Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Izinto Ezinokukuncenda Waneliseke

Izinto Ezinokukuncenda Waneliseke

Sonke​—sitshatile, singatshatanga, sibadala okanye sibatsha—siyafuna ukonwaba nokwaneliseka. UMdali wethu ufuna sizive ngaloo ndlela, yiloo nto esinika amacebiso aza kusinceda.

Zimisele Xa Usebenza

“Makasebenze nzima, esenza izinto ezilungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nento anokuyipha umntu odingayo.”​—EFESE 4:28.

UMdali wethu ufuna sikujonge njengento eluncedo ukusebenza. Ngoba? Umntu osebenza nzima uyonwaba kuba uyakwazi ukukhathalela yena kunye nentsapho yakhe. Unokukwazi nokunceda umntu ofuna ukuncedwa. Uza kuthandwa nangumqeshi wakhe. Umntu osebenza nzima akubi lula ukuba agxothwe emsebenzini. IBhayibhile ikuchaza ukusebenza nzima, ‘njengesipho sikaThixo.’​—INtshumayeli 3:13.

Yiba Ngumntu Onyanisekileyo

“Siyathemba ukuba sinesazela esinyanisekileyo, ekubeni sifuna ukuziphatha ngokunyaniseka kuzo zonke izinto.”​—HEBHERE 13:18.

Xa sinyanisekile siyazihlonipha, sibe noxolo lwengqondo ibe silala kamnandi. Enye into kukuba siza kuthenjwa size sihlonitshwe ngabanye abantu. Abantu abanganyanisekanga abathenjwa yaye abahlonitshwa. Isazela sabo sisenokubakhathaza kuba besoyika ukuba abantu baza kuyazi into abayenzileyo.

IMali Mayingabi Yeyona Nto Ibalulekileyo Ebomini Bakho

“Indlela eniphila ngayo mayibonise ukuba aningobathandi bemali, naneliseke zizinto eninazo.”​—HEBHERE 13:5.

Imali siyayidinga ukuze sikwazi ukuthenga ukutya nezinye izinto. Kodwa ke, ‘ukuthanda imali’ kuyingozi kakhulu. Umntu oyithanda kakhulu imali usenokusebenzisa ixesha namandla akhe ukuze enze imali eninzi. Oku kuzama kwakhe kangaka ukwenza imali kunokubangela iingxaki emtshatweni wakhe, angabi naxesha laneleyo kunye nabantwana bakhe, kanti usenokude agule. (1 Timoti 6:9, 10) Umntu othanda imali kakhulu unokulingeka ekubeni anganyaniseki. Enye indoda esisilumko yathi: “Umntu othembekileyo uza kufumana iintsikelelo ezininzi, kodwa ongxamela ukuba sisityebi akazukuhlala emsulwa.”​—IMizekeliso 28:20.

Khetha Eyona Mfundo Ibhetele

“Bukhusele ubulumko namandla okucinga.”​—IMIZEKELISO 3:21.

Xa siye safunda, siye sikwazi ukuba ngabantu abanokuthenjwa, nabazali abakwaziyo ukwenza izinto kakuhle. Kodwa imfundo iyodwa ayithethi ukuthi siza kuhlala sinayo yonke into esiyidingayo size sonwabe. Kodwa ukuba sifuna ukuphumelela kuyo yonke into esiyenzayo, sidinga ekaThixo imfundo. IBhayibhile ithi umntu ommamelayo uThixo: ‘uza kuphumelela.’​—INdumiso 1:1-3.