Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | UNAKO UKUSONDELA KUTHIXO

Ngaba Uyalazi Yaye Uyalisebenzisa Igama LikaThixo?

Ngaba Uyalazi Yaye Uyalisebenzisa Igama LikaThixo?

Ngaba ukho umhlobo wakho ongalaziyo igama lakhe? Asiqondi. Kunjengokuba noIrina waseBulgaria watshoyo ukuba “Ayinakwenzeka into yokuba usondele kuThixo ukuba akulazi igama lakhe.” Okuvuyisayo kukuba, njengoko kuchaziwe kwinqaku elidluleyo, uThixo ufuna usondele kuye. Ngoko, uye wasebenzisa iBhayibhile ukuze azazise kuwe esithi: “NdinguYehova. Lilo elo igama lam.”—Isaya 42:8.

UThixo uye wasebenzisa iBhayibhile ukuze azazise kuwe esithi: “NdinguYehova. Lilo elo igama lam.”—Isaya 42:8

Ngaba inomsebenzi kuYehova into yokuba ulazi uze ulisebenzise igama lakhe? Phawula ukuba igama likaThixo elibhalwe ngoonobumba abane besiHebhere iTetragrammaton, livela izihlandlo eziphantse zibe yi-7 000 kwiZibhalo zesiHebhere. Lixhaphake ngaphezu kwalo naliphi na elinye igama eliseBhayibhileni. Obu bubungqina obucacileyo bokuba uYehova ufuna silisebenzise igama lakhe. *

Abahlobo badla ngokuqala baxelelane amagama abo. Ngaba uyalazi igama likaThixo?

Noko ke abanye basenokuthi, ekubeni uThixo engcwele yaye engusomandla kukumdelela ukumbiza ngegama. Ewe kona, bekuya kuba yinto embi ukudlala ngegama likaThixo, kanye njengokuba ubungenakudlala ngegama lomhlobo wakho. Noko ke, yinjongo kaYehova ukuba abo bamthandayo balihlonele baze balazise kwabanye igama lakhe. (INdumiso 69:30, 31; 96:2, 8) Khumbula ukuba uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze bathi: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.” Sinokuncedisa ekungcwaliseni igama likaThixo ngokulazisa kwabanye. Ukwenjenjalo kusenza sisondele kuye.—Mateyu 6:9.

IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo unomdla kwabo “bacinga ngegama lakhe.” (Malaki 3:16) UYehova uthembisa umntu onjalo ngelithi: “Ndiya kumkhusela ngenxa yokuba elazi igama lam. Uya kubiza kum, yaye ndiya kumphendula. Ndiya kuba naye ekubandezelekeni.” (INdumiso 91:14, 15) Kufuneka silazi size silisebenzise igama likaYehova ukuze sibe nobuhlobo kunye naye.

^ isiqe. 4 Okubuhlungu kukuba, nangona igama likaThixo lixhaphakile kwiZibhalo zesiHebhere ezibizwa ngokuba yiTestamente Endala ngabaninzi, ezinye iinguqulelo zeBhayibhile azilifaki. Kunoko, zifakela endaweni yalo izibizo ezifana nesithi “Nkosi” okanye “Thixo.” Ukuze wazi ngakumbi ngalo mbandela, funda iphepha 195-197 lencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.