Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHELISA INZONDO EQHUBEKAYO

4 | Yoyisa Inzondo Ngoncedo LukaThixo

4 | Yoyisa Inzondo Ngoncedo LukaThixo

Into Efundiswa YiBhayibhile:

“Isiqhamo somoya luthando, uvuyo, uxolo, umonde, ububele, ukulunga, ukholo, ukululama nokukwazi ukuzibamba.”​—GALATI 5:22, 23.

Into Ethethwa Sesi Sibhalo:

Singakwazi ukuphelisa inzondo eqhubekayo xa sincedwa nguThixo. Umoya oyingcwele wakhe ungasinceda sivelise iimpawu ebesingena kukwazi ukuba nazo. Endaweni yokuba sizame ukuphelisa inzondo ngamandla ethu kungakuhle ukuba sithembele kuncedo lukaYehova. Ukuba senza njalo siza kuziva ngendlela umpostile uPawulos awaziva ngayo kuba wabhala wathi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undinika amandla.” (Filipi 4:13) Nathi siza kukwazi ukuthi: “Uncedo lwam luvela kuYehova.”​—INdumiso 121:2.

Indlela Esinokukunceda Ngayo Esi Sibhalo:

“Ngoku ndiyekile ukuba yindoda ethanda ukulwa kuba uYehova uye wandenza ndaba yindoda enoxolo.”​—UWALDO

Thandaza kuYehova uzithoba ucele umoya wakhe oyingcwele. (Luka 11:13) Mcele akuncede ube neempawu ezintle ebomini bakho. Funda into ethethwa yiBhayibhile ngothando, uxolo, umonde, nokuzibamba kuba ezo mpawu ziphelisa inzondo. Jonga indlela onokuzibonakalisa ngayo ezo mpawu kobakho ubomi. Nawe zama ukuhlala nabantu abafuna ukuba nezo mpawu zifanayo. Aba bantu bangasinceda “sikhuthazane ukuba sithandane size senze izinto ezilungileyo.”​—Hebhere 10:24; umbhalo osemzantsi.