Yiya kwinkcazelo

Ngaba IBhayibhile Iyakuvumela Ukudivosa?

Ngaba IBhayibhile Iyakuvumela Ukudivosa?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IBhayibhile iyakuvumela ukudivosa. Noko ke, uYesu wathi sinye kuphela isizathu esamkelekileyo sokudivosa, esithi: “Nabani na oqhawula umtshato nomfazi wakhe, ngaphandle kwangesizathu sohenyuzo [ukulala nomntu ongatshatanga naye], aze atshate nomnye uyakrexeza.”—Mateyu 19:9.

UThixo uyabacaphukela abantu abaqhawula umtshato besebenzisa amaqhinga. Uza kubaphendulisa ngokwakhe abantu abasuke bashiye abantu abatshate nabo, ngakumbi xa bekwenza oku kuba befuna omnye umntu.—Malaki 2:13-16; Marko 10:9.