Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

EGEORGIA

Bamkhumbula UMdali Wabo Ozukileyo

Bamkhumbula UMdali Wabo Ozukileyo

Abaninzi kwabo sesifunde ngabo ngabaselula ‘abakhumbula uMdali wabo Ozukileyo ngemihla’ yobutsha babo. (INtshu. 12:1) Kangangokuba omnye kwabathathu koovulindlela baseGeorgia abayi-3 197, uneminyaka eyi-25 nangaphantsi. Kutheni ulutsha oluninzi lwalapho luqhuba kakuhle?

Zininzi izinto ezifak’ isandla. Enye yazo kukuba iintsapho ezininzi zaseGeorgia zisondelelene. UKonstantine, owakhulisa abantwana abahlanu ukuba bathande uYehova uthi: “Into eyanditsalela enyanisweni kukubona ukuba nyhani uYehova nguBawo onothando. Xa nam ndaba ngutata, ndazimisela ukunceda abantwana bam ukuba bathethe ngokukhululekileyo nam.”

UMalkhazi nomfazi wakhe, abanabantwana abathathu, benza konke okusemandleni abo ukuze bahlale besondelelene. Uthi: “Sinamaxesha khe sithi abantwana bethu mabacinge ngezinto abazithandayo ngathi nangabantakwabo. Emva koko siye sibacele bakuchaze oku kunqulo lwentsapho. Loo nto ibancede bafunda ukujonga izinto ezintle kwabanye baze babaxabise.”

“Ngoku Ndiphila Obona Bomi Banelisayo!”

Ukuze bancedisane nabazali ekuqeqesheni abantwana babo, abadala bazama ukubabandakanya kwizinto ezenziwa ebandleni beselula. UNestori, owabhaptizwa eneminyaka eyi-11, uthi: “Abadala babendinika imisetyenzana eyahlukahlukeneyo. Oku kwandinceda ndaziva ndiyinxalenye yebandla.”

Ezinye izinto ezibalulekileyo yinkxaso yabadala kunye nabantu abayimizekelo emihle. UKoba, umntakwabo Nestori, ubalisa athi: “Ngokungafaniyo nabantwana basekhaya, mna ndandingamameli ndiselula. Omnye umdala osemtsha noko, nowayengumzekelo omhle kum, wayengandigwebi kodwa wayesoloko ezama ukundiqonda. Nguye owandinceda ndabuyela kuYehova.”

Ngoku, uNestori noKoba, kunye nodade wabo, uMari, bashumayela kwintsimi esemaphandleni. UKoba uthi, “Ngoku ndiphila obona bomi banelisayo!”

“Abantwana Bam Bahamba Enyanisweni”

Iofisi yesebe yenza unako-nako wokuxhasa imigudu yabazali yokuqeqesha abantwana babo, ngokubabandakanya xa kusakhiwa izakhiwo zentlangano. Elinye ilungu leKomiti YeSebe lithi: “Siyaluxabisa ulutsha lwethu, ngenxa yoko sizama ukuluxhasa njengoko luzama ukufikelela usukelo lwalo.”

AmaNgqina KaYehova aseGeorgia asebenza nabazalwana abasuka kwamanye amazwe xa kwakusakhiwa iHolo YeNdibano eTbilisi

Abaselula bahlala bekukhumbula ukusebenza nabazalwana noodade abaqolileyo. UMamuka, owasebenza nabazalwana abasuka kumazwe ngamazwe xa kwakusakhiwa iHolo YeNdibano eTbilisi, uthi: “Ukusebenza nabo kundinike ithuba elihle lokufunda kubo. Zange ndifunde nje ubuchule bokusebenza kodwa ndafunda nezifundo ezininzi ezomeleza ukholo lwam.”

Ukusondelelana kweentsapho, ukukhuthazwa ngabadala, nabantu abayimizekelo emihle kuye kwanceda ulutsha oluninzi eGeorgia. Abazali babo bavakalelwa ngendlela umpostile uYohane awayevakalelwa ngayo, xa wathi: “Andinaluvuyo lungaphezu kolu lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.”3 Yoh. 4.

Imigudu Yokuguqulela

Ngo-2013, iQumrhu Elilawulayo layalela amasebe ukuba ajonge ukuba iilwimi ezongezelelekileyo ezithethwa kwintsimi yawo ziyazidinga na iincwadi. Lalifuna ukufikelela abantu abangakumbi ngeendaba ezilungileyo

Ngenxa yoko, isebe laseGeorgia lagqiba kwelokuba liguqulele iincwadi ngeSvan nesiMingrelia, iilwimi ezimbini ezisondele kakhulu kwisiGeorgia kangangokuba abanye abantu bathi zilwimi zasekuhlaleni.

Oovulindlela abakhutheleyo abahlala kummandla waseSvaneti babhala bathi: “AmaSvan ayazithanda izinto zonqulo kwaye ayihlonela kakhulu iBhayibhile. Nabo babethandabuza ukuthatha iincwadi zethu batsalwa zezo zaziguqulelwe kulwimi lwabo lweenkobe baza bazithatha.”

Bachukumiseka kakhulu abavakalisi abathetha isiMingrelia xa iintlanganiso zabo zaqhutywa ngolwimi lwabo. UGiga, uvulindlela oselula, uthi: “Ngoku ndigqabaza ngamazwi am. Akusafuneki ndiqale ndiguqulele oko ndiza kukuthetha engqondweni ngaphambi kokuba ndigqabaze.”

UZuri, umdala webandla elithetha isiMingrelia eTkaia, uthi: “Zininzi izinto ezindichukumisileyo ebomini bam, ezinye zintle ezinye zimbi kodwa zange khe zindililise. Kodwa xa kwaculwa iingoma zoBukumkani ngesiMingrelia okokuqala kwiintlanganiso zethu, zange kubekho mntu wakwaziyo ukuzibamba, nkqu nam lo.”

Izinto Zakutshanje Ezibalaseleyo

Eyona nto ibalaseleyo kwimbali yamaNgqina eGeorgia yenzeka ngoMgqibelo, ngoAprili 6, 2013, xa uDavid Splane weQumrhu Elilawulayo wanikela intetho enikezela isebe leli lizwe elilungisiweyo laza landiswa, iHolo YeNdibano kunye nendawo eza kuba nesikolo seBhayibhile. AmaNgqina amaninzi asekuhlaleni avula izindlu neentliziyo zawo, amkela iindwendwe eziyi-338 ezivela kumazwe ayi-24.

Ngemini elandelayo, uMzalwana uSplane wanikela intetho ekhethekileyo kubantu abayi-15 200, abanye kwelo lizwe beyibukele emabandleni abo loo ntetho. Le yeyona ndibano inkulu yakha yakho eGeorgia. Kwakuchukumisa nyhani ukukhuthazana novuyo olwafunyanwa ngaba bazalwana noodade. Omnye umzalwana oselula wathi, “Ngoku ndiyayazi ukuba kuza kuba njani kwihlabathi elitsha.”

Ukunikezelwa kweSebe laseTbilisi, ngo-2013

ISikolo SeBhayibhile Sezibini EzingamaKristu, ngoku esibizwa ngokuba siSikolo Sabavangeli BoBukumkani, sibe yintsikelelo enkulu kubantu bakaYehova eGeorgia. Ukususela ngo-2013, bangaphezu kwe-200 abafundi abaphumelele kwesi sikolo. Ngenxa yombulelo abanawo ngemfundo abayifumeneyo, balungele ukukhonza naphi na apho kufuneka abashumayeli abangakumbi.

“Ndolulele Kwizinto Ezingaphambili”

Ngenxa yemigudu yabavakalisi boBukumkani bangaphambili ababenenkalipho, iindaba ezilungileyo zifumaneka kubo bonke abantu baseGeorgia. UYehova ulusikelele kakhulu uthando lwabo ngoThixo nommelwane, ukholo lwabo, inkalipho, nokukhokela kulo msebenzi.

Abazalwana noodade abangaphezu kwe-18 000 eGeorgia bayakuvuyela ukuqhubeka nomsebenzi owawusenziwa ngabo babengaphambi kwabo, baze bancede abamelwane babo bazibonele ngokwabo amandla eLizwi likaThixo.Fil. 3:13; 4:13.

IKomiti YeSebe YaseGeorgia: UWayne Tomchuk, uLevani Kopaliani, uJoni Shalamberidze, noMichael E. Jones