Yiya kwinkcazelo

Wazincama Nangona Eneengxaki Zempilo

Wazincama Nangona Eneengxaki Zempilo

 UMaria Lúcia, waseBrazil, unesifo ekuthiwa yiUsher’s syndrome, esibangela ukuba umntu angeva kakuhle aze ekuhambeni kwexesha angaboni. Wazalwa engeva ibe wafunda intetho yezandla esengumntwana. Xa wayemalunga neminyaka eyi-30, waqalisa ukungaboni kakuhle. Nangona wayenezingxaki, uMaria Lúcia zange azibhekisele kude ebantwini. Ngoku, uneminyaka engaphezu kweyi-70, wonwabile ibe wenza umsebenzi awuthandayo.

 UMaria Lúcia wadibana namaNgqina kaYehova ngo-1977, esakwazi ukubona. Uthi: “Ndadibana nomnye endandifunda naye, uAdriano owayesandul’ ukuba liNgqina. Wandixelela ukuba kwixesha elizayo uThixo uthembisa ukuba kuza kubakho umhlaba oyiparadesi apho abantu bengazukugula. Ndayithanda kakhulu into awandichazela yona ndaza ndafunda iBhayibhile. Ngokukhawuleza, ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso kwibandla elaliseRio de Janeiro, apho ezinye iintlanganiso zazitolikwa ngentetho yezandla. UYehova wandinceda ndakwazi ukwenza inkqubela, ibe ndabhaptizwa ngoJulayi 1978.”

 Ekuhambeni kwexesha, uMaria Lúcia waya kwibandla ekwakungekho maNgqina ayaziyo intetho yezandla. Ekuqaleni, oku kwaba yingxaki kuba wayengeva ukuba kuthiwani kwiintlanganiso. Oodade ababini bamnceda, babehlala naye kwiintlanganiso, baze bambhalele into eyayifundiswa. UMaria Lúcia uthi, “Xa ndandisekhaya ndandiyiphindaphinda ukuyifunda into abandibhalele yona ukuze ndiyiqonde. Kamva, aba dade babini bafunda intetho yezandla baza banditolikela.”

 Njengokuba wayesiya engaboni uMaria Lúcia, wayengakwazi ukuzibona izinto azibhalelwa ngaba dade. Waqalisa ukusebenzisa intetho yezandla ekuthiwa yitactile ukuze akwazi ukuthetha nabanye abantu. Yenjani leyo? Uthi: “Ndibeka izandla zam phezu kwezomntu onditolikelayo, ukuze ndiyiqonde into ethethwayo.”

 UMaria Lúcia uyababulela aba dade ngomsebenzi abawenzayo. Uthi, “Bazizipho ezixabisekileyo ezivela kuYehova. Ngenxa yoncedo lwabo, ndiyangenelwa kwiintlanganiso zebandla, kwiindibano ezincinci nezinkulu.”

 UMaria Lúcia ukhuthele entsimini. Esebenzisa intetho yezandla itactile, uyashumayela kwabo bangevayo, ibe nabo bavuyiswa yimizamo yakhe yokubafikelela ngeendaba ezilungileyo. Ngexesha leKhorona, uMaria Lúcia uye wabhalela abantu abangevayo iileta ezininzi encedwa ngumntwana wakowabo uJosé Antônio, naye ongaboniyo nongevayo. a

 Uzibhala njani ezi leta? Uthi “Xa ndibhala ndisebenzisa iplastiki engathi ngu-L, iyandinceda ndibhale kakuhle ibe ngathi kukho nemigca. UJosé Antônio uyakwazi ukukhumbula izinto esizibhalayo. Uye andixelele imixholo neZibhalo emandizifake kwezo leta. Ndizama ukubhala ngendlela eza kubangela abantu abangevayo bakwazi ukuzifunda. Ayingabo bonke abantu abangevayo abakwaziyo ukufunda.”

 Nangona ngoku uMaria Lúcia engaboni ngokupheleleyo, usakuthanda ukusebenza. UKaroline omnye weetoliki zakhe, uthi: “UMaria Lúcia uyenza yonke imisebenzi yakhe yasendlini ibe indlu yakhe ihlala icocekile. Uyakuthanda ukupheka aze atye nabahlobo bakhe.”

 UJefferson, okhonza njengomdala kwibandla likaMaria Lúcia, uthi: “UMaria Lúcia umthanda kakhulu uYehova. Ibe uyabathanda abantu. Usoloko esenza izinto eziza kunceda abanye. Ungumntu ozincamayo.”—Filipi 2:4.

a UJosé Antônio waba liNgqina emva kukaMaria Lúcia ibe wabhaptizwa ngo-2003. NjengoMaria Lúcia, wazalwa engeva ibe ekuhambeni kwexesha wayeka ukubona.