Yiya kwinkcazelo

Indlela Impahla Ehlanjwa Ngayo EBheteli

Indlela Impahla Ehlanjwa Ngayo EBheteli

Abafana kunye neentombi ezikwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eseUnited States basebenza nzima ukuze bahlambe iimpahla ezinobunzima obuziitoni eziyi-1 800, ezisuka eBrooklyn, ePatterson, eWallkill eseNew York. Zininzi kakhulu ezi mpahla. Into eyenza lo msebenzi ungafani neminye, kukuba kusetyenzwa ngeempahla ezahlukahlukeneyo.

Ngeentsuku zomsebenzi, abo bahlala kwizakhiwo zeBheteli eseUnited States bathumela iindidi zeempahla ezingaphezu kwe-11 000 ukuba zihlanjwe—iihempe eziyi-2 300, iibhlukhwe eziyi-650, iikawusi, izikipa neempahla zangaphantsi. Kukho nezinye eziyi-900 ezifuna i-dry-cleaner.

Kusiwa namashiti, iitawuli, iingubo, iimpahla zasekhitshini kunye namalaphu. Zonke ezo zinto kufuneka zihlanjwe, zomiswe zize zisiwe kwindawo abahlala kuyo. Izinto ezifana namalaphu ziyaqokelelwa zize zihlanjwe, kodwa amaqhina neeblawuzi zesilika zihlanjwa zodwa.

Abahlambi bempahla bakhangela iindawo ezikrazukileyo apha empahleni kunye neziphunyelwe ngamaqhosha. Kusetyenziswa umatshini ukuze kubuyiselwe iqhosha, okanye lithungwe ngesandla. Ukuba kukho impahla efuna ukulungiswa kucelwa umntu onamava ayenze.

Zonke iimpahla ezihlanjwayo zifakwa i-bar code ukuze zaziwe ukuba zezikabani, kwaye iyanceda ukuze iimpahla ezisele zihlanjiwe zaza za-ayinwa zibuyele kubantu bazo.

Abasebenzi abasafikayo baye bafundiswe umsebenzi ngaba kudala bekhona. Umntu ofikayo usenokufundiswa izinto ezingaphezu kwe-20 ngokuhlanjwa kweempahla. Enye yaloo misebenzi kukukwazi ukususa amabala empahleni. Kufuneka aba bafikayo bawazi kakuhle amalaphu, nokuba yintoni ayenzayo xa efakwa amachiza okanye iisepha ezahlukeneyo.

UTajh ononyaka onesiqingatha esebenza kwisebe lokuhlanjwa kwempahla uthi: “Ndiyakuvuyela ukusebenza nabantu abasuka kumakhaya angafaniyo.” UShelly naye okwasebenza apha uthi: “Kulilungelo elikhulu ukuqiniseka ukuba amalungu eBheteli ahlala emahle.”