Yiya kwinkcazelo

Ngaba Nikholelwa Ukuba Umhlaba Unamawaka Ambalwa Eminyaka Ukho?

Ngaba Nikholelwa Ukuba Umhlaba Unamawaka Ambalwa Eminyaka Ukho?

Akunjalo. AmaNgqina KaYehova akholelwa ukuba uThixo wadala yonk’ into. Kodwa awakholelwa ukuba suku ngalunye kula mathandathu okudala, luneeyure eziyi-24 nokuba umhlaba unamawaka ambalwa eminyaka ukho. Ngoba? Iinkolelo eziliqela zabantu abakholelwa kwindalo ziyangqubana neBhayibhile. Khawucinge ngale mizekelo mibini:

  1. Ubude beentsuku ezintandathu zokudala. Abantu abakholelwa ekudalweni komhlaba bathi, iintsuku zokudalwa yayiziiyure eziyi-24. EBhayibhileni igama elithi ‘usuku’ linokuthetha ixesha elide.​—Genesis 2:4; INdumiso 90:4.

  2. Ubudala bomhlaba. Abantu abakholelwa ekudalweni komhlaba bafundisa ukuba umhlaba uneminyaka engamawaka ambalwa ukho. Kodwa ngokutsho kweBhayibhile umhlaba kunye nendalo iphela zazikho ngaphambi kweentsuku ezintandathu zokudalwa komhlaba. (Genesis 1:1) Ngenxa yeso sizathu amaNgqina kaYehova awayiphikisi isayensi xa isithi umhlaba uneebhiliyoni zeminyaka ukho.

Nangona amaNgqina kaYehova ekholelwa kwindalo, awayichasanga isayensi. Sikholelwa ukuba isayensi kunye neBhayibhile ziyahambelana.