Yiya kwinkcazelo

Ngaba Niyawenza Umsebenzi Wobuvangeli?

Ngaba Niyawenza Umsebenzi Wobuvangeli?

Ewe. Naphi na apho sihlala khona, onke amaNgqina kaYehova asebenza ngokungathi angabashumayeli bevangeli, kuba lisiko lawo ukuya ebantwini aze ancokole nabo ngeBhayibhile.​—Mateyu 28:19, 20.

Ukongezelela, amanye amaNgqina aye atyelele okanye afudukele kwiindawo ezinabantu abangekaziva iindaba ezilungileyo ezisuka eBhayibhileni. Amanye amaNgqina afudukela kwamanye amazwe ukuze ashumayele khona. Avuya kakhulu kuba ezalisekisa isiprofeto sikaYesu, esithi: “Niya kuba ngamangqina am . . . kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.”​—IZenzo 1:8.

Ngo-1943, kwaqaliswa isikolo esikhethekileyo sokuqeqesha abathunywa bevangeli. Ukususela ngoko, angaphezu kwe-8 000 amaNgqina aye afumana le mfundo kwesi sikolo sibizwa ngokuba siSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi.