Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Yohane 16:33—“Ndiloyisile Ihlabathi”

Yohane 16:33—“Ndiloyisile Ihlabathi”

 “Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo ngenxa yam. Niza kutshutshiswa ehlabathini, kodwa ze nomelele! Mna ndiloyisile ihlabathi.”—Yohane 16:33, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo, kuba nimanyene Nam. Ehlabathini niya kubandezeleka, kodwa musani ukuxhalaba kuba mna ndiloyisile ihlabathi.”—Yohane 16:33, IBhayibhile YesiXhosa Yango-1996.

Into ethethwa nguYohane 16:33

 Ngala mazwi uYesu wayefuna abalandeli bakhe baqiniseke ukuba nabo bangakwazi ukwenza into efunwa nguThixo noba baneengxaki okanye bayachaswa.

 “Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo ngenxa yam a.” Le vesi iphinda ibonise ukuba, ukuba noxolo akuthethi kuthi umntu akazukuba nazo iingxaki. Kunoko ithi uza kuba noxolo entliziyweni nasengqondweni. Olu xolo lufumaneka “ngenxa” kaYesu owathembisa ukuba uza kusithumelela umoya oyingcwele. Lo ‘mncedi’ unamandla, wayeza kwenza abalandeli bakaYesu bazoyise iingxaki noba zeziphi.—Yohane 14:16, 26, 27.

 “Niza kutshutshiswa ehlabathini, kodwa ze nomelele!” UYesu zange abafihlele abafundi bakhe inyani yokuba baza kuba neengxaki ezinje ngokuphathwa kakubi nokutshutshiswa. (Mateyu 24:9; 2 Timoti 3:12) Yiloo nto kwakufuneka “banyamezele,” okanye “babe nesibindi.”—Yohane 16:33, iNew International Version.

 “Mna ndiloyisile ihlabathi.” Igama elithi “ihlabathi” libhekisela kubantu abangenabo ubuhlobo obuqinileyo noThixo. b U-1 Yohane 5:19 uthi: “Lonke ihlabathi lilawulwa nguSathana.” Ngoko abantu abaphila kweli “hlabathi,” bacinga baze benze izinto angazithandiyo uThixo.—1 Yohane 2:15-17.

 USathana nehlabathi lakhe bazama ukwenza uYesu ayeke ukufundisa abantu ngoThixo nokusifela. (Mateyu 20:28; Luka 4:13; Yohane 18:37) Kodwa uYesu zange avumele ihlabathi litshintshe indlela awayecinga ngayo aze ayeke ukuthobela uThixo. Wathembeka wade wafa. Yiloo nto wakwaziyo ukuthi uloyisile ihlabathi nokuba uSathana, “umlawuli weli hlabathi,” “akukho nto anokumbamba ngayo.”—Yohane 14:30.

 Ngezinto awayezenza uYesu wabonisa abalandeli bakhe ukuba banokuhlala bethembekile kuThixo nokuba uSathana nehlabathi bazama ukubenza bayeke. Ngamanye amazwi, uYesu wayesithi: “Ukuba ndikwazile ukuloyisa ihlabathi, nani ninokukwazi.”

Into ekuthethwa ngayo kuYohane 16:33

 UYesu wawathetha la mazwi ngaphambi kokuba afe. Kuba wayesazi ukuba uza kufa kungekudala, wasebenzisa eli thuba ukuze abaxelele amazwi okugqibela abapostile bakhe. Wagqibezela ngamazwi ekwakufuneka bacingisise kakuhle ngawo, esithi: Babengazukuphinda bambone futhi babeza kutshutshiswa bade babulawe nokubulawa. (Yohane 15:20; 16:2, 10) Kuba le nto yayisenokuboyikisa abapostile, uYesu wathetha amazwi akuYohane 16:33 ukuze abakhuthaze aze abaqinisekise.

 Amazwi kaYesu nezinto awazenzayo zinokubakhuthaza nanamhlanje abalandeli bakhe. Onke amaKristu anokuhlala ethembekile nokuba aphethwe kakubi.

a Amazwi esiGrike aguqulelwe ngokuthi “ngenxa yam” nanokuphinda aguqulelwe ngokuthi, “nimanyene nam.” Athetha ukuthi abafundi bakaYesu babenokuba seluxolweni xa behlala bemanyene naye.

b Igama elithi “ihlabathi” lisetyenziswa ngale ndlela ifanayo kuYohane 15:19 naku-2 Petros 2:5.