Eyokuqala KaPetros 3:1-22

  • Abafazi namadoda (1-7)

  • Velanani; funani uxolo (8-12)

  • Ukwehlelwa zizinto ezibuhlungu kuba ulilungisa (13-22)

    • Kulungeleni ukuthethelela ithemba lenu (15)

    • Ukubhaptizwa nesazela esilungileyo (21)

3  Ngendlela efanayo, nina bafazi, wathobeleni amadoda enu,+ ukuze ukuba kukho kuwo angalithobeliyo ilizwi, ancedwe akholwe ngenxa yokubona ukuziphatha kwabafazi bawo, bengakhange bathethe,+  akholwe kuba eye azibonela ngokwawo indlela entle eniziphethe ngayo,+ nendlela eniwahlonipha ngayo ngokusuka entliziyweni.  Ukuzilungisa kwangaphandle makungabi yeyona nto ibalulekileyo kuni, njengokuphothwa kweenwele nokufakwa kwezinto zokuhomba zegolide+ okanye ukunxitywa kweempahla zodidi.  Kodwa ubuhle benu mabubonakale ngendlela eniyiyo entliziyweni. Ngoko zihombiseni ngokuzola nokululama,+ kuba ezo zinto zixabiseke kakhulu emehlweni kaThixo.  Kuba leyo yindlela ababezihombisa ngayo kudala abafazi abangcwele ababethembele kuThixo, bethobela amadoda abo,  njengokuba noSara wayemthobela uAbraham, embiza ngokuba yinkosi.+ Njengokuba nina ningabantwana bakhe, niza kuqhubeka ningabo ukuba nihlala nisenza izinto ezilungileyo, ningoyiki nto.+  Nina ke madoda, qhubekani nihlala nabo ngokubazi.* Baphatheni ngembeko+ njengezitya ezingomelelanga njengani, kuba bengabafazi, bezizo neendlalifa zobubele bukaThixo kunye nani,+ ukuze kungabikho nto inqanda imithandazo yenu.  Okokugqibela, cingani ngendlela efanayo nonke,+ nivelane, nithandane njengabazalwana, nibe nenceba+ nize nithobeke.+  Sanukubuyisela ububi ngobubi+ okanye nimthuke+ umntu onithukayo. Kunoko thethani naye kakuhle,+ ukuze nisikelelwe, kuba nabizelwa loo nto. 10  Kuba “nabani na obuthandayo ubomi nofuna ukonwaba, makalugade ulwimi lwakhe lungathethi izinto ezimbi,+ nemilebe yakhe ingathethi izinto ezilahlekisayo. 11  Makasuke kwizinto ezimbi,+ enze ezilungileyo;+ afune uxolo, aze asebenzele ukulufumana.+ 12  Kuba amehlo kaYehova* ajonge kumalungisa, neendlebe zakhe zimamele imithandazo yawo ecengayo,*+ kodwa uYehova* uyabacaphukela abantu abenza izinto ezimbi.”+ 13  Ngubani ke onokunenzakalisa xa nizimisela ekwenzeni izinto ezintle?+ 14  Nina nonwabile nokuba ningehlelwa zizinto ezibuhlungu ngenxa yokuba ningamalungisa.+ Ze ningoyiki,* ningabi nalo nexhala.+ 15  Yamkelani ezintliziyweni zenu ukuba uKristu uyiNkosi ibe ungcwele. Hlalani nikulungele ukulithethelela ithemba eninalo nakubani na ofuna isizathu sokuba ninethemba, kodwa niyenza loo nto ngomoya ophantsi+ nangembeko.+ 16  Yibani nesazela esilungileyo,+ ukuze nokuba niyagxekwa, badane abo banigxeka+ ngenxa yokuziphatha kwenu kakuhle njengabalandeli bakaKristu.+ 17  Kuba kungcono ukuphathwa kakubi ngenxa yokwenza izinto ezilungileyo,+ ukuba uThixo uyivumele loo nto, kunokuphathwa kakubi kuba nisenza izinto ezimbi.+ 18  Kaloku, kwanoKristu olilungisa wafa kwaba kanye,+ efela izono zabo bangengomalungisa,+ ukuze anisondeze kuThixo.+ Wabulawa enomzimba wenyama,+ waza wavuswa enomzimba womoya.+ 19  Emva koko wahamba wayokushumayela kwiingelosi ezisejele,+ 20  ezaye azamthobela uThixo xa wayelinde ngomonde ngomhla kaNowa.+ Ngelo xesha kwakusakhiwa umkhombe+ owasindisa abantu abambalwa emanzini, oko kukuthi, imiphefumlo esibhozo.*+ 21  Nani ikhona into efana naleyo enisindisayo ngoku, loo nto kukubhaptizwa kuba nikholwa kuvuko lukaYesu Kristu. Ukubhaptizwa ayikokususwa kobumdaka emzimbeni, kodwa kukucela uThixo asiphe isazela esilungileyo.+ 22  Ngoku ungasekunene kukaThixo,+ kuba waya ezulwini; yaye iingelosi namagunya zabekwa phantsi kwakhe.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “bacingeleni.”
Okanye “izikhungo zawo.”
Okanye kusenokwenzeka, “ningoyiki xa benigrogrisa.”
Okanye “abantu abasibhozo.”