Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngokuthetha Ngeelwimi?

Ithini IBhayibhile Ngokuthetha Ngeelwimi?

Impendulo esuka eBhayibhileni

‘Ukuthetha ngeelwimi’ ngummangaliso owawusenziwa ngamanye amaKristu okuqala, owawuwenza akwazi ukuthetha ulwimi engakhange alufunde. (IZenzo 10:46) La maKristu ayethetha kakuhle ngezo lwimi, ethetha into eviwayo ngabantu bazo. (IZenzo 2:4-8) Ukuthetha ngeelwimi yayisesinye seziphiwo zomoya oyingcwele uThixo awayezinike amaKristu okuqala.​—Hebhere 2:4; 1 Korinte 12:4, 30.

 Abantu baqala nini ukuthetha ngeelwimi, ibe babephi?

Lo mmangaliso waqala ukwenzeka ekuseni ngemini yoMthendeleko WamaYuda wePentekoste ka-33 C.E. eYerusalem. Xa abafundi bakaYesu abamalunga ne-120 babedibene, “bonke bazaliswa ngumoya oyingcwele, baqala ukuthetha ngeelwimi ezahlukileyo.” (IZenzo 1:15; 2:1-4) Abantu abaninzi ‘ababevela kuzo zonke iintlanga zabo baphantsi kwezulu’ badibana, ibe “ngamnye wabeva bethetha ngolwimi lwakhe.”​—IZenzo 2:5, 6.

 Kwakutheni ukuze abantu bathethe ngeelwimi?

  1. Le nto yayibonisa ukuba uThixo uyawaxhasa amaKristu. Kudala uThixo wayesenza imimangaliso eyayibonisa ukuba uyabaxhasa abantu abathembekileyo abafana noMoses. (Eksodus 4:1-9, 29-31; Numeri 17:10) Nokuthetha ngeelwimi ke kwakufana, kwakubonisa ukuba uThixo uyalixhasa ibandla lamaKristu elalisanda kubakho. Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Iilwimi zingumqondiso, kungekhona kumakholwa, kodwa kwabangakholwayo.”​—1 Korinte 14:22.

  2. Le nto yayibenza bakwazi ukushumayela ebantwini bonke. Abantu ababevayo abalandeli bakaYesu ngemini yePentekoste bathi: “Sibeva bezithetha ngeelwimi zethu izinto zobungangamela zikaThixo.” (IZenzo 2:11) Esinye isizathu esibalulekileyo sokubakho kwalo mmangaliso yayikukuze amaKristu ‘ashumayele ngokucokisekileyo’ aze ‘abenze abafundi abantu beentlanga zonke,’ njengoko ayethunyiwe nguYesu. (IZenzo 10:42; Mateyu 28:19) Abantu abamalunga ne-3 000 abawubonayo lo mmangaliso, beva nezinto ezazishunyayelwa, baba ngabafundi kwangala mini.​—IZenzo 2:41.

 Ngaba abantu babeza kuhlala bekwazi ukuthetha ngeelwimi?

Hayi. Iziphiwo zomoya oyingcwele, eziquka esi sokuthetha ngeelwimi, zazingazukuhlala zikhona. IBhayibhile yaprofeta yathi: “Enoba kukho iziphiwo zokuprofeta, ziya kubhangiswa; enoba kukho iilwimi, ziya kuphela.”​—1 Korinte 13:8.

 Bayeka nini abantu ukuthetha ngeelwimi?

Yayingabapostile ababedlulisela esi sipho somoya oyingwele kwamanye amaKristu ngokuthi bababeke izandla. (IZenzo 8:18; 10:44-46) Kubonakala ukuba abo babesifumene esi sipho somoya oyingcwele babe ngakwazi ukusidlulisela kwabanye. (IZenzo 8:5-7, 14-17) Ngokomzekelo, urhulumente angamnika umntu ilayisensi yokuqhuba, kodwa loo nto ayithethi kuthi loo mntu unegunya naye lokunika abanye abantu ilayensi yokuqhuba. Izicacele ke into yokuba ukuthetha ngeelwimi kwaphela xa abapostile kunye nabo babanika esi sipho somoya oyingcwele bafayo.

 Ngaba abantu basakwazi ukuthetha ngeelwimi namhlanje?

Ubungqina bubonisa ukuba lo mmangaliso wokuthetha ngeelwimi waphela malunga ngasekupheleni kwe-100 C.E. Akakho umntu namhlanje onokuthi ufumene isipho somoya oyingcwele esivela kuThixo sokuthetha ngeelwimi. a

 Singawabona njani amaKristu okwenyani?

UYesu wathi abalandeli bakhe baza kubonwa ngendlela abathandana ngayo. (Yohane 13:34, 35) Ngokufanayo, umpostile uPawulos wafundisa ukuba amaKristu okwenyani aza kuhlala ebonwa ngendlela athandana ngayo. (1 Korinte 13:1, 8) Waphinda wafundisa ukuba umoya kaThixo wayeza kwenza amaKristu abe neempawu ezibizwa ngokuba ‘sisiqhamo somoya,’ elokuqala kuso luthando.​—Galati 5:22, 23.

a Funda inqaku elithi “Ngaba Ukuthetha Ngeelwimi Kuvela KuThixo?”