IMBONISELO—EFUNDWAYO Januwari 2017

Le magazini inamanqaku aza kufundwa ukususela nge-27 KaFebruwari ukuya kwi-2 Ka-Aprili, 2017.

Bazinikela Bengaqhutywa Mntu

Oodade abaninzi abaye bakhonza kumazwe asemzini babethandabuza ekuqaleni. Basiqwebe njani isibindi? Yintoni abayifundileyo ngokukhonza kumazwe asemzini?

“Kholosa NgoYehova, Wenze Okulungileyo”

UYehova uyakuvuyela ukusenzela izinto esingakwazi ukuzenza. Kodwa ulindele ukuba nathi senze umzamo. Umxholo wonyaka ka-2017 usinceda njani kulo mba?

Sixabise Isipho Osinikiweyo Senkululeko Yokuzikhethela

Yintoni inkululeko yokuzikhethela kwaye iBhayibhile ifundisa ntoni ngayo? Unokuyihlonela njani inkululeko yokuzikhethela yabanye abantu?

Kutheni Kufuneka Sithozame?

Yintoni ukuthozama, kwaye kudibana njani nokuthobeka? Kutheni kubalulekile ukuthozama?

Unako Ukuthozama Kwanaxa Kunzima Ukwenjenjalo

Sinokuhlala njani sithozamile xa iimeko zethu zitshintsha, xa sigxekwa okanye sinconywa naxa singaqinisekanga ngengomso?

‘Ezi Zinto Zidlulisele Kubantu Abathembekileyo’

Abazalwana abakhulileyo banokubanceda njani abaselula bathwale iimbopheleleko ezingakumbi? Abaselula banokubonisa njani ukuba bayabaxabisa abo bebekhokela kangangeminyaka?

Ngaba Ubusazi?

Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, umlilo wawuphathwa njani xa kusiyiwa kwenye indawo?