Yiya kwinkcazelo

Kusasazwa Iindaba Ezilungileyo Ngeelwimi Zomthonyama EIreland NaseBritani

Kusasazwa Iindaba Ezilungileyo Ngeelwimi Zomthonyama EIreland NaseBritani

AmaNgqina kaYehova enza umgudu okhethekileyo wokufikelela abantu abathetha iilwimi zomthonyama eIreland naseBritani. a Ukongezelela kwisiNgesi, ezi lwimi ziquka isi-Irish, isiGaelic saseSkotlani nesiWelsh.

NgoSeptemba 2012 saba newebhsaythi ehlaziyiweyo u-jw.org ngeelwimi ezininzi, kuquka isi-Irish nesiWelsh, saza isiGaelic saseSkotlani sabakho ngoAgasti 2014. Sikwaprinta nezinye iincwadi ezahlukahlukeneyo ezithetha ngeBhayibhile ngezi lwimi. Bawubone njani abantu lo mzamo?

Umfundisi owafumana iphecana elisekelwe eBhayibhileni ngesiGaelic saseSkotlani, walifunda ngoko nangoko, waza waqalisa ukuchiphiza. Yintoni le yamchukumisa kangaka? Wayemangaliswe yindlela eliguqulelwe kakuhle ngayo eli phecana ibe wathi: “Ngubani lo ebeguqulela apha? Wenze umsebenzi omhle gqitha!”

Kwinyanga yokuqala u-jw.org ekho ngesiGaelic saseSkotlani, kwaye kwangena abantu abamalunga ne-750.

Indoda efundisa kwiNational University of Ireland eGalway, yaxelela elinye iNgqina ukuba ayinamdla kunqulo. Kodwa, xa yafumanisa ukuba ingazifumanela incwadana ethi IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo? ngesi-Irish, yacela ikopi yayo. Yathi wonke umntu umele akwazi ukufumana iincwadi ezithetha ngeBhayibhile ngolwimi lwakhe, ibe yawancoma amaNgqina kaYehova ngokuba neencwadi ezifumaneka ngesi-Irish.

Elinye ibhinqa elisele likhulile lachaza indlela elivuya ngayo ngokufumana incwadana esekelwe eBhayibhileni ngesiWelsh lisithi: “Xa ndithetha inyani, ukuba ubundinike ngesiNgesi le ncwadana, bendingazi kuyithatha, kodwa ndiyakuvuyela ukuyifumana ngolwimi lwam.”

NgoAgasti 2014, siye sazandisa izinto zolwimi lwesiWelsh ezifumaneka ku-jw.org. Inani labantu abangene kwiwebhsaythi yethu ukuze bafunde izinto ezibhalwe ngesiWelsh liye landa kakhulu kula nyanga.

“Sithetha Ulwimi Olunye”

Emva kokuba uYesu ebacacisele ngokucokisekileyo iZibhalo abafundi bakhe ababini, bathetha oku bevuya: “Bezingavuthi na iintliziyo zethu njengoko ebethetha nathi endleleni, njengoko ebesivulela ngokupheleleyo iZibhalo?” (Luka 24:32) Abantu bachukumiseka gqitha xa inyaniso yeBhayibhile zicaciswa ngolwimi lwabo.

Indoda ekuthiwa nguEmyr yaseWales inomfazi oliNgqina likaYehova, kodwa ayizange yakhonza kunqulo lomfazi wayo. Sekunjalo, yaba nomhlobo oliNgqina ekuthiwa nguRussell. UEmyr uchaza into eyamncedayo watshintsh’ indlela acinga ngayo: “Ndazimisela ukufunda iBhayibhile xa uRussell wandiphathela incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? b Wandinika le ncwadi waza wathi, ‘Le ncwadi ibhalwe ngesiWelsh. Ibe ukususela ngoku, siza kuyifunda kunye.’” Kwakutheni ukuze uEmyr atsaleleke ekungqaleni kukaRussell? Waleka ngelithi: “Sithetha ulwimi olunye, sinemvelaphi efanayo ibe siyaqondana.” Intliziyo kaEmyr ‘yayivutha’ xa wayencokola ngeBhayibhile ngolwimi lwakhe kuba wayeziqonda kakuhle izinto.

AmaNgqina kaYehova aza kuqhubeka enceda abantu bafunde ngoThixo ngolwimi lwabo, ulwimi oluchukumisa intliziyo.

a IBritani apha ibhekisela kwiNgilani, eScotland naseWales.

b Iphecana lokufunda iBhayibhile eliveliswe ngamaNgqina kaYehova.