Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ihlabathi Eligcwele Ububi—Unokumelana Njani Nalo?

Ihlabathi Eligcwele Ububi—Unokumelana Njani Nalo?

Ngaba kunzima ngoku ebomini bakho kunangaphambili ngenxa yeengxaki ezikhoyo emhlabeni? Ngaba ezi zinto zilandelayo ziyenzeka apho uhlala khona?

  • iimfazwe

  • izifo ezingubhubhani

  • iintlekele ezenzwa yindalo

  • indlala

  • ucalucalulo

  • ukwaphulwa komthetho okuhamba nobundlobongela

Xa kusenzeka into ebuhlungu, abantu abehlelwe yiloo nto baye bothuke baze baphelelwe lithemba. Ngenxa yentlekele, abanye abantu baye bothuke baze bangabi nazo iimvakalelo. Ngoko xa sehlelwe yintlekele, ukothuka kade nokungabi nazimvakalelo kwenza izinto zibe mbi kakhulu.

Xa kuye kwenzeka into embi, kubalulekile ukuba wenze okuthile ukuze ukhusele abo ubathandayo, impilo yakho, imali yakho nezinto onazo kunye nolonwabo lwakho.

Ungenza ntoni ngoku ukuze uyinciphise indlela obukuchaphazela ngayo ububi beli hlabathi?