Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Ufanele Unyamezele

Kutheni Ufanele Unyamezele

UFaizal waswelekelwa ngumkakhe ibe emva konyaka kwafuneka ayokwenza utyando lwentliziyo. Uthi: “Xa ndifunda incwadi kaYobhi, ndiye ndiqonde ukuba uYehova wayenesizathu sokuba ibhalwe. Xa sikhathazekile size sifunde eBhayibhileni ngomntu owayekule meko yethu, sitsho sithuthuzeleke.” Uphinda athi: “Kufuneka unyamezele nokuba kubi kangakanani.”

UTarsha waswelekelwa ngumamakhe esemncinci. Uthi: “Ukwazi uMdali kunceda umntu abe nesizathu sokuphila, abe nethemba aze onwabe nakubeni eneengxaki. Sinokuqiniseka ukuba uYehova unokusixhasa aze asincede sibe namandla suku ngalunye.”

AMANQAKU adlulileyo asenze sabona ukuba izinto ezibuhlungu ezisehlelayo zinokwenza ubomi bubonakale ngathi bunzima kakhulu. Njengoko unyamezele iingxaki zakho, usenokuzibuza ukuba sikhona nyhani na isizathu sokuphila okanye ukhona na umntu okukhathaleleyo. Siyakuqinisekisa ukuba uThixo uyikhathalele intlungu yakho. Ukuthanda nyhani.

Umbhali weNdumiso 86 wabonisa ukuba umthembile uThixo. Wathi: “Ngemini yokubandezeleka kwam ndiya kubiza kuwe, kuba uya kundiphendula.” (INdumiso 86:7) Kodwa inoba uyazibuza, ‘UThixo uza kundiphendula njani “ngemini yokubandezeleka kwam”?’

Nakubeni uThixo esenokungakhawulezi azilungise iingxaki zakho, iLizwi lakhe iBhayibhile likuthembisa ukuba uza kukunika uxolo ukuze ukwazi ukunyamezela. Lithi: ‘Musa ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zazise izibongozo zakho kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuyilinda intliziyo yakho namandla akho engqondo ngoKristu Yesu.’ (Filipi 4:6, 7) Ezi vesi zeBhayibhile zilandelayo ziyasiqinisekisa ukuba uThixo usikhathalele nyhani.

UThixo Ukukhathalele

“Akukho namnye [ungqatyana] olibalekayo phambi koThixo. . . nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi.”​Luka 12:6, 7.

KHAWUCINGE: Iintaka ezincinci njengoongqatyana ezingabalulekanga ebantwini, zibalulekile kuThixo. Ubona noyena ngqatyana mncinci; bonke oongqatyana baxabisekile kuye. UThixo ubathanda kakhulu abantu ngaphezu koongqatyana. Kuzo zonke izinto uThixo azidalileyo apha emhlabeni, eyona nto ibalulekileyo ngabantu. Badalwe “ngokomfanekiso” wakhe ibe banokuba neempawu ezintle zikaThixo.—Genesis 1:26, 27.

“Owu Yehova, undigocagocile, yaye uyandazi. . . . Uziqwalasele iingcamango zam ukude. . . . Ndihlolisise, uze uzazi iingcamango zam eziphazamisayo.”​INdumiso 139:1, 2, 23.

KHAWUCINGE: UThixo ukwazi kakuhle. Wazi izinto ozicingayo ungakhange uzithethe, izinto ezikuvuyisayo nezikukhathazayo ibe wazi nezinto onexhala lazo. Nakubeni abanye abantu bengenakuziqonda iingxaki zakho, uThixo yena ukukhathalele ibe ufuna ukukunceda. Ngenxa yoko, umele uqhubeke nobomi enoba kunzima kangakanani.

Sikhona Isizathu Sokuphila

“Owu Yehova, wuve umthandazo wam; ngamana ukukhalela kwam uncedo kungafikelela kuwe. . . . Ndithobele indlebe yakho; ngemini yokubiza kwam, khawuleza, undiphendule. . . . Ngokuqinisekileyo uya kuphethukela emthandazweni wabo baphangwe yonk’ into.” ​INdumiso 102:1, 2, 17.

KHAWUCINGE: UYehova uyazibona iinyembezi zabantu ezibakho ngenxa yezinto ezibuhlungu ezibehlelayo. (INdumiso 56:8) Nezakho uyazibona. Uyazazi zonke izinto ezimbi ezikhe zakwehlela, neenyembezi zakho kuba uyakuthanda.

“Musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho. Ndiza kukuqinisa. Ndiza kukunceda ngokwenene. . . mna, Yehova uThixo wakho . . . ndithi kuwe, ‘Musa ukoyika. Mna ngokwam ndiza kukunceda.’”​Isaya 41:10, 13.

KHAWUCINGE: UThixo uza kukunceda. Ukuba uyawa, uza kukuphakamisa.

Kuseza Kuba Ngcono

“Kuba uThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”​Yohane 3:16.

KHAWUCINGE: Ndlela le akuthanda ngayo uThixo, uye wanikela ngoNyana wakhe uYesu ngenxa yakho. Loo nto ikwenza ube nethemba lokuphila ubomi obunenjongo wonwabile ngonaphakade. *

Nakubeni usenokuba neengxaki ibe ubomi bubonakala ngathi bunzima kakhulu, lifunde kakuhle iLizwi LikaThixo uze uqinise ukholo lwakho ngezithembiso zakhe. Loo nto iza kukunceda wonwabe uze uqiniseke ukuba unako ukunyamezela.

^ isiqe. 19 Ukuze ufunde ngakumbi ngendlela ukufa kukaYesu okunokukunceda ngayo, bukela ividiyo ethi, Khumbula Ukufa KukaYesu, efumaneka ku-www.mt711.com/xh. Yiya kwindawo ethi, IIMPAPASHO > IIVIDIYO > IINTLANGANISO NENTSIMI.