Eyokuqala KaPetros 2:1-25

  • Nqwenelani ilizwi (1-3)

  • Amatye aphilayo aba yindlu eyakhiwa ngumoya kaThixo (4-10)

  • Ukuphila njengabantu basemzini ehlabathini (11, 12)

  • Ukuthobela ngendlela efanelekileyo (13-25)

    • UKristu ngumzekelo kuthi (21)

2  Ngoko yahlukanani nabo bonke ububi,+ ukuxoka, ukuhanahanisa,* umona nokuhlebana.  Njengeentsana ezisanda kuzalwa,+ nqwenelani ubisi olungaxutywanga lwelizwi, ukuze nikhule nize nisindiswe,+  kuba niye nazibonela ngokwenu ukuba iNkosi inobubele.  INkosi ililitye eliphilayo abangazange balifune abantu,+ kodwa lakhethwa nguThixo kuba lixabisekile kuye.+ Xa nisondela kuyo,  nani njengamatye aphilayo niba yindlu eyakhiwa ngumoya kaThixo+ ukuze nibe liqela lababingeleli abangcwele, ninikele imibingelelo nikhokelwa ngumoya kaThixo,+ aze ayamkele ngoYesu Kristu.+  Kuba sithi iSibhalo: “Jonga! Ndibeka ilitye elikhethiweyo eZiyon, ilitye lekona elisisiseko nelixabisekileyo, yaye bonke abo bakholwayo kulo abasoze baphoxeke.”*+  Nini abamxabisileyo kuba ningamakholwa; kodwa kwabo bangakholwayo, “ilitye elalingafunwa ngabakhi+ liye laba lilitye lekona eliyintloko,”+  ibe liye laba “lilitye elikhubekisayo nolwalwa olubenza babe nomsindo abantu.”+ Bakhubeka kuba bengalithobeli ilizwi. Yiloo nto kakade emele ibehlele abantu abanjalo.  Kodwa nina “niluhlanga olukhethiweyo, ababingeleli basebukhosini,+ isizwe esingcwele, abantu bakhe abakhethileyo,+ ukuze nishumayele kuyo yonke indawo ngeempawu ­ezimangalisayo”*+ ­zaLowo ­wanikhuphayo ebumnyameni waza wanifaka ekukhanyeni kwakhe okumangalisayo.+ 10  Kuba nanikhe anabi ngabantu bakaThixo, kodwa ngoku ningabo;+ naningenzelwanga nceba, kodwa ngoku niyenzelwe.+ 11  Bazalwana endibathandayo, ekubeni ningabantu basemzini+ nabaphambukeli bokwexeshana,+ ndiyanicela ukuba niyiphephe iminqweno yemizimba enesono elwa nani.+ 12  Hlalani niziphethe kakuhle phakathi kwabantu beentlanga,+ ukuze nokuba banityhola ngokwenza izinto ezimbi, bazibonele ngokwabo imisebenzi yenu emihle,+ baze bamzukise uThixo xa ezokuhlola. 13  Ngenxa yeNkosi wathobeleni onke amagunya amiselwe ngabantu.+ Thobelani ookumkani,+ kuba bakwizikhundla eziphezulu, 14  okanye nithobele abalawuli, kuba bathunywe ngukumkani ukuba bohlwaye abenzi-bubi, baze bancome abenza izinto ezilungileyo.+ 15  Kaloku uThixo uthanda ukuba, ngokwenza kwenu izinto ezintle, nibavale umlomo abantu abangayisebenzisiyo ingqondo bethetha izinto ezingekhoyo.+ 16  Yibani ngabantu abakhululekileyo,+ ningayisebenzisi kakubi inkululeko yenu ngokwenza* izinto ezimbi,+ kodwa yisebenziseni njengamakhoboka kaThixo.+ 17  Yibani nembeko kumntu wonke,+ thandani bonke abazalwana,+ yoyikani uThixo,+ nihloniphe nokumkani.+ 18  Izicaka mazithobele iinkosi zazo ngokupheleleyo,+ hayi kuphela nje ezo zilungileyo nezinobubele, kodwa kwanezo zingqwabalala. 19  Kaloku uThixo uyamthanda umntu ozama ngandlela zonke ukuba nesazela esicocekileyo phambi kwakhe, enyamezela ubunzima nezinto ezibuhlungu nangona engenzanga nto.+ 20  Kuba kunceda ngantoni ukunyamezela kwakho xa ubethelwa isono osenzileyo?+ Kodwa uThixo uyamthanda umntu onyamezela ubunzima ngenxa yokuba enze izinto ezilungileyo.+ 21  Kaloku, nabizelwa loo nto, kuba noKristu waphathwa kabuhlungu ngenxa yenu,+ enishiya nomzekelo enimele nizame ngandlela zonke ukuwulandela.+ 22  Akazange one,+ engazange aqhathe mntu.+ 23  Xa wayethukwa,+ akazange aphindise. Xa wayephathwa kakubi,+ akazange aqalekise,+ kodwa wathembela kuLowo ugweba+ ngobulungisa. 24  Wazithwala izono zethu+ ngomzimba wakhe esibondeni,*+ ukuze sife esonweni* size siphilele ubulungisa. Yaye “niye naphiliswa ngamanxeba akhe.”+ 25  Kuba naninjengeegusha ezilahlekayo,+ kodwa ngoku nibuyele kumalusi+ okhusela ubomi benu.

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, umntu ozenza into angeyiyo.
Ngokoqobo, “bahlaziswe.”
Oko kukuthi, izinto ezintle azenzileyo neempawu zakhe.
Okanye “ngokufihla.”
Okanye “emthini.”
Okanye “sahlukane nesono.”