Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 MAKHE SICAPHULE KUVIMBA

UKoreshi Omkhulu

UKoreshi Omkhulu

Ngo-Oktobha 5/6, 539 B.C.E., kwenzeka into engakholelekiyo kwisixeko saseBhabhiloni. Ngobo busuku, esi sixeko sabhukuqwa ngumkhosi wamaMedi namaPersi owawukhokelwa nguKumkani uKoreshi wasePersi, okwabizwa nangokuba nguKoreshi omkhulu. Wakwenza oku ngobuchule.

INDLELA UKORESHI AWAYITHIMBA NGAYO IBHABHILONI

Incwadi ethi Ancient World Leaders—Cyrus the Great, ithi: “Xa uKoreshi wayithimbayo, iBhabhiloni yayisisixeko esiphakamileyo, mhlawumbi nangaphezu kwazo zonke ezinye izixeko zoMbindi Mpuma.” Umlambo umEfrata wawunqumla eBhabhiloni. Wawuzalise iifolo zamanzi ezazijikeleze iindonga eziphakamileyo ezazikhusela esi sixeko—sibe ngathi asinakuze soyiswe.

Amadoda kaKoreshi aya kumntla womlambo aza avula imisele ukuze amanzi omlambo aye kwelinye icala, nto leyo eyabangela ukuba umlambo uwuthe. Emva koko, la majoni anqumla kuloo mlambo womileyo aza onda ngamasango, awafika evuleke genge aza ayibhulel’ amasaka iBhabhiloni. Ababhali-mbali bamaGrike uHerodotus noXenophon bathi amaBhabhiloni ayecinga ukuba isixeko sawo sikhuselekile yaye amaninzi ayesitya, esela, onwabile kuquka nokumkani lowo! (Funda ibhokisi ethi,  “Umbhalo Useludongeni.”) Kwelinye icala, uloyiso lukaKoreshi lwafak’ isandla ekuzalisekiseni iziprofeto zeBhayibhile.

Ukoyiswa kweBhabhiloni nguKoreshi kwachazwa kusengaphambili

 UQIKELELO OLUMANGALISAYO

Iziprofeto ezibhalwe kwincwadi kaIsaya ziyamangalisa kuba zabhalwa kwiminyaka emalunga nama-200 ngaphambi kokuba zenzeke—mhlawumbi iminyaka engama-150 ngaphambi kokuba kuzalwe naloo Koreshi! Khawucinge ngoku:

USINDISO OLUMANGALISAYO

Ekuqaleni kowama-607 B.C.E., umkhosi waseBhabhiloni woyisa iYerusalem waza wathimba abantu ababesindile. AmaYuda ayeza kuthinjwa ixesha elide kangakanani? UThixo wathi: “Kothi ke yakuzaliseka iminyaka engamashumi asixhenxe ndimphendulise ukumkani waseBhabhiloni nolo hlanga, . . . kwaye ndiza kulenza inkangala ephanzileyo ukusa kwixesha elingenammiselo.”—Yeremiya 25:12.

UKoreshi wathimba iBhabhiloni ngowama-539 B.C.E. Kungekudala emva koko, wawakhulula amaYuda, aza abuyela emakhayeni awo ngowama-537 B.C.E.—kwiminyaka engama-70 emva kokuthinjwa kwawo. (Ezra 1:1-4) Yona iBhabhiloni yaba “yinkangala ephanzileyo”—nto leyo ebonisa indlela esichane ngayo isiprofeto seBhayibhile.

KUTHENI UMELE UBE NOMDLA?

Khawucinge ngoku: IBhayibhile yaprofeta (1) ngokuthinjwa kwamaYuda iminyaka engama-70, (2) ngokoyisa kukaKoreshi iBhabhiloni kunye nendlela awayeza kuyenza ngayo loo nto, (3) nangokutshatyalaliswa kweBhabhiloni. Abantu babengenakukwazi ukuzazi zonke ezi zinto kwangaphambi kokuba zenzeke! Kuzicacele ukuba: “Isiprofeto asizange nangaliphi na ixesha siziswe ngokuthanda komntu, kodwa abantu bathetha ngokuphuma kuThixo.” (2 Petros 1:21) Yiloo nto sifanele sibe nomdla eBhayibhileni.

^ isiqe. 36 La magama ayechaza ubunzima bengqekembe yemali. Ukuze ufumane inkcazelo ethe vetshe, funda isahluko 7 sencwadi ethi Nikela Ingqalelo KwisiProfeto SikaDaniyeli!, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.