Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

“Abantu Abaninzi Babengafuni Nokundibona”

“Abantu Abaninzi Babengafuni Nokundibona”
  • UNYAKA WOKUZALWA: 1978

  • ILIZWE: ECHILE

  • UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYENDLONGONDLONGO

UBOMI BAM BANGAPHAMBILI:

Ndakhulela eSantiago elikomkhulu laseChile, apho kwakusetyenziswa kakhulu iziyobisi, kugcwele imigulukudu nolwaphulo-mthetho. Utata wabulawa xa ndandineminyaka emihlanu ubudala. Emva koko umama wahlalisana nendoda eyayikhohlakele. Yayisoloko isibetha. Ndithi ndakucinga loo maxesha intliziyo ibe lihlwili.

Njengoko ndandikhula, ndandilungisa yonke into ngobundlobongela. Ndandiphulaphula umculo onesingqi esiphezulu, ndiyindlamanzi yaye ngamathub’ athile ndizifikisela nakwiziyobisi. Ndandisoloko ndisilwa nabathengisi beziyobisi, ababefuna ukundibulala. Ngesinye isihlandlo iqela esasisilwa nalo landithengela umbulali, kodwa ndaphoncuka apho ndihlatywe inxeba nje elinye. Ngenye imini iqela labathengisi beziyobisi landikhomba ngompu entloko lizama ukundixhoma.

Ngo-1996 ndathandana noCarolina, saza satshata ngo-1998. Emva kokuba kuzelwe unyana wethu wokuqala, ndandisoyikela ukuba, njengotata wam wesibini, umsindo wam ongalawulekiyo ungandenza ndiyiphathe kakubi intsapho yam. Ngoko ndaya kwiziko elinceda abantu babuyele kubomi obubhetele (rehabilitation center). Bazama ukundinyanga kodwa batsho phantsi. Ndandicatshukiswa nayinto engenamsebenzi; ndinganqandeki. Kuba ndandifuna ukuyeka ukuvisa ubuhlungu intsapho yam, ndazama ukuzibulala. Ngethamsanqa zange ndife.

Kangangeminyaka emininzi ndandingakholelwa kuThixo, kodwa ndandifuna ukuhamb’ icawa. Ngoko ndangena kwicawa yomoya. Ngelo xesha, umfazi wam wayefundelwa ngamaNgqina kaYehova. Ndandingafuni nokuwabona amaNgqina, ndandidla ngokuwathuka nokuwathuka kodwa into eyayingumnqa ngawo kukuba ayesoloko encumile.

Ngenye imini uCarolina wandicela ukuba ndifunde iNdumiso 83:18 kwiBhayibhile yam. Le vesi itsho phandle ukuba igama likaThixo nguYehova. Ndamangaliswa kukuba ecaweni  yam ndifundile ngothixo, kodwa khange kuthethwe nto ngoYehova. Ekuqaleni konyaka ka-2000, nam ndaqala ukufundelwa ngamaNgqina.

INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE:

Njengoko ndandisiya ndiyazi inyaniso, kwakundivuyisa ukwazi ukuba uYehova nguThixo onemfesane noxolelayo. Ngokomzekelo, kwiEksodus 34:6, 7, iBhayibhile imchaza uYehova ‘njengoThixo onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo, onobubele bothando obuninzi nenyaniso, ogcinela amawaka ububele bothando, oxolela isiphoso nokunxaxha nesono.’

Kwakundivuyisa ukwazi ukuba uYehova nguThixo onemfesane noxolelayo

Sekunjalo, kwakunzima ukwenza izinto endandizifunda. Ndandiqinisekile ukuba andinakuze ndikwazi ukuyeka ukuba ndlongondlongo. Sihlandlo ngasinye ndisiba ndlongondlongo, uCarolina wayendithantamisa. Wayedla ngokundikhumbuza ukuba uYehova uyayibona imigudu endiyenzayo yokuzama ukuwuyeka lo mkhwa. Indlela awayendixhasa ngayo yayindenza ndiqhubeke ndizama ukukholisa uYehova, nangona kwakusoloko kusiba nzima.

Ngenye imini umzalwana owayendifundela, uAlejandro, wathi mandifunde amaGalati 5:22, 23. Ezo vesi zithi isiqhamo somoya kaThixo “luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa.” Wathi ezi mpawu andisoze ndibe nazo ngamandla am, kodwa ndakuncedwa ngumoya oyingcwele kaThixo. Loo nyaniso yayitshintsha ngokupheleleyo indlela endandicinga ngayo!

Ndaya kwindibano enkulu yamaNgqina kaYehova. Ucwangco, ukucoceka nokuthandana kwabantu ababelapho kwandenza ndaqonda ukuba ndilufumene unqulo lokwenyaniso. (Yohane 13:34, 35) NgoFebruwari 2001 ndabhaptizwa.

INDLELA ENDINCEDE NGAYO IBHAYIBHILE:

UYehova wandinceda ndayeka ukuba ndlongondlongo, ndanoxolo. Ndandivakalelwa kukuba undonyule ebugxwayibeni ebendibambeke kubo. Abantu abaninzi babengafuni nokundibona, ibe andibasoli. Ngoku, mna, umfazi wam noonyana bam ababini sikhonza uYehova siseluxolweni.

Izalamane nabo babeziitshomi zam abayikholelwa indlela enditshintshe ngayo. Ngenxa yoko, uninzi lwabo lunomdla eBhayibhileni. Ndiye ndanelungelo lokunceda nabanye abantu bamazi uYehova. Ndivuyiswa kukubona indlela iBhayibhile ebutshintshe ngayo ubomi babo.