ngamnye owenzela abanye ububele akhuthaze abantu abaninzi, nkqu nabo angabaziyo okanye angazange ababone.” Ngamanye amazwi, isenzo esinye sobubele sinokubangela ukuba mntu ngamnye ekuhlaleni enzele abanye ububele. Ubungenakuthanda ukuhlala kwindawo enabantu abanjalo? Liyinyaniso elokuba, xa bebaninzi abantu abaphayo, iinzuzo ziba ninzi.

Enye into engumzekelo wokupha yenzeka eFlorida, eUnited States. Iqela lamaNgqina KaYehova lazinikela ekuncedeni ngaphandle kwentlawulo emva komonakalo omkhulu owawubangelwe yinkanyamba. Ngoxa lalisalinde izixhobo zokulungisa enye indlu, laphawula ukuba ucingo lomnye wabamelwane lonakele, ngoko lacela ukulilungisa. Ekuhambeni kwexesha, lo mmelwane wabhalela ikomkhulu lehlabathi lamaNgqina KaYehova wathi: “Ndiya kuhlala ndibulela. Andizange ndibabone abantu abanobubele ngolu hlobo.” Umbulelo awayenawo wabangela ukuba athumele umnikelo owawuza kusetyenziswa kwinto awayeyibiza ngokuthi ngumsebenzi obalaseleyo wamaNgqina.

XELISA UMZEKELO OBALASELEYO WOKUPHA

Oososayensi bafumanise ukuba “kubonakala ngathi ikho le nto ibalulekileyo ibangela ukuba umntu ancede abanye.” Olu hlolisiso luthi abantwana “bapha nangaphambi kokuba bakwazi ukuthetha.” Kutheni? IBhayibhile ithi abantu badalwa ‘ngokomfanekiso kaThixo,’ loo nto ithetha ukuba, baneempawu ezifana nezakhe.—Genesis 1:27.

Olunye uphawu oluthandekayo loMdali wethu, uYehova uThixo, kukupha. Usiphe ubomi nayo yonke into efunekayo ukuze sonwabe. (IZenzo 14:17; 17:26-28) Sinokumazi uBawo wethu osezulwini neenjongo zakhe ngokufunda iLizwi lakhe iBhayibhile. Le ncwadi isixelela ukuba uThixo wenze amalungiselelo okuba sonwabe kwikamva. * (1 Yohane 4:9, 10) Ekubeni ububele iluphawu oluve- la kuYehova uThixo ibe wena wenziwe ngokomfanekiso wakhe, ayimele ikumangalise into yokuba xa uxelisa yena ngokupha, nawe uyancedakala futhi utsho akuthande.—Hebhere 13:16.

Usamkhumbula uAlexandra ekuthethwe ngaye ekuqaleni kweli nqaku? Laphelela phi ibali lakhe? Nangona umntu awayekhwele naye ebhasini wathi ufane nje waphisa ngemali yakhe, indoda awayincedayo yathetha nabahlobo bayo aba- bekwidolophu eyayiza kumisa kuyo ibhasi, baza balibhatala ngoko nangoko ityala le-$20. Le ndoda yalithatha icebiso lika-Alexandra, yafunda iBhayibhile. Emva kweenyanga ezintathu uAlexandra wavuya kakhulu xa eyibona kwindibano yamaNgqina KaYehova yolwimi lwesiTshayina ePeru. Ibulela uAlexandra, le ndoda yammema kunye nabo wayeye nabo endibanweni ukuba bayotya kwivenkile yayo yokutya.

Ukupha nokunceda abanye kubangela uvuyo. Mhlawumbi loo nto inokunceda abantu bawazi kakuhle owona Mthombo wazo zonke izipho ezilungileyo, uYehova uThixo! (Yakobi 1:17) Ngaba uyazivuyela iinzuzo ozifumana ngokupha?

^ isiqe. 21 Ukuze ufumane okungakumbi, yiya kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina KaYehova, iyafumaneka naku-www.mt711.com/xh. Jonga kumxholo othi IIMPAPASHO > IINCWADI NEENCWADANA EZINEMIFANEKISO.