Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuthobela Izilumkiso Kunokusindisa Ubomi Bakho!

Ukuthobela Izilumkiso Kunokusindisa Ubomi Bakho!

NGODISEMBA 26, 2004, inyikima enkulu yantlitha iSimeulue, isiqithi esikumntla-ntshona wonxweme lwaseSumatra, eIndonesia. Onke amehlo ayethe ntsho elwandle. Amanzi olwandle ayebhekela ngendlela engaqhelekanga. Ngesiquphe wonke umntu wakhwaza esithi, “Smong! Smong!” gama elo lithetha itsunami. Kwimizuzu nje eyi-30, amaza anamandla antlitha unxweme, aza onakalisa amakhaya alapho.

Isiqithi iSimeulue saba yindawo yokuqala ukuntlithwa yiloo tsunami. Kodwa kubantu balapho abayi-78 000, kwafa abasixhenxe kuphela. Kutheni bembalwa kangaka? * Abantu balapho badla ngokuthi: ‘Xa umhlaba unyikima ngamandla namanzi olwandle ebhekela, balekela ezintabeni, kuba kungekudala aza kubuya ngamandla.’ Ngokusuka kumava angaphambili, abantu baseSimeulue babefunde ukuqwalasela utshintsho olwenzeka elwandle ukuze babone xa kuza kubakho itsunami. Ukuthobela isilumkiso kwabusindisa ubomi babo.

IBhayibhile ithetha ngentlekele ezayo, “imbandezelo enkulu ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku, nekungasayi kubakho injengayo kwakhona.” (Mateyu 24:21) Kodwa ayisosiphelo sehlabathi okanye intlekele yemvelo—kuba injongo kaThixo kukuba umhlaba uhlale ngonaphakade. (INtshumayeli 1:4) Kunoko, imbandezelo ezayo sisenzo sikaThixo ‘sokonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’ Iza kuba sisiphelo sabo bonke ububi nezinto ezibuhlungu. (ISityhilelo 11:18; IMizekeliso 2:22) Iya kuba yintsikelelo yokwenene leyo!

Ngaphezu koko, ngokwahlukileyo kwiitsunami, iinyikima zomhlaba, okanye ugqabhuko-dubulo lweentaba, intshabalalo ezayo ayiyi kubabulala abantu abamsulwa. IBhayibhile ithi “uThixo uluthando,” kwaye lo Thixo, ogama linguYehova, uthembisa ukuba “amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” (1 Yohane 4:8; INdumiso 37:29) Noko ke, unokusinda njani kwimbandezelo enkulu uze uzuze kwezi ntsikelelo zithenjisiweyo? Undoqo nanku: Thobela isilumkiso!

KHAWULEZA UKUBONA XA IZINTO ZITSHINTSHA

Asilwazi olona suku lokupheliswa kobubi nezinto ezibuhlungu, kuba uYesu wathi: “Akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi neengelosi zamazulu engazi noNyana, kodwa nguBawo kuphela.” Sekunjalo, uYesu wasikhuthaza ukuba ‘sihlale silindile.’ (Mateyu 24:36; 25:13) Silinde ntoni? IBhayibhile isichazela ngeemeko eziza kubakho kweli hlabathi ngaphambi kokuba kufike isiphelo. Njengokuba ukutshintsha ngesiquphe kolwandle kwabalumkisa ngetsunami eyayisiza abantu baseSimeulue, ukutshintsha okuphawulekayo kweziganeko zehlabathi kuthetha ukuba isiphelo sikufuphi. Ibhokisi ehamba neli nqaku inezinye zezinto eziphawulekayo eziza kutshintsha iBhayibhile ethetha ngazo.

Yinyaniso kona ukuba ezinye zezo ziganeko okanye iimeko ezidweliswe kule bhokisi ziza kube zingaqali ukwenzeka. Kodwa uYesu wathi xa sibona “zonke ezi zinto,” siya kukwazi ukuba isiphelo sisemnyango. (Mateyu 24:33) Zibuze, ‘Kunini embalini apho ezi ziganeko zichaziweyo (1) zenzeke ehlabathini jikelele, (2) zenzeke ngexesha elinye, yaye (3) ziye zaqatsela ngobubi?’ Kucacile ukuba siphila kanye kwelo xesha ngoku.

INDLELA UTHIXO ABONISA NGAYO UKUBA UYASITHANDA

Owayesakuba ngumongameli waseMerika wathi “Iinkqubo ezikhupha izilumkiso kusengaphambili . . . ziyabusindisa ubomi.” Emva kwetsunami ka-2004, kwafakwa inkqubo yokulumkisa abantu kuloo mmandla uchaphazelekileyo ukuze kuthintelwe ukufa kwabantu kwakhona kwixesha elizayo. Ngokufanayo, uThixo wenze ilungiselelo lokulumkisa abantu ngaphambi kokuba isiphelo sifike. IBhayibhile yaprofeta yathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”—Mateyu 24:14.

Kunyaka ophelileyo kuphela, amaNgqina kaYehova achithe iiyure ezingaphezu kwe-1,9 bhiliyoni eshumayela iindaba ezilungileyo kumazwe ayi-240 ngeelwimi ezingaphezu kwe-700. Ukwenziwa kwalo msebenzi namhlanje kububungqina bokuba isiphelo sikufuphi. Ngenxa yokuba ebathanda abamelwane bawo, amaNgqina kaYehova enza konke okusemandleni awo ukulumkisa abantu ngemini kaThixo yomgwebo eza ngokukhawuleza. (Mateyu 22:39) Into yokuba uzuza kule nkcazelo ibonisa ukuba uYehova uyakuthanda. Khumbula ukuba, “[uThixo] akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9) Ngaba nawe uza kumthanda uThixo uze uthobele isilumkiso?

BALEKELA KWINDAWO EKHUSELEKILEYO!

Khumbula ukuba abantu beelali ezikunxweme lwaseSimeulue babalekela kwiindawo eziphezulu xa babebona amanzi ebhekela; abazange bawalinde abuye. Ukungalibazisi kwabo kwabasindisa. Ukuze usinde kwimbandezelo ezayo, umele ubalekele kwindawo ephezulu, ngaphambi kokuba ushiywe lixesha. Njani? Umprofeti uIsaya waphefumlelwa ukuba abhale isimemo esinamandla nesisadluliselwayo ‘ekupheleni kwale mihla’ siphila kuyo. Sithi: “Yizani, masinyuke siye entabeni kaYehova . . . asiyalele ngeendlela zakhe, ukuze sihambe emendweni wakhe.”—Isaya 2:2, 3.

Ukunyukela encotsheni yentaba kukwenza ukwazi ukubona yonke into kwaye ukhuseleke. Ngendlela efanayo, ukwazi iindlela zikaThixo esizifunda eBhayibhileni kuncede izigidi zabantu ehlabathini jikelele zenza utshintsho oluzincedileyo ebomini. (2 Timoti 3:16, 17) Ngokwenza oko, ziqalisa ‘ukuhamba emendweni [kaThixo]’ zize zithandwe nguye kwaye azikhusele.

Ngaba uza kusamkela eso simemo uze uvumele uThixo onothando akukhusele kule mihla inzima? Sicela ukuba ubufunde ngocoselelo ubungqina obusuka kwiZibhalo bokuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ obukwibhokisi ehamba neli nqaku. AmaNgqina kaYehova akwindawo ohlala kuyo angakuvuyela ukukunceda uziqonde ngakumbi izibhalo ezibonisiweyo nendlela onokuzisebenzisa ngayo. Okanye usenokufumana iimpendulo zemibuzo yakho ngokuya kwiwebhsayithi yethu ethi, www.mt711.com/xh. Jonga phantsi komxholo othi IIMFUNDISO ZEBHAYIBHILE > IMIBUZO YEBHAYIBHILE IYAPHENDULWA.

^ isiqe. 3 Le tsunami ka-2004 yabulala abantu abangaphezu kwe-220 000—eyona tsunami yadala umonakalo omkhulu embalini.