Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

“Isithembiso Somhlaba Oyiparadesi Sabutshintsha Ubomi Bam”

“Isithembiso Somhlaba Oyiparadesi Sabutshintsha Ubomi Bam”
  • UNYAKA WOKUZALWA: NGO-1974

  • ILIZWE: ELATVIA

  • UBOMI BANGAPHAMBILI: UMDYARHI WEZITHUTHUTHU OWAYEBEKA UBOMI BAKHE ENGOZINI

UBOMI BAM BANGAPHAMBILI:

Ndazalelwa eRiga, ikomkhulu laseLatvia. Mna nodadewethu sakhuliswa ngumama. Nangona umama engumKatolika, sasisiya ngeeholide zonqulo kuphela ecaweni. Ndandisoloko ndikholelwa ukuba akhona amandla angaphaya kwawomntu, kodwa njengomntu osemtsha, ndandiphazanyiswa zezinye izinto endizithandayo.

Njengoko ndandikhula, umama wabona ukuba ndinobuchule bokuchitha izinto ndize ndiphinde ndizidibanise. Wayengathandi ukundishiya ndedwa ekhaya kuba zazininzi izinto endandinokuzichitha. Ngenxa yoko wandipha izinto zokudlala endandithanda ukuzichitha ndiphinde ndizidibanise. Obu buchule ndandinabo babuhambisana kakuhle nomdla wam kwizithuthuthu. Umama wandibhalisa kukhuphiswano lwezithuthuthu ekuthiwa yiZelta Mopēds (iThe Golden Moped). Ndaqala ngokuqhuba izithuthuthu ezincinci, ndaza kamva ndaqhuba ezikhulu.

Kuba ndikhawuleza ukufunda izinto, zange kube kudala ndabe sendiphum’ izandla kulo mdlalo wokubalekisa noyingozi. Ndaphumelela kathathu kwitumente yaseLatvia yezithuthuthu ezibalekayo, ndaza ndaphumelela kabini kwiBaltic States Superbike Championship.

INDLELA IBHAYIBHILE EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM:

Xa kanye ukudyarha ngezithuthuthu kwakundihambela kakuhle, isithandwa sam, uEvija, (kamva esaba ngumkam) sadibana namaNgqina kaYehova. Sasifumene ezinye zeencwadi zawo, ezazinendawo yokucela ukufundelwa iBhayibhile. Sayizalisa saza sayithumela. Kungekudala, satyelelwa ngamaNgqina amabini saza saqalisa ukufunda nawo iBhayibhile. Ndandingenangxaki naloo nto, kodwa ke ngelo xesha, ndandingenamdla kwizinto zonqulo.

Kamva, la maNgqina andicela ukuba ndibekho xa efunda iBhayibhile noEvija ndize ndimamele. Ndavuma yaye ndayithanda  into endayivayo. Enye yezinto ezandichukumisayo sisithembiso esiseBhayibhileni somhlaba oyiparadesi. Ngokomzekelo, ndaboniswa iNdumiso 37:10, 11 ethi: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo; uya kuyikhangela indawo yakhe, abe engekho. Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” Eso sithembiso ndasithanda kakhulu.

Umdla wam wokwazi uThixo waya ukhula. Ndaye ndaqonda ukuba buninzi ubuxoki ezicaweni. Ngokwahlukileyo koko, yandimangalisa indlela iimfundiso zeBhayibhile eziqondakala nezicace ngayo.

Njengoko ndandiqhubeka nokufunda iBhayibhile, ndafunda indlela uYehova abuxabise ngayo ubomi. (INdumiso 36:9) Oku kwawuchaphazela umdyarho wam wezithuthuthu—ndandingasafuni kubeka ubomi bam engozini. Endaweni yoko, ndandifuna ukusebenzisa ubomi bam ekuzukiseni uYehova. Ngenxa yoko, udumo nobumnandi bokudyarha izithuthuthu babungasabalulekanga kum.

Ndaqonda ukuba ndifanele ndibuhlonele ubomi endibunikwe nguMniki wobomi

Ngo-1996, ndaya kwindibano yezizwe ngezizwe yamaNgqina kaYehova eTallinn, e-Estonia, kufuphi nendawo endandiqhele ukudyarhela kuyo izithuthuthu. Kule ndibano, ndabona abantu abasuka kumazwe ngamazwe behleli kunye ngoxolo. Ngokomzekelo, xa elinye iNgqina lalahlekelwa sisipaji salo, ndandicinga ukuba soze liphinde lisifumane. Kodwa kungekudala, eso sipaji safunyanwa lelinye iNgqina laza lasibuyisa yonke into isekhona. Ndothuka! Ndaqonda ngoko ukuba amaNgqina aphila ngemilinganiselo ephakamileyo yeBhayibhile. Mna noEvija saqhubeka nokufunda iBhayibhile yaye ngo-1997 sabhaptizwa sangamaNgqina kaYehova.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO:

Ezinye iitshomi zam ziye zafa ngenxa yokuphila ubomi obungalawulekiyo nokubalekisa izithuthuthu. Ukufunda iBhayibhile kwandenza ndaqonda ukuba ndifanele ndibuhlonele ubomi endibunikwe nguMniki wobomi, uYehova. Inokuba yeyona nto yasindisa ubomi bam leyo.

Iminyaka emine, mna noEvija safumana ilungelo lokukhonza njengabalungiseleli bexesha elizeleyo kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eRiga. Ngoku sonwabele ukukhulisa intombi yethu uAlise, siyinceda ikhule imthanda uYehova. Ndikwasebenza usuku olunye ngeveki kwiofisi yokuguqulela, ndilungisa iimoto nezinye izinto ezaphukileyo. Ndiyakuthanda ukusebenzisa ubuchule endabufunda ndisengumntwana! Nangoku ndisachitha izinto ndiphinde ndizidibanise.

Ukufunda iBhayibhile kwandinceda kuba ngoku ndivuyela ukushumayela ngokuphela koThixo oyinyaniso ndikunye nentsapho yam. Isithembiso separadesi emhlabeni sabutshintsha ubomi bam!