Yiya kwinkcazelo

Ngaba UMariya Ngumama KaThixo?

Ngaba UMariya Ngumama KaThixo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Hayi, iBhayibhile ayifundisi ukuba uMariya ngumama kaThixo ingafundisi nokuba amaKristu amele akhonze uMariya. a Khawucinge ngoku:

  • UMariya akazange athi ungumama kaThixo. IBhayibhile ithi, wazala ‘uNyana kaThixo,’ kungekhona uThixo.​—Marko 1:1; Luka 1:32.

  • UYesu Kristu akazange athi uMariya ngumama kaThixo okanye umele akhonzwe. Endaweni yoko, walungisa umfazi owathi uMariya wonwabile kuba engumama wakhe, ngokuthi: “Hayi, kunoko, banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baze baligcine!”​—Luka 11:27, 28.

  • Alikho ibinzana elithi, “uMama kaThixo” nelithi “uTheotokos” (umthwali kaThixo) eBhayibhileni.

  • Ibinzana elithi “uKumkanikazi wezulu” eliseBhayibhileni, alibhekiseli kuMariya kodwa libhekisela kuthixokazi wobuxoki owayekhonzwa ngamaSirayeli awexukileyo. (Yeremiya 44:15-19) Kusenokwenzeka ukuba “uKumkanikazi wezulu” yayinguIshtar (uAstarte), uthixokazi waseBhabhiloni.

  • AmaKristu okuqala awazange amkhonze uMariya ibe awazange amphathe ngendlela ekhethekileyo. Omnye umbhali-mbali uthi, amaKristu okuqala “ayengenakuzamkela izinto ezinento yokwenza nonqulo lobuxoki ibe kusenokwenzeka ukuba ayecinga ukuba xa emjonga ngendlela ekhethekileyo uMariya abantu babesenokucinga ukuba akhonza uthixokazi.”​—In Quest of the Jewish Mary.

  • IBhayibhile ithi uThixo wayekho ukususela kwixesha elingenammiselo. (INdumiso 90:1, 2; Isaya 40:28) Ekubeni engenasiqalo, akanakuba nomama. Enye into, uThixo wayengenakuhlala esibelekweni sikaMariya, iBhayibhile iyenza icace into yokuba namazulu awamlingenanga.​—1 Kumkani 8:27.

UMariya Ngumama KaYesu Kungekhona “Umama KaThixo”

UMariya wayengumYuda ibe wayeyinzala kaKumkani uDavide. (Luka 3:23-31) Wayethandwa nguThixo ngenxa yokuba wayenokholo ibe ezinikele. (Luka 1:28) UThixo wakhetha yena ukuba abe ngumama kaYesu. (Luka 1:31, 35) UMariya nomyeni wakhe, uYosefu babenabo nabanye abantwana.​—Marko 6:3.

Nangona iBhayibhile ibonisa ukuba uMariya waba ngumfundi kaYesu, akukho nto yongezelelekileyo ithethwayo ngaye.​—IZenzo 1:14.

a Iinkonzo ezininzi zifundisa ukuba uMariya ngumama kaThixo. Zidla ngokuthi “nguKumkanikazi wezulu” okanye uTheotokos, igama lesiGrike elithetha “umthwali kaThixo.”