Indifundisa Ntoni IBhayibhile?

Le ncwadi ikwenza uqonde indlela ezilandelelana ngayo izinto ekuthethwa ngazo eBhayibhileni, ukususela kwingxelo yokudala, ukuzalwa kukaYesu ukuya kutsho ekufikeni koBukumkani.

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Inokusetyenziswa njani le ncwadi?

UThixo Wadala Izulu Nomhlaba

IBhayibhile ithi uThixo wadala izulu nomhlaba. Uyazi ukuba yiyiphi ingelosi awayidala ngaphambi kokuba adale zonke ezinye izinto?

UThixo Wadala Indoda Nomfazi Wokuqala

UThixo wadala indoda nomfazi wokuqala waza wababeka e-Eden. Wayefuna baqalise intsapho baze benze wonke umhlaba ube yiparadesi.

UAdam NoEva Zange Bamthobele UThixo

Yintoni eyayikhethekile komnye wemithi eyayisegadini yase-Eden? Kwakutheni ukuze uEva atye isiqhamo sawo?

Umsindo Wambangela Wabulala

UThixo wawamkela umnikelo ka-Abheli, akawamkela okaKayin. Akuyiva loo nto uKayin wacaphuka waza wenza eyona nto yakha yambi

Umkhombe KaNowa

Xa iingelosi ezonayo zatshata neentombi zabantu emhlabeni, zaba noonyana ababeziingxilimbela ezazinentlonti. Kwakugcwele ugonyamelo. Kodwa yena uNowa wayengafani nabantu belo xesha​—⁠wayemthanda kwaye emthobela uThixo.

Abantu Abasibhozo Basindela Kumhlaba Omtsha

NgoMkhukula kwana iintsuku eziyi-40 nobusuku bazo. Ngaphezu konyaka uNowa nentsapho yakhe babehleli emkhombeni. Ekugqibeleni, uThixo wathi mabaphume.

Inqaba YaseBhabheli

Abantu bacinga ukwakha isixeko esinenqaba efika ezulwini. Kwakutheni ukuze uThixo abenze bazibone sebethetha iilwimi ezingafaniyo?

UAbraham NoSara Bammamela UThixo

Kwakutheni ukuze uAbraham noSara bashiye ubomi ababebuphila edolophini baye kuba ngoonothwal’ impahlana eKanan?

Bade Banonyana!

UThixo wayeza kusizalisekilsa njani isithembiso sakhe kuAbraham? Nguwuphi unyana esasiza kuzaliseka ngaye​​—⁠nguIsake okanye nguIshmayeli?

Khumbulani UmkaLote

UThixo wanisa umlilo nesalfure eSodom naseGomora. Kwakutheni ukuze zitshatyalaliswe ezo dolophu? Kutheni sifanele sikhumbule umkaLote?

Kuvavanywa Ukholo

UThixo wathi kuAbraham: ‘Nceda, uthathe unyana wakho okuphela kwakhe uze unikele ngaye kwintaba iMoriya.’ Ngaba uAbraham wayeza kumelana nolu vavanyo lokholo lwakhe?

UYakobi Walifumana Ilifa

UIsake noRebheka babenamakhwenkwe angamawele, uEsawu noYakobi. Ngenxa yokuba uEsawu waphuma kuqala, yayinguye owayefanele afumane ilifa. Kwakutheni ukuze aphise ngalo ngenxa yesitya esinesityu?

UYakobi NoEsawu Bayaxolelana

UYakobi wenza ntoni ukuze asikelelwe yingelosi? Ibe wenza ntoni ukuze axolelane noEsawu?

Ikhoboka Elalithobela UThixo

UYosefu wenza into elungileyo, kodwa waviswa ubuhlungu. Kwakutheni?

UYehova Akazange Amlibale UYosefu

Nakuba uYosefu wayekude nentsapho yakokwabo, uThixo wabonisa ukuba wayenaye.

Wayengubani UYobhi?

Wathobela uYehova naxa kwakunzima.

UMoses Wakhetha Ukunqula UYehova

Eselusana, uMoses wasindiswa licebo likanina.

Ityholo Elivuthayo

Kwakutheni ukuze umlilo ungalitshisi liphele ityholo?

Izibetho Ezintathu Zokuqala

UFaro wabazisela intlekele abantu bakhe kuba wayenekratshi lokwenza into nje enye elula.

Izibetho Ezithandathu Ezalandelayo

Ezi zibetho zazahluke ngantoni kwezintathu zokuqala?

Isibetho Seshumi

Esi isibetho satshabalalisa kakhulu kangangokuba uFaro onekratshi wade wanikezela.

Ummangaliso KuLwandle Olubomvu

UFaro wasinda kwizibetho ezilishumi, kodwa ngaba wasinda kulo mmangaliso kaThixo?

Bathembisa UYehova

AmaSirayeli athembisa uThixo xa ayemise iintente ngakwiNtaba YeSinayi.

Basaphula Isithembiso

Ngoxa uMoses wayenikwa iMithetho Elishumi, abantu babesenza isono.

Umnquba Abaza Kunqula Kuwo

Le ntente ikhethekileyo yayinetyeya yomnqophiso.

Iintlola Eziyi-12

UYoshuwa noKalebhi babohlukile kumadoda alishumi awayeyokuhlola iKanan.

Bamvukela UYehova

UKora, UDatan, uAbhiram nabanye abayi-250 abazange bayiqonde eyona nto kwakufuneka bayazi ngoYehova.

Idonki KaBhileham Iyathetha

Idonki ibona umntu ongabonwayo nguBhileham.

UYehova Wakhetha UYoshuwa

UThixo wanika uYoshuwa imiyalelo enokusinceda nanamhlanje.

URahabhi Wafihla Iintlola

Iindonga zaseYeriko ziyadilika. Yona indlu kaRahabhi ayidiliki, nangona yayingaphakathi kwezo ndonga.

UYoshuwa NamaGibheyon

UYoshuwa uthandaza kuThixo ukuba: “Ilanga, lime ngxi!” Ngaba uThixo wamphendula?

Inkokeli Entsha Namabhinqa Amabini Anesibindi

Emva kokuba uYoshuwa efile, amaSirayeli anqula izithixo. Ubomi baba nzima, kodwa uncedo lweza ngoMgwebi uBharaki, uDebhora umprofetikazi noYaheli nentente yakhe!

URute NoNahomi

Amabhinqa amabini awafelwa ngabayeni abuyela kwaSirayeli. Omnye wawo, uRute, waya kusebenza emasimini, apho wabonwa nguBhohazi.

UGidiyon Wawoyisa AmaMidiyan

Emva kokuba amaMidiyan ewaphethe kabuhlungu amaSirayeli, abantu bacela uYehova ukuba abancede. Umkhosi wamadoda ambalwa kaGidiyon wawoyisa njani amajoni ayi-135 000?

UHana Uthandazela Ukuba Nonyana

UElikana uhamba noHana, uPenina nabantwana bayonqula kumnquba oseShilo. Apho uHana uthandazela ukuba nonyana. Emva konyaka, uzala uSamuweli!

Isithembiso SikaYifeta

Wathembisa ntoni uYifeta, yaye ngoba? Yathini intombi kaYifeta yakuva ngesithembiso sikayise?

UYehova Uthetha NoSamuweli

Oonyana ababini bombingeleli Omkhulu uEli babengababingeleli emnqubeni, kodwa abazange bamthobele uThixo. USamuweli omncinci wayengafani nabo. UYehova wathetha naye.

UYehova Wamnika Amandla USamson

UThixo wamnika amandla uSamson ukuze alwe namaFilisti, kodwa xa wenza isigqibo esingafanelekanga, amaFilisti amoyisa.

Ukumkani Wokuqala WakwaSirayeli

UThixo wanika amaSirayeli abagwebi ukuze bawakhokele, kodwa acela ukuba nokumkani. USamuweli wakhetha uSawule ukuba abe ngukumkani wokuqala, kodwa ekuhambeni kwexesha uYehova akazange amfune uSawule. Kwakutheni?

UDavide NoGoliyati

UYehova ukhetha uDavide ukuba abe ngukumkani olandelayo wakwaSirayeli, uDavide ubonisa isizathu sokuba kukhethwe yena.

UDavide NoSawule

Kutheni enye yala madoda iyithiyile enye, ibe le ithiyiweyo ithini ngaloo nto?

UYonatan Onesibindi Nongumhlobo Wokwenene

Unyana kakumkani uba yitshomi kaDavide.

Isono SikaKumkani UDavide

Isigqibo esingalunganga sibangela ingxaki enkulu.

Itempile KaYehova

UThixo uyasamkela isicelo sikaKumkani uSolomon aze amnike amalungelo amaninzi.

Ubukumkani Bahlulelene

AmaSirayeli amaninzi ayeka ukukhonza uYehova.

Yintoni Eyenzeka KwiNtaba YeKarmele

Ngubani uThixo oyinyaniso? NguYehova okanye nguBhahali?

UYehova Womeleza UEliya

Ucinga ukuba nawe angakomeleza?

Unyana Womhlolokazi Uvuka Ekufeni

Imimangaliso emibini kumzi omnye!

Ukumkanikazi Ombi Uyohlwaywa

UIzebhele wenza iyelenqe lokubulala umSirayeli onguNabhoti ukuze abe igadi yakhe! Ububi nokungabi nabulungisa kwakhe babonwa nguYehova uThixo.

UYehova Ukhusela UYehoshafati

UKumkani uYehoshafati olungileyo uthandaza kuThixo xa uYuda etyityimbiselwa umnwe ziintshaba.

Ijoni Nentombazana Encinane

Intombazanana engumSirayeli ixelela inkosazana ngamandla kaYehova​—⁠imiphumo iyamangalisa.

Umkhosi KaYehova Womlilo

Indlela isicaka sikaElisha esabona ngayo ukuba ‘baninzi abakunye nabo kunabakunye namaSiriya.’

UYehoyada Waba Nesibindi

Umbingeleli othembekileyo uba nesibindi nxamnye nokumkanikazi ombi.

UYehova Waba Nomonde KuYona

Umprofeti kaThixo waginywa njani yintlanzi enkulu? Waphuma njani kuyo? UYehova wamfundisa siphi isifundo?

Ingelosi KaYehova Ikhusela UHezekiya

Iintshaba zamaYuda zithi uYehova akasoze abakhusele abantu bakhe, ziyaxoka!

UYosiya Wayewuthanda UMthetho KaThixo

UYosiya waba ngukumkani eneminyaka esibhozo, wanceda abantu banqula uYehova.

UYehova Uthuma UYeremiya

Into eyathethwa ngulo mprofeti usemncinci yazicaphukisa izikhulu zakwaYuda.

IYerusalem Iyatshatyalaliswa

Abantu bakwaYuda abayeki ukunqula oothixo bobuxoki, ngenxa yoko uYehova uyabashiya.

Amakhwenkwe Amane Awathobela UYehova

AmaYuda asemancinci azimisele ukuhlala enyanisekile kuYehova, nkqu nasemzini kakumkani eBhabhiloni.

Ubukumkani Obuza Kulawula Ngonaphakade

UDaniyeli ucacisa into ethethwa liphupha elingaqhelekanga likaNebhukadenetsare.

Abazange Baqubude

UShadraki, uMeshaki noAbhednego abazange bavume ukunqula umfanekiso wegolide kakumkani waseBhabhiloni.

Ubukumkani Obunjengomthi Omkhulu

Iphupha likaNebhukadenetsare lichaza into eza kwenzeka kuye.

Umbhalo Osedongeni

Ubonakala nini umbhalo ongaqondakaliyo yaye uthetha ukuthini?

UDaniyeli Emngxunyeni Oneengonyama

NjengoDaniyeli, thandaza kuYehova yonke imihla!

UEstere Usindisa Abantu Bakowabo

Nangona wayengowasemzini ibe engenabazali, waba ngukumkanikazi.

UEzra Wafundisa UMthetho KaThixo

Emva kokuba amaSirayeli emamele uEzra, enza isithembiso esikhethekileyo kuThixo.

Iindonga ZaseYerusalem

UNehemiya wafumanisa ukuba iintshaba zakhe zaziceba ukubahlasela. Kwakutheni ukuze angoyiki?

UElizabhete Unomntwana

Kwakutheni ukuze umyeni kaElizabhete axelelwe ukuba akazukwazi ukuthetha de kuzalwe umntwana?

UGabriyeli Uye Kubona UMariya

Wamxelela into eyatshintsha ubomi bakhe.

Iingelosi Zichaza Ukuzalwa KukaYesu

Abelusi abeva ezi ndaba zange balibazise.

UYehova Wamkhusela UYesu

Ukumkani ongcolileyo wayefuna ukubulala uYesu.

UYesu Esemncinci

Wabothusa njani abefundisi etempileni?

UYohane Ulungisa Indlela

Ekukhuleni kwakhe uYohane uba ngumprofeti. Ufundisa ukuba uMesiya uyeza. Abantu benza ntoni xa besiva umyalezo abaphathele wona?

UYesu Uba NguMesiya

Uthetha ukuthini uYohane xa esithi uYesu yiMvana kaThixo?

UMtyholi Ulinga UYesu

Umtyholi ulinga uYesu kathathu. Zeziphi ezi zilingo zintathu? Wathini uYesu?

UYesu Ucoca Itempile

Kutheni uYesu ekhupha izilwanyana ngaphandle kwetempile aze abhukuqe iitafile zabathengisi?

Ibhinqa Equleni

Ibhinqa elingumSamariya lamangaliswa kukuba uYesu ethetha nalo. Kwakutheni? UYesu walixelela into awayengekayithethi nakomnye umntu, yayiyintoni leyo?

UYesu Ushumayela NgoBukumkani

UYesu umema abanye abafundi bakhe ukuba babe ‘ngabalobi babantu.’ Kamva, uqeqesha abalandeli bakhe abayi-70 ukuba bashumayele iindaba ezilungileyo.

UYesu Wenza Imimangaliso Emininzi

Naphi na apho aya khona, abantu abagulayo beza kuye ukuze abaphilise, ibe uyabaphilisa. Ude avuse nentombazana encinci ekufeni.

UYesu Ukhetha Abapostile Abayi-12

Wayebakhethela ntoni? Uyawakhumbula amagama abo?

INtshumayelo Yasentabeni

UYesu ufundisa abantu izifundo ezibalulekileyo.

UYesu Ufundisa Abafundi Bakhe Indlela Yokuthandaza

Zizinto ezinjani uYesu awathi abafundi bakhe mabaqhubeke bezithandazela?

UYesu Utyisa Abantu Abaninzi

Lo mmangaliso usibonisa ntoni ngoYesu noYehova?

UYesu Uhamba Phezu Kwamanzi

Inoba bavakalelwa njani abapostile xa bebona lo mmangaliso?

UYesu Uphilisa NgeSabatha

Kutheni ingabonwabisi bonke abantu into ayenzayo?

UYesu Uvusa ULazaro Ekufeni

Xa uYesu wabona uMariya ekhala, naye walila. Kodwa ezo nyembezi zaphela zisiba luvuyo.

Isidlo SikaYesu Sokugqibela

UYesu unika abafundi bakhe imiyalelo ebalulekileyo kwisidlo sokugqibela ekunye nabo.

UYesu Uyabanjwa

UYudas Skariyoti ukhokela abantu abaninzi abaphethe amakrele namagqudu ukuze kubanjwe uYesu.

UPetros Ukhanyela UYesu

Kwenzeka ntoni kwiyadi yakwaKayafa? Kwenzeka ntoni kuYesu ngoxa ekuloo ndlu?

UYesu Ufela EGolgotha

Kutheni uPilato eyalela ukuba uYesu abulawe?

UYesu Uvusiwe

Ziintoni ezenzekayo emva kokuba uYesu ebulewe?

UYesu Ubonakala Kubalobi

Wenzani ukuze bamhoye?

UYesu Ubuyela Ezulwini

Ngaphambi kokuba aye ezulwini, unika abafundi bakhe imiyalelo ebalulekileyo.

Abafundi Bafumana Umoya Oyingcwele

Umoya oyingcwele wabanika waphi amandla awabothusayo abantu?

Akukho Nto Inokubayekisa

Iinkokeli ezibulalise uYesu ngoku zifuna abafundi bangashumayeli. Kodwa azizukuphumelela.

UYesu Ukhetha USawule

USawule lutshaba olungenalusini lwamaKristu, kodwa sele eza kutshintsha.

UKorneli Ufumana Umoya Oyingcwele

Kutheni uThixo ethumela uPetros kwindlu yendoda engengomYuda?

Iintlanga Ezininzi Ziba NgamaKristu

Umpostile uPawulos nabo wayeshumayela nabo baqalisa lo msebenzi kwiindawo ezikude.

Umgcini-ntolongo Ufunda Inyaniso

Kuthiwani ngedemon, inyikima nekrele kweli bali?

UPawulos NoTimoti

Amadoda amabini asebenza kunye futhi angabahlobo yaye akhonza kunye iminyaka emininzi.

UPawulos Uthunyelwa ERoma

Uhambo lwakhe luneengozi, kodwa akukho zingxaki zinokutyhafisa lo mpostile.

ISityhilelo SikaYohane

UYesu umbonisa imibono emininzi ngekamva.

“Mabufike Ubukumkani Bakho”

ISityhilelo sikaYohane sibonisa indlela uBukumkani bukaThixo obuza kubutshintsha ngayo ubomi emhlabeni.