Yiya kwinkcazelo

Kutheni Abantu Besifa?

Kutheni Abantu Besifa?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Iyazenzekela into yokuba sizibuze unobangela wokufa, ngokukodwa xa siswelekelwe sisalamane okanye umhlobo. IBhayibhile ithi: “Ulwamvila oluvelisa ukufa sisono.”​—1 Korinte 15:56.

Kutheni bonke abantu besona baze bafe?

 Abantu bokuqala uAdam noEva, bafa kuba bamona uThixo. (Genesis 3:17-19) Imiphumo yemvukelo yabo yaba kukufa, ngoba uThixo ‘ngumthombo wobomi.’​—INdumiso 36:9; Genesis 2:17.

 UAdam wosulela yonke inzala yakhe ngesono. IBhayibhile ithi: “Isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono.” (Roma 5:12) Bonke abantu bayafa kuba bonke bonile.​—Roma 3:23.

Indlela ukufa okuza kupheliswa ngayo

 UThixo uthembisa ukuba kuza ixesha apho aya “kuginya ukufa ngonaphakade.” (Isaya 25:8) Ukuze aphelise ukufa, uza kuqala asuse ingcambu yako, isono. Uza kukwenza oku esebenzisa uYesu Kristu ‘osusa isono sehlabathi.’​—Yohane 1:29; 1 Yohane 1:7.