Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndimele Ndithini Xa Abazali Bam Bengafuni Ndisebenzise Iiwebhsayithi Zokuncokola?

Ndimele Ndithini Xa Abazali Bam Bengafuni Ndisebenzise Iiwebhsayithi Zokuncokola?

 Kusenokwenzeka ukuba abahlobo bakho basebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola, ibe basoloko bethetha ngazo. Mhlawumbi bade bahlekisa ngawe kuba wena ungazisebenzisi. Yintoni omele uyazi? Ibe ungenza ntoni?

Into omele uyazi

 Bakhona nabanye abafana nawe. Abazali abaninzi ababavumeli abantwana babo ukuba basebenzise iiwebhsayithi zokuncokola. Mhlawumbi bayazi ukuba zibangela ezi zinto zilandelayo:

  •   idepression nezinye izigulo eziphazamisa iimvakalelo.

  •   ukubukela iphonografi, ukuthumelelana imiyalezo, iifoto, neevidiyo zesondo, nokuntlontwa kwi-intanethi.

  •   ukuxabana kwabahlobo okungadingekiyo.

 Ulutsha oluninzi luye lwazikhethela ukuyeka ukusebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola. Luye lwabona ukuba, xa lusebenzisa ezi webhsayithi, luye lungene ezingxakini endaweni yokuba lonwabe. Khawuve ezi zinto zenzeke kwabanye:

  •   UPriscilla yena wafumanisa ukuba zimtyela ixesha ebenokwenza ngalo izinto ezibalulekileyo.

  •   UJeremy wayengayithandi into yokuba kwezi webhsayithi kuvele kuthi gqi izinto ezingafanelekanga.

  •   UBethany yena wabona ukuba uya ehoya kakhulu izinto ezenziwa ngabanye abantu.

 “Ndaye ndazisusa iiwebhsayithi zokuncokola efowunini yam, ibe andizisoli ngokwenza loo nto. Andizikhumbuli nakancinci. Ndonwabe kakhulu njengokuba ngoku ndinexesha elininzi lokwenza izinto ezibalulekileyo.”—USierra.

 “Ndandingayithandi into yokuba kwakunzima ukuziyeka ezi webhsayithi zokuncokola. Ndandiba nexhala naxa ndifake into kuzo, kuba ndicinga ukuba abantu baza kuthini. Kwakungekho lula kona ukuzisusa, kodwa kwathi xibilili emveni kokuba ndizisusile. Ndonwabe kakhulu ngoku.”—UKate.

Into onokuyenza

 Bamamele abazali bakho. Babonise ukuba ungakwazi ukuthobela imithetho abakubekela yona, ungakhange ucaphuke okanye ukhalaze.

 Umgaqo weBhayibhile: “Isidenge siyikhupha yonke indlela esiziva ngayo, kodwa sona isilumko sihlala sizolile.”—IMizekeliso 29:11.

 Abanye basenokukucebisa ukuba uzisebenzise iiwebhsayithi zokuncokola kodwa ungabaxeleli abazali bakho okanye uzifihle kubo. Bayakuqhatha! Xa unganyanisekanga, uza kuphathwa lixhala ibe uza kutyiwa nasisazela. Loo nto ingakufaka engxakini ibe inokwenza abazali bakho bangakuthembi.

 Umgaqo weBhayibhile: “Sifuna ukuziphatha ngokunyaniseka kuzo zonke izinto.”—Hebhere 13:18.

 Zibonele indlela ekukunceda ngayo ukuyeka iiwebhsayithi zokuncokola. Njengolutsha esithethe ngalo kweli nqaku, nawe ungakwazi ukucinga ngezizathu ezininzi ezinokukwenza ungazisebenzisi iiwebhsayithi zokuncokola. Xa ubona ukuba azizokukunceda nganto, kungalula ukuba usixhase isigqibo sabazali bakho, ibe ngathi sesakho, kuba nawe uyaqonda ukuba kufuneka uziphephe. Ngaloo ndlela awuzokuba nantloni xa abanye bekubuza ukuba kutheni ungazisebenzisi, ibe abanakufane bahlekise ngawe.

 Eyona nto siyithethayo: Bathobele abazali bakho. Ukhangele eyona nto nivumelana ngayo xa nithetha ngeewebhsayithi zokuncokola, ukuze ukwazi ukusixhasa isigqibo sabo ngokungathi sesakho. Okwangoku, ungakwazi ukungazisebenzisi iiwebhsayithi zokuncokola.