Yiya kwinkcazelo

Yintoni Isono?

Yintoni Isono?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Isono siso nasiphi na isenzo, imvakalelo, okanye ingcinga egqubanayo nemilinganiselo kaThixo. Iquka ukwaphula imithetho kaThixo ngokwenza okuphosakeleyo okanye okungebobulungisa emehlweni kaThixo. (1 Yohane 3:4; 5:17) IBhayibhile ikwathi ukwenza ngokungakhathali—kukusilela ukwenza okulungileyo.—Yakobi 4:17.

Kwiilwimi zantlandlolo zeBhayibhile, amagama amela isono ayethetha “ukungachani” okanye ukuphosa indawo ubujolise kuyo. Ngokomzekelo, iqela lamajoni oSirayeli wamandulo lalingamachule ekuchaneni ngesilingi ibe ‘lalingaphosi.’ Eli binzana xa liguqulelwa ngokoqobo linokufundeka ngolu hlobo “ukungoni.” (ABagwebi 20:16) Ngoko, ukona kukungayichani imilinganiselo kaThixo egqibeleleyo.

Njengomdali, uThixo unelungelo lokubekela uluntu imilinganiselo. (ISityhilelo 4:11) Simele siphendule kuye ngezenzo zethu.—Roma 14:12.

Ngaba ingenzeka into yokuba umntu akuphephe ukona kwaphela?

Hayi. IBhayibhile ithi, “bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.” (Roma 3:23; 1 Kumkani 8:46; INtshumayeli 7:20; 1 Yohane 1:8) Kutheni kunjalo?

Abantu bokuqala, uAdam noEva babengenasono ekuqaleni. Kungenxa yokuba babedalwe bafezeka, ngokomfanekiso kaThixo. (Genesis 1:27) Sekunjalo, baphulukana nokufezeka kwabo kuba abazange bamthobele uThixo. (Genesis 3:5, 6, 17-19) Xa baba nabantwana, badlulisela isono nokungafezeki njengelifa. (Roma 5:12) Kunjengokuba kanye uKumkani uDavide wakwaSirayeli wathi, “Ngenimba ndazalelwa esiphosweni.”—INdumiso 51:5.

Ngaba ezinye izono zikhulu kunezinye?

Ewe. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi abantu baseSodom yamandulo “babengabenzi bobubi yaye babengaboni abakhulu” isono sabo “sinzima kakhulu.” (Genesis 13:13; 18:20) Qwalasela izinto ezintathu ezibonisa ubunzulu okanye ubunzima besono.

  1. Ubunzulu. IBhayibhile isilumkisa ukuba siziphephe izono ezinzulu njengokwabelana ngesondo, unqulo zithixo, ubusela, ukunxila, ukuqhatha, ukubulala, nokusebenzelana nemimoya. (1 Korinte 6:9-11; ISityhilelo 21:8) IBhayibhile iyazohlula ezo zono kwizono ezenziwa kungacingwanga nezingenziwa ngabom, ngokomzekelo amazwi okanye izenzo ezibakhathazayo abanye. (IMizekeliso 12:18; Efese 4:31, 32) Ngenxa yoko, iBhayibhile isikhuthaza ukuba singazijongi njengezingenamsebenzi naziphi na izono ekubeni zinokukhokelela ekophulweni komthetho kaThixo.—Mateyu 5:27, 28.

  2. Intsusa. Ezinye izono zenziwa kuba ingaziwa into efunwa nguThixo. (IZenzo 17:30; 1 Timoti 1:13) Nakuba ingazithetheleli ezo zono, iBhayibhile iyazohlula kwizono ezenziwa ngabom kusophulwa imithetho kaThixo. (Numeri 15:30, 31) Izono ezenziwa ngabom zisuka ‘entliziyweni embi.’—Yeremiya 16:12.

  3. Ukusiphindaphinda. Kwakhona iBhayibhile yenza umahluko .phakathi kokona kube kanye nokwenziwa kwesono kangangexesha elide. (1 Yohane 3:4-8) Abo ‘baqhelisela isono ngabom’ nasemva kokuba befunde indlela yokwenza okulungileyo, bafumana umgwebo owoyikekayo kaThixo.—Hebhere 10:26, 27

Abo bazisolayo ngezono zabo ezinzulu banokuziva besindwa ziimpazamo zabo. Ngokomzekelo, uKumkani uDavide wabhala oku: “iziphoso zam zidlule phezu kwentloko yam; Njengomthwalo onzima zinzima kakhulu kum.” (INdumiso 38:4) Sekunjalo iBhayibhile ineli themba: “Umntu ongendawo makashiye indlela yakhe, nomntu owenzakalisayo makashiye iingcamango zakhe; makabuyele kuYehova, oya kuba nenceba kuye, kuThixo wethu, kuba uya kuxolela ngokukhulu.”—Isaya 55:7.