Yiya kwinkcazelo

Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo?

Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UBukumkani bukaThixo buza kuthatha indawo yabo bonke oorhulumente babantu buze bulawule umhlaba wonke. (Daniyeli 2:44) Emva koko, uBukumkani bukaThixo . . .

  • Buza kutshabalalisa abantu ababi abasenzakalisayo ngokuzingca kwabo. “Bona ke abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni.”—IMizekeliso 2:22.

  • Buza kuphelisa zonke iimfazwe. “[UThixo] uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba.”—INdumiso 46:9.

  • Buza kuzisa impumelelo nonqabiseko emhlabeni. “Baya kuhlala ngoxolo, ngamnye phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, yaye akuyi kubakho bani uboyikisayo.”—Mika 4:4, iGood News Translation.

  • Buza kwenza umhlaba ube yiparadesi. “Iya kuba nemihlali intlango nommandla ongumqwebedu, nethafa eliyinkqantosi liya kuvuya lize lityatyambe njengesafroni.”—Isaya 35:1.

  • Buza kunika abantu umsebenzi owonwabisayo nowanelisayo. “Nomsebenzi wezandla zabanyuliweyo [bakaThixo] baya kuwusebenzisa ngokupheleleyo. Abayi kubulalekela ilize.”—Isaya 65:21-23.

  • Buza kuphelisa izifo. “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’”—Isaya 33:24.

  • Buza kuphelisa ukwaluphala. “Inyama yakhe mayihlaziyeke ngakumbi kunasebutsheni; makabuyele emihleni yamandla obutsha bakhe.”—Yobhi 33:25.

  • Buza kuvusa abafileyo. ‘Bonke abo bakumangcwaba enkumbulo baya kuliva ilizwi lakhe.’—Yohane 5:28, 29.