Yiya kwinkcazelo

Ndingazikhusela Njani Ekuncwasweni Ngumntu Endingamfuniyo?

Ndingazikhusela Njani Ekuncwasweni Ngumntu Endingamfuniyo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Sebenzisa la macebiso obulumko asuka eBhayibhileni:

  1.   Yiba nesidima. Yiba nobubele kwaye ubahloniphe abantu ophangela nabo, kodwa kuphephe ukukhululeka kakhulu de wamkele izincwaso.​—Mateyu 10:16; Kolose 4:6.

  2.   Nxiba ngesidima. Simele sikuphephe ukunxiba impahla evuselela inkanuko. IBhayibhile ithi masinxibe ngendlela ebonisa ‘ukuthozama nengqondo ephilileyo.’​—1 Timoti 2:9.

  3.   Bakhethe abahlobo. Ukuba usoloko uhleli nabahlobo abadlala ngothando okanye abafuna ukuziphatha kakubi, maninzi amathuba okuba ungancwaswa ngumntu ongamfuniyo.​—IMizekeliso 13:20.

  4.   Ziphephe iincoko ezingcolileyo. Yishiye incoko ‘enamabali angcolileyo neziqhulo ezingamanyala.’​—Efese 5:4, iGod’s Word Bible.

  5.   Ziphephe iimeko ezinokukufaka esilingweni. Ngokomzekelo, kulumkele ukucelwa ukuba uhlale emsebenzini emveni kwexesha lomsebenzi, kungekho sizathu sivakalayo.​—IMizekeliso 22:3.

  6.   Yiba ngqongqo uze ungqale. Ukuba kukho umntu okuncwasileyo ube ungamfuni, mxelele ukuba akuyithandi le nto ayenzayo. (1 Korinte 14:9) Ngokomzekelo unokuthi: “Umane uzigudla apha kum ibe andiyithandi loo nto. Ndicela uyiyeke.” Ungambhalela ileta lo mntu ukuncwasileyo, umcacisele into eyenzekileyo, indlela akwenza uzive ngayo kunye nento ofuna yenzeke ngaloo nto. Yenze icace ukuba awufuni kuncwaswa nguye ngenxa yendlela entle oziphethe ngayo kunye neenkolelo zakho.​—1 Tesalonika 4:3-5.

  7.   Cela uncedo. Ukuba uyaqhubeka uncwaswa ngulo mntu ungamfuniyo, xelela umhlobo wakho omthembileyo, ilungu lentsapho, omntu ophangela naye okanye onamava ekuncedeni amaxhoba. (IMizekeliso 27:9) Amaxhoba amaninzi okuncwaswa aye ancedwa ngumthandazo. Enoba zange wakha wathandaza, ungaludeleli uncedo olufumaneka kuYehova, ‘uThixo wentuthuzelo yonke.’​—2 Korinte 1:3.

 Ukuncwaswa ngumntu ongamthandiyo, kunokwenza kungabi mnandi emsebenzini, kodwa iBhayibhile inako ukukunceda.